Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 5

Umgunyathi nobuqhetseba.

Itekisi yeBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 25

13-14“Xa usebenzisa isilinganiso sukwenza buqhophololo mayela nobunzima nobungakanani. Izilinganiso zakho mazibe zezizizo ngalo lonke ixesha. 15Sisebenzise ngokunyaniseka isilinganiso, khon' ukuze uhlale ithuba elide kwelo lizwe akunika lona uNdikhoyo uThixo wakho. 16Kaloku banezothe kuNdikhoyo abantu abanobuqhophololo.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 25:13-16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 11

1UNdikhoyo umthiyile umntu osebenzisa isilinganiso esinegobe;

kambe ke uyamthanda lowo usebenzisa isilinganiso esingenaxanasi.

IZAFOBE 11:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 11

18Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,

phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19Ubulungisa obububo busingisa ebomini;

ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

IZAFOBE 11:18-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYONQULO 19

35“Ze ningaqhathi bani ngokusebenzisa imilinganiselo engeyiyo, nditsho eyobude nobunzima neyesixa. 36Sebenzisani imilinganiselo engenankqatho, nokuba yeyobude, nokuba yeyobunzima, nokuba yeyenani. Nditsho mna Ndikhoyo Thixo endanikhuphayo eJiputa. 37Yithobeleni yonke imimiselo yam nemithetho yam; kaloku ndinguNdikhoyo.”

EYONQULO 19:35-37XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UAMOS 8

Intshabalalo yamaSirayeli

4Phulaphulani, nina niwacinezelayo amahlwempu,

nizama ukuzicim' igama iindwayi.

5Nina nithi: “Yaz'ba iya kuphela nini le misitho yentwasa-nyanga,

side size kuthengisa isivuno sethu?

Iya kuda idlule nini yona le mihla yokuphumla,

khon' ukuze sananise ngengqolowa?”

Ibe kanti umlinganiselo niza kuwucutha,

ixabiso lona nilinyuse,

nenze ubuqhetseba ngezikali ezinganyanisekanga.

6Amahlwempu niza kuwathenga ngesiliva,

abasweleyo nibafumane nokuba kungeembadada,

nithengise nkqu nangomdlungu wengqolowa.

7UNdikhoyo, iqhayiya likaYakobi, ufunge esithi:

“Ndikhonje, andisobe ndizilibale nanini na izenzo zabo!

UMIKA 6

9UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.

Bubulumko ukuthobela igama lakhe.

Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.

10“Soze ndibulibale, ndlundini yenkohlakalo,

ubutyebi obuzuze ngobuqhophololo.

Ziqalekisiwe izilinganiso zakho zobuqhetseba.

11Andimxoleli umntu osikali sinexanasi,

osebenzisa amatye okuveyisha anenkohliso.

12Izinhanha zakho zizibhoja,

kanti abantu bakho bayaxoka,

batsho ngolwimi olukhohlisayo.

13Ngoko ke ndiqalile ukukutshabalalisa;

ndokutshitshisa ngenxa yezono zakho.

14Uya kuba ngatya, unganeliseki;

isisu sakho sosala sithe nca.

Uya kuba ngabeka, kungagcinakali nto;

oovimba bakho bochithwa yimfazwe.

UMIKA 6:9-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Amaxesha amaninzi siva ngabantu ababize imali ngeenkonzo okanye iimpahla abangazihambisanga.
Ngamaxesha eBhayibhile kwakusetyenziswa isikali nemilinganiselo ukugqiba ngexabiso leempahla. Le nto yanyanzelisa ukuba kufunwe imilinganiselo yokwenyani kunye norhwebo olunentembeko. Kodwa siva kaninzi ngamashishini abiza imali ngeempahla ezingahanjiswanga okanye amaxabiso angathembakalanga abizwa kubantu abahluphekileyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-