Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 8

Zinike ixesha lokuphumla.

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 2

1Aba ke ngoko agqityiwe ukudalwa amazulu nehlabathi liphela. 2Ngomhla wesixhenxe uThixo wayeselekugqibile konke awayekwenza, waza ke waphumla. 3Wawuthamsanqelisa umhla wesixhenxe, wawumisa wangumhla okhethekileyo, kuba ngaloo mhla wayeselegqibile ukudala.

EYEZIQALO 2:1-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 23

12“Sebenza iintsuku zibe ntandathu, kodwa ngolwesixhenxe ungawuphathi umsebenzi, ukuze izicaka nababhaceli ngokunjalo nemfuyo yakho ifumane ikhefu ihlaziyeke.

EYEMFUDUKO 23:12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 34

21“Iintsuku ezintandathu evekini zezokwenza wonke umsebenzi wenu. Kodwa ke ngosuku lwesixhenxe ze niphumle; nditsho nkqu nangamaxesha okulima nokuvuna.

EYEMFUDUKO 34:21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 20

8“Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. 9Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. 10Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. 11Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.

EYEMFUDUKO 20:8-11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Kwimo yomsebenzi yezi ntsuku enokhuphiswano oluninzi ungazibona usebenza nzima kakhulu, uhlale uleqeka emva komsebenzi ongapheliyo. Xa usenza njalo, uzivimba ukuphumla, de ube nesazela xa ungasebenzi.

Isingqi sokusebenza, umane uphumla, samiselwa nguThixo xa wayedala ihlabathi. Ngokuzivumela ukuba uphumle, uthathela ingqalelo into yokuba awulokhoboka lomsebenzi.

Abo bangasithatheli ngqalelo esi siseko, ábasoloko benemveliso ephezulu. UThixo wasibekela umzekelo emasiwulandele.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-