Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 4

Ukunyoba nobuqhophololo.

Itekisi yeBhayibhile

IZAFOBE 12

27Umntu onqenayo akayosi nenyamakazi le ayizingelayo;

kodwa ke osebenzayo uzuza impahla exabisekileyo.

IZAFOBE 12:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 15

4Ngobadelayo abo babukulwe nguThixo,

abancome abo bamoyikayo uNdikhoyo,

ofunga angajiki noba kunyembelekile.

5Ngongabolekisi ngemali yakhe,

ngenxa yokuba efuna inzala;

ngongekhe anyotywe ngokuthengisa umnt' ongenatyala.

Lowo ke wenjenjalo

ngumnt' ozinzileyo.

IINDUMISO 15:4-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 28

21Ukujonga ubuso akulunganga;

kodwa ke abanye abantu bangade bone nangenxa yeqhekeza eli lesonka.

22Umntu oligqolo usukelana nobutyebi;

akaqondi ukuba usenokufikelwa bubuhlwempu.

IZAFOBE 28:21-22XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 7

7Isilumko esiphantsi kwezoyikiso silahlekelwa ziingqondo;

umntu onyotywayo wonakala ingqiqo.

AMAVA ENGQONDI 7:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ukunyoba nobuqhophololo buninzi emsebenzini. IBhayibhile isifundisa ukuba ukunyoba akulunganga yaye kuya kukhokelela ekuweni kwakho.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-