Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 6

Yanela.

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 20

17“Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”

EYEMFUDUKO 20:17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 30

Ezinye izafobe

7Awu, Bawo, zimbini nje qha izinto endizicelayo kuwe;

ewe, ndiphe zona ndingekafi!

8Ndikhwebule kubuqhetseba nokuxoka;

mandingade ndibe sisityebi okanye ndihlwempuzeke,

nto nje ndiqhekezele isonka sam semihla ngemihla,

9hleze ndikukhanyele ndakuhlutha,

ndisuke ndithi: “Kuxa engubani yena *uNdikhoyo?”

Ukanti ke naxa ndihlwempuzekile ndingasuka ndibe,

ndihlazise igama likaThixo wam.

IZAFOBE 30:7-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 6

5neengxoxo ezingaphele ndawo. Zonke ezi zinto yimikhwa yabantu abangqondo zingasebenziyo, asebelahlekene nayo inyaniso. Benza ngathi unqulo yindlela yokuzuza ubutyebi.

6Ewe kambe, unqulo luyamtyebisa umntu ukuba uyaneliswa zezo zinto anazo. 7Kaloku zange size nanto ehlabathini; ngoko ke siya kumka singaphathanga nto. 8Kambe ke, ukuba sinako ukutya nempahla yokunxiba masaneliswe. 9Abo baxhinele ubutyebi beyela kwizilingo nemigibe, bathi bexinwe yiminqweno yobudenge eyingozi, batshone ebundlavinini nasekutshabalaleni. 10Ukuthanda imali yingcambu yazo zonke iintlobo zobubi. Abanye bathe ngokusukelana nayo bahola elukholweni, baza bayingxwelerha imiphefumlo yabo ngeenzingo.

1 KUTIMOTI 6:5-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 2

16Kaloku zonke izinto zeli hlabathi – iinkanuko zesimo esonakeleyo, ukubawa, namagugu obu bomi – aziveli kuThixo, koko zizinto zeli hlabathi. 17Ihlabathi nazo zonke izinto ezinqwenelwa ngabantu zezomzuzwana, ziyadlula, kodwa yena owenza ukuthanda kukaThixo uya kuhlala ehleli.

1 KAYOHANE 2:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 13

5Musani ukuba ngamathandamali. Yanelani yinto eninayo. Kaloku uThixo uthi: “Andiyi kukuyekela; ndingayi kukufulathela.” 6Masitsho singenadyudyu ke sithi:

“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!

Angandenza ntoni umntu?”

KUMAHEBHERE 13:5-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 4

11Xa nditshoyo ke andikhalazeli kuswela. Kaloku mna ndafunda ukwanela nakuyiphi na imeko endikuyo.

KWABASEFILIPI 4:11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Eminye imigibe onokungena lula kuyo kukuzithelekisa nabo bangcono kunawe. Ngenxa yoko, awaneli yaye usoloko ufuna okungaphezulu. Kuya kuthi kugekudala ube sowubotshelelwe kukunyoluka de kungabikho nto ikwanelisayo. IBhayibhile iyasilumkisa ngomona.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-