Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 7

UMoya oyiNgcwele nonakekelo lwakho

Itekisi yeBhayibhile

UYOHANE 14

Isithembiso ngoMoya oyiNgcwele

15“Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam. 16Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade. 17Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.

18“Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama. 19Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona. Kodwa nina niya kundibona, kuba mna ndiyaphila, naye nani niya kuphila. 20Ngaloo mini niya kuqonda okokuba ndikuBawo, nani nikum, nam ndikuni.

21“Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”

UYOHANE 14:15-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYesu wathembisa abafundi bakhe ukuba uBawo uya kubathumelela uMoya oyiNgcwele

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-