Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 9

Khonza uThixo ngomvuzo wakho.

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 14

Izishumi

22“Kufuneka nisibekele bucala isishumi – oko kukuthi isahlulo seshumi kuyo yonke imveliso yakho yamasimi minyaka le. 23Ngoko ke wosithatha isishumi eso, uye naso kulaa ndawo inyulwe *nguNdikhoyo uThixo wakho ukuze lizinze khona igama lakhe, usityele khona phambi kwakhe – noba yingqolowa, iwayini entsha, amafutha omnquma, okanye amazibulo enkomo noba ngawegusha. Le nto ke noyenza khon' ukuze nifunde ukuhlala nimhlonela uNdikhoyo uThixo wenu.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 14:22-23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 11

42“Mawoo, nina baFarasi! Ninikela kuThixo ngesishumi semifuno enjengetyeleba nenxina neminye, kanti niyabutyeshela ubulungisa nokumthanda uThixo. Benimelwe kakade kukuzenza ezi zinto, kodwa nezinye ningazityesheli.

UMARKO 12

Umnikelo womhlolokazi

41UYesu waya kuhlala phantsi *endlwini kaThixo malunga nesikhongozeli-mali, wasibukela isihlwele sifaka imali kwisikhongozeli apho. Izityebi ezininzi zazinikela kakhulu. 42Ke kwafika mhlolokazi uthile ulihlwempu, wafaka iimalana zambini, ezixabiso limalunga nesenti. 43UYesu wababizela kuye abafundi bakhe, wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, lo mhlolokazi ulihlwempu unikele ngaphezu kwabo bonke abafake imali kwisikhongozeli. 44Kuba bonke abanye banikele bekhupha kwintabalala yabo, kanti yena eswele nje, uzibhokoxile, wanikela konke abenako.”

UMARKO 12:41-44XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 9

6Nize nikhumbule ukuba ohlwayela kancinane uvuna kancinane, ohlwayela kakhulu avune isivuno esikhulu. 7Elowo ke makanikele kangangoko agqibe ngako, engenasikrokro, engaziva enyanzelekile, kuba uThixo uthanda umntu opha ngobubele. 8Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle, 9njengoko zitshoyo *neziBhalo ukuthi:

“Uwapha ngesisa amahlwempu;

ububele belungisa buhlala buhleli.”

2 KWABASEKORINTE 9:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Imali nezinto zethu esiye sizifumane zezethu ngenxa yofefe lukaThixo yaye ngenxa yoko zezakhe. KwiTestamente eNdala abantu bakaThixo babenyanzelekile ukuba babeke bucala isishumi somvuzo basibekele umsebenzi kaThixo. KwiTestamente eNtsha, siyacelwa ukuba sinikele ngokukhululekileyo, nangentliziyo egcobileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-