Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 6

Inkuthazo evela kwizibhalo

Itekisi yeBhayibhile

UYOSHUWA 1

6Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo. 7Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane. 8Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo. 9Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”

UYOSHUWA 1:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IBhayibhile inika amazwi amaninzi enkuthazo kulowo uwafunayo. Emva kokubhubha kukaMosis, uThixo wathetha noYoshuwa awayemkhethile ukuba akhokele abantu bakwaSirayeli abase kwilizwe lesithembiso laseKanana. Kwesi sicatshulwa silandelayo, sifunda amazwi kaThixo enkuthazo kuYoshuwa.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-