Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 7

Khuthaza ubudlelwane obuhle.

Itekisi yeBhayibhile

EYONQULO 19

13“Ungaze umqhathe ummelwane wakho okanye umenzele ubuqhophololo. Musa ukuwubamba umvuzo womntu omqeshileyo, nditsho nobusuku obunye obu.

EYONQULO 19:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24

14“Isicaka osiqeshileyo esisweleyo sukusiqhatha noba singumSirayeli okanye siyintlanga ehlala kwakwezo dolophu zenu. 15Yonke imihla ukutshona kwelanga mhlawule ngomsebenzi wakhe; kaloku loo mali uyayifuna, uqamele ngayo. Xa ungamhlawuli uya kukuxela kuNdikhoyo, uze ke wena ube netyala.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 24:14-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 6

Izicaka nabaphathi

5Nina zicaka, bathobeleni abaphathi benu balapha emhlabeni, ninentlonipho, niqhutywa kukunyaniseka, ngokungathi nikhonza uKrestu ngenkqu. 6Ningatshakazi nenze izinto ngenjongo yokuzithandekisa ebantwini, koko yenzani ukuthanda kukaThixo ngomxhelo wenu wonke, njengezicaka zikaKrestu. 7Umsebenzi wenu wenzeni ngemincili, ngokungathi niwenzela iNkosi, aniwenzeli mntu.

8Ze nikhumbule ukuba umntu ngamnye uya kuvuzwa yiNkosi ngomsebenzi omhle, nokuba loo mntu sisicaka nokuba akasiso.

9Nani baphathi yenzani kwangokunjalo ngokubhekiselele kwizicaka zenu. Yekani ukusoloko nizigrogrisa. Khumbulani ukuba nina kwakunye nezicaka zenu ningabeNkosi enye esezulwini, egweba wonke umntu ingenamkhethe.

KWABASE-EFESE 6:5-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 27

18Umntu owukhathaleleyo umthi womkhiwane uyawafumana amakhiwane,

nomntu oyibusayo inkosi yakhe uya kuwongwa.

IZAFOBE 27:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Yinto eyaziwa ngabantu abaninzi ukuba abasebenzi benkampani ngabona balulutho kuyo. Ngoko ke, ubudlelwane phakathi kwabasebenzi bubaluleke kakhulu ekudaleni iziko elizinzileyo nelingenisa inzuzo. Ugwayimbo emsebenzini nabasebenzi abangenamdlandla badla uqoqosho lwelizwe izigidi-gidi zemali qho ngonyaka.

Ubudlelwane obuhle babasebenzi busekelwe ekuthembaneni nasekuhloniphaneni nangengqiqo yokuba abaqeshi nabasebenzi (umphathi nekhobhoka ngokwamaxesha aseBhayibhileni) baphantsi kwegunya likaThixo. UThixo ulindele ukuba abasebenzi bawugqibe umsebenzi wabo wosuku yaye bahlawulwe umvuzo ofanelekileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-