Bible Society of South Africa

Ukubizelwa unakekelo – Day 8

Isipho sonakekelo

Itekisi yeBhayibhile

KWABASEROMA 12

3Ngalo ubabalo endababalwa ngalo ndithi kuni nonke: Musani ukuzicingela ngaphezu koko umntu amelwe kukuzicingela ngako. Ndaweni yaloo nto yibani neengcinga ezithobekileyo. Elowo nalowo makazikhuthaze ngokokholo aluphiwe nguThixo. 4Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, 5ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. 6Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo. 7Ukuba sinesiphiwo sokukhonza abanye, masizingise ekukhonzeni. Ukuba sinesiphiwo sokufundisa, masifundise kangangoko sinako. 8Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.

KWABASEROMA 12:3-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 1

6Ngenxa yeso sizathu ndiyakukhumbuza ukuba usivuselele eso sipho wasinikwa nguThixo ukukubeka kwam izandla. 7Kuba kaloku uMoya esimnikwe nguThixo asingowobuphakuphaku, koko uvuselela isibindi, uthando, nokuzeyisa.

2 KUTIMOTI 1:6-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Sithe ukunakekela lubizo. IBhayibhile isifundisa ukuba uThixo usinika izipho zomoya nokwazi kubantu ukuze bakwazi ukuphumeza ubizo lwabo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-