Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 10

- Cwangcisa kwakhona indawo oya kuyo
- Musa ukulibala ukuzama ukuziphucula rhoqo!
- Fikelela kwiphupha lakho
- Fumana izipho zakho

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 73

21Ngokuya ndandibindekile,

ndikhathazekile entliziyweni,

22ndandingaqondi, ndisisidenge;

ndandiziphethe njengesilwanyana.

23Kambe ke ndisoloko ndikuwe;

undithe chu ngesandla.

24Ewe, wena uyandithundeza;

kamva ke wondamkelela ewongeni.

IINDUMISO 73:21-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 13

14Imfundiso yesilumko ngumthombo wobomi,

kuba umntu imhlangula kwizabatha zokufa.

IZAFOBE 13:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 5

13Wonke umntu osezwa ubisi lusana; akakwazi okuhle nokubi. 14Ngabantu abadala abatya ukutya okuqinileyo; bona sebenamava, bayawazi umahluko phakathi kokuhle nokubi.

KUMAHEBHERE 5:13-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 4

13Ekugqibeleni ke sonke siya kuba yiloo mbumba yamanyama iqulethwe lukholo lwethu, kwakunye nokwazi kwethu uNyana kaThixo; sibe ngabantu abakhule bagqibelela, silingane noKrestu ogqibeleleyo. 14Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba.

KWABASE-EFESE 4:13-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2

42Babehlangana rhoqo, bedlelana ngokuphulaphula iimfundiso zabathunywa, nangokuqhekeza isonka, nangokuthandaza.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 2:42XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

23Nayiphi na into eniyenzayo yenzeni ngomxhelo ngokungathi niyenzela iNkosi, aniyenzeli bantu. 24Ze nikhumbule ukuba iNkosi iya kunivuza ngelifa eligcinele abantu bayo. Kaloku uKrestu yeyona Nkosi nikhonza yona.

KWABASEKOLOSE 3:23-24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 3

Ukusukela entanjeni

12Asikuko nokuba ndithi sendiphumelele, okanye sendigqibelele, nto nje ndihlala ndixhinele phambili, ndizabalazela ukuba kubekho lutho ndiluzuzayo, kuba nam ndazuzwa nguKrestu Yesu. 13Hayi, mawethu, andizibaleli ekuthini sendizuzile, nto nje nantsi into endiyenzayo: ndithi ndizilibala izinto esezigqithile, nditsazele kwezo zingaphambili, 14ndixhinele entanjeni, ukuze ndilizuze ibhaso laphezulu asifunza kulo uThixo ngoYesu Krestu.

KWABASEFILIPI 3:12-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 12

6Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo. 7Ukuba sinesiphiwo sokukhonza abanye, masizingise ekukhonzeni. Ukuba sinesiphiwo sokufundisa, masifundise kangangoko sinako. 8Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.

KWABASEROMA 12:6-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 1

14ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.

UYOHANE 1:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 3

16Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo. 17Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.

UYOHANE 3:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 5

18Ngako ke, njengokuba kwathi ngasono sinye, bonke abantu bagwetywa, ngokunjalo kuya kuthi nangesenzo esinye esilungileyo, bonke abantu bagwetyelwe, badle ubomi.

KWABASEROMA 5:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 1

7Sikhululwe sazixolelwa izono zethu ngegazi likaKrestu. Siyaphuphuma kuthi isisa

KWABASE-EFESE 1:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 1

22Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe.

KWABASEKOLOSE 1:22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Cwangcisa kwakhona indawo oya kuyo
Ukuba uyaziva ukuba uyalahlekwa yindlela yakho, musa ukoyika ukucela imithandazo okanye inkuthazo komnye umKrestu ohamba naye. Thetha nomfundisi wakho ucele icebo.

Musa ukulibala ukuzama ukuziphucula rhoqo!
Ukufunda izinto ezintsha yinto efunekayo kubo nabuphi ubomi ophila kubo. Izisombululo zayizolo aziyiyo impendulo kwimiba yanamhlanje. Kwangokufanayo, ukholo lwakho kufuneka lukhule kunye nawe. Ukukhula ke kufumaneka ngokufunda nokuva ilizwi iLizwi lika Thixo, kwanokufunda nokuthandaza namanye amakholwa.

Ukuhlala uzimilisele iingcambu zakho kwiLizwi kuya kukunceda uhlale unyanisekile kubukholwa bakho. Xa ujongene nengxaki yokuziphatha, ukulazi iLizwi kuya kukunceda uthathe izigqibo ezihambelana nenkolo yakho yobuKrestu.

Fikelela kwiphupha lakho
Uhambo lomntu ngamnye lunezinto ezimbalwa azikhethileyo zobomi ezibalulekileyo kuye neziya kugqiba ngempumelelo yakhe okanye ukusilela. Ungaqiniseka njani ukuba okukhethayo kuya kuba kokulungileyo?

Fumana izipho zakho
Sonke siyafuna ukuba nezinto esizenzayo ebomini bethu, ezisenza sizive siba khulu. Umntu wonke unezibabalo azinikwe nguThixo, iimpawu okanye ubuchule obumenza angafani nabanye. Kungoko kubalulekile ukuba uzibhaqe iziphiwo neetalente onazo ezizezakho wedwa.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-