Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 11

- Yenza umthandazo ube yinto oyithetha rhoqo
- Thetha noMdali wakho
- Umthandazo yincoko noThixo ophilayo

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 6

Ukunyulwa kwabafundi abalishumi elinambini

12Kwathi ngaloo mihla uYesu waphuma, wasinga entabeni, esiya kuthandaza. Wachitha ubusuku bonke ezibika kuThixo.

UJEREMIYA 29

11Kaloku zisekuhleni kum izicwangciso zam ngani zokuba ndininike intlala-kahle ingabi bububi, ndinidalele ikamva nethemba.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. 12“Nokhalela kum, nize kundithandaza, ndize mna ndiniphulaphule. 13Nondifuna nindifumane, xa nindifuna ngomxhelo wonke.

UJEREMIYA 29:11-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UISAYA 29

Ikamva liyathembisa

15Asazi ke kwabo bazifihlayo –

kunyembelekile kwabafihlela *uNdikhoyo iinjongo zabo,

kwabo benza izinto ebumnyameni,

besithi: “Ngubani oya kusibona? Ngubani oya kusazi?”

16Iinto zonke bona bayazibhukuqa:

kukho udongwe nombumbi – yiyiphi eyona-yona?

Into ebunjiweyo ingamsola na umbumbi isithi: “Andenziwanga nguye”?

Udongwe lungatsho na kumxonkxi ukuthi: “Awunangqiqo”?

UISAYA 29:15-16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 4

Umthandazo wokucela uncedo ngokuhlwa

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara; uphelekwa ngeentambula.

1Ndiphendule ndakukhala kuwe,

Thixo, mlondolozi wamalungelo am!

Wandikhulula embandezelweni yam;

yiba nenceba ke ngoko, uwuve umthandazo wam.

IINDUMISO 4:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 26

41Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni. Intliziyo yona okunene inentumekelelo, ke wona umzimba ubuthathaka.”

UMATEWU 26:41XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 18

20kuba apho bathe bahlangana khona egameni lam ababini nokuba ngabathathu, nam ndikho phakathi kwabo.”

UMATEWU 18:20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 138

3Ndathi ndakukhala kuwe wandiphendula

kangangokuba ndatsho ndomelezeka.

IINDUMISO 138:3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UDANIYELI 6

10Nakuba ke uDaniyeli wayeve ukuba lo mthetho ubhaliwe wapapashwa, usuke wagoduka, wafika wangena kwigumbi lendlu yakhe eliphezulu elalineefestile ezikhangele eJerusalem, waza ke waguqa ngamadolo wathandaza ebulela kuThixo wakhe kathathu ngemini njengoko wayeqhele ukwenjenjalo.

UDANIYELI 6:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 51

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide xa wayejongene noNatan emveni kwenyala lakhe noBhashebha.

1Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!

Ngenxa yezibele zothando lwakho,

nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!

2Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;

ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

IINDUMISO 51:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 6

9Thandazani ke ngoko nina nithi:

“ ‘Bawo wethu osezulwini:

Malaziwe lihlonelwe igama lakho,

10malongame ulawulo lwakho,

makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.

11Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;

12usixolele amatyala ethu,

njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;

13ungasiyekeli ekulingweni,

koko sihlangule kumtyholi;

[kuba ngenene nguwe olawulayo,

namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’

UMATEWU 6:9-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Yenza umthandazo ube yinto oyithetha rhoqo
Umthandazo ligazi kubomi benkolo yakho. Wenza usoloko ukhumbula ubungcwele obukuwe nobukho bukaThixo kuyo yonke into oyenzayo. Umthandazo ubaluleke njengo kuphefumla. Ukugcina usoloko unonxibelelwano nobukho bukaThixo obusinika ubom.

Thetha noMdali wakho
Ngamanye amaxesha apha kwindlela yakho, uzibhaqa unombuzo ngezinye izinto ozifundiswe ngabazali bakho, abahlobo nabanye abantu ababe nenxaxheba ebomini bakho. Yigcine engqondweni into yokuba uThixo uyakuhlala elawula ebomini bakho.

Umthandazo yincoko noThixo ophilayo
Ukuthandaza nabanye abantu kuthetha ukuba uhamba nabantu abalungileyo.

– Umthandazo ukugcina ungasenzi isono
– Umthandazo ukunika amandla ngamaxesha obunzima
– Umthandazo awufuni thethwa-thethwano
– Uxolelo luza ngemithandazo
– Umthandazo wamaxesha onke noya kuhlala uhleli

Amaxesha amaninzi sisoloko singenawo amazwi okuthandaza okanye singakwazi ukuthandaza. UThixo wasinika umthandazo obalulekileyo nowagcinileyo amaKrestu kuyo yonke le minyaka kude kube namhlanje (UMatewu 6:9-13).

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-