Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 12

- IBhayibhile – incwadi yakho yokusebenza kubomi bakho bonke
- IBhayibhile ithetha nawe
- IBhayibhile yi GPS yakho
- IBhayibhile ifana nesipili

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 119

Ilizwi likaNdikhoyo liyakhanyisa

105Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;

liyandikhanyisela eluhambeni.

IINDUMISO 119:105XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 15

4Kaloku zonke izinto eziseziBhalweni zabhalelwa ukusifundisa, khon' ukuze sihlale sihleli sinethemba ngonyamezelo nenkuthazo esizifumana kuzo iziBhalo.

KWABASEROMA 15:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 4

12Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza. Libukhali ngaphezu kwekrele elibazwe macala. Lihlabanisela liye kuthi xhokro embindini, phakathi komzimba nomphefumlo, nasekudibaneni kwamathambo nomongo. Liyazihluza lizicalu-calula iingcamango neminqweno yabantu.

KUMAHEBHERE 4:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IBhayibhile – incwadi yakho yokusebenza kubomi bakho bonke
Izigidi zamaKrestu kulo lonke ihlabathi zikholelwa ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo. Bayifunda rhoqo, bayifundisise, bayiqaphele njengesikhokelo sobomi babo.

IBhayibhile ithetha nawe
IBhayibhile ayinje ngencwadi yomyalelo okanye iwebhusayithi enika iimpendulo ezithe gca nezisombululo esele zilungele imibuzo neengxaki ezininzi. Le ncwadi ithetha nawe xa ukulungele ukuva iLizwi likaThixo kwaye ulenze libe yinxalenye yobomi bakho bemihla ngemihla.

IBhayibhile yi GPS yakho
Iquka uluhlu olubanzi lwemiba, iziganeko neemeko eziyinyani zobomi esibuphilayo, nabahlangana nazo abafundi bayo namhlanje. Uninzi lwale mibuzo iphendulwa ngendlela yokunika imizekelo, icebiso nesiyalo, kwanokunika imiyalelo ethe ngqo.

Ukuba, ngamanye amaxesha, kubonakala ngathi asikho isiBhalo esinokusetyenziswa kumba othile, isoloko ikho imigaqo embaxa enokusetyenziswa njengezikhokelo, umzekelo umthetho wokuqala kwelishumi, “Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam,” awubhekisi koonodoli ababunjiweyo kuphela, koko kuyo nayiphina into onayo onokuyithanda ngaphezu koThixo.

IBhayibhile ifana nesipili
Le asiyoncwadi onokuthetha nayo kuphela ngethemba lokufumana uncedo; yincwadi esinika ithuba lokuba sizazi ukuba singoobani, sifunde nokumazi uThixo, njengoko amakholwa ayesenza njalo kwakwimihla yakudala.

Ekugqibeleni, ukukholelwa kumyalelo weBhayibhile, nokuyenza ibe yinxalenye yobomi bakho, ngumba ohamba nokholo. Yenza iBhayibhile ibe yinxalenye “yokuphuma nokungena kwakho” ngokukhangela ezi ziBhalo zilandelayo uze uzigcine kwi “khompyutha” ekuhleni, ukuze zibonakale msinya xa ufuna icebiso, inkuthazo nokudla komphefumlo okukhawulezileyo.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-