Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 7

Owasetyhini waseBhayibhileni uyakhokhela kwezobumoya

Xa kufunekayo owasetyhini uyavuma ukukhokhela kwezobumoya. Noxa angenguye umfundisi uyalithobela ilizwi likaThixo xa abizwa ukumngqinela, abancede abo baswele uncedo kwezobumoya, ababuyisele abantu kuThixo. Uyamphulaphula uThixo, afake igxalaba kwiphulo lecawe.

Ke ùbona ukuthi: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

IINKOKHELI 4

3UJabhin lo ke wayenamakhulu alithoba eenqwelo ezenziwe ngentsimbi. AmaSirayeli wawaphatha gadalala isithuba samashumi amabini eminyaka. AmaSirayeli ke asuka azibika kuNdikhoyo.

4Ke kaloku umshumayelikazi uDibhora umka-Lapidoti waba yinkokheli kwaSirayeli ngelo thuba. 5Inkundla yakhe yayiphantsi komthi wesundu ekwakusithiwa ngokaDibhora kweleentaba lakwaEfrayim phakathi kweRama neBhetele. Ke wona amaSirayeli ayesiya kuye ukuze awacombululele imicimbi yawo.

6UDibhora wathumela wabiza uBharaki unyana ka-Abhinowam eKedeshe kwaNafetali. Wathetha naye wathi: “Nanku umyalelo ophuma kuNdikhoyo uThixo kaSirayeli: Qokelela ishumi lamawaka amadoda kwaNafetali nakwaZebhulon, uhambe nawo uye kwintaba iTabhore. 7Ke mna ndiya kumenza uSisera, injengele yomkhosi kaJabhin, eze kuwe kumlambo iKishon. Uya kuba exhobile, eneenqwelo namabutho akhe, kodwa ke ndiya kumnikela esandleni sakho.”

8UBharaki ke waphendula wathi: “Kulungile, ukuba siza kuhamba kunye, kodwa ukuba akuyi wena, nam andiyi.”

9Ke yena wathi: “Ewe, ukuhamba oku ndiya kuhamba, kodwa ke uze wazi ukuba udumo lwale mfazwe aluyi kuza kuwe, kuba uNdikhoyo uya kumnikela emfazini uSisera lowo.”

Ngoko ke uDibhora waya eKedeshe ehamba noBharaki.

IINKOKHELI 4:3-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 3

11Nabafazi babo mababe ngabazimilo zihle, bengahlebi; abazinzileyo ngengqondo, bethembekile ngeendlela zonke.

1 KUTIMOTI 3:11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 12

4Kaloku, kwanjengokuba sinamalungu amaninzi mzimbeni mnye, abe ke onke amalungu la engenamsebenzi mnye, 5ngokunjalo thina aba, sibaninzi nje, simzimba mnye ngokumanywa noKrestu. Sonke ke ngabanye singamalungu omnye elomnye. 6Masizisebenzise ke iziphiwo ezahlukeneyo esababalwa ngazo nguThixo. Ukuba sinesiphiwo sokuvakalisa ilizwi elivela kuThixo, masilivakalise ngokokholo esinalo. 7Ukuba sinesiphiwo sokukhonza abanye, masizingise ekukhonzeni. Ukuba sinesiphiwo sokufundisa, masifundise kangangoko sinako. 8Ukuba sinesiphiwo sokukhuthaza, masiqine ekukhuthazeni. Ongumabi makazabe izipho ngesisa. Owongameleyo makongamele ngenzondelelo. Owenza inceba makayenze echwayitile.

KWABASEROMA 12:4-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 20

25Waza uYesu wababizela kuye, wathi: “Niyazi ukuba ezintlangeni abo balawulayo banobukhosi; nâbo bazizikhulu zazo benza ngegunya. 26Kodwa ke ze kungabi njalo phakathi kwenu. Ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu, makabe ngumkhonzi wenu; 27nofuna ukuba ngowokuqala kuni, makabe sisicaka senu; 28abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

UMATEWU 20:25-28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 31

26Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;

xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.

IZAFOBE 31:26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EKAYAKOBI 5

19Mawethu, ukuba omnye wenu ulahlekile waphuma enyanisweni, waza omnye umntu wambuyisa, 20qinisekani ngale ndawo: Nabani na oguqula umoni olahlekayo usindise umphefumlo ekufeni, watsho kwaxolelwa izono ezininzi.

EKAYAKOBI 5:19-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Ikhona into engahambi ngandlela

UMARKO 15

39Ekubonile ukufa kukaYesu, umphathi-butho wamajoni, owayemi malunga naye, wathi: “Inyaniso, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”

40Kwakukho nabafazi, bekhangele bemgama. Kubo apho kwakukho uMariya waseMagadala, noMariya unina kaYakobi omncinci noYose, ekho noSalomi. 41Bona bâmlandela uYesu eseseGalili, bemlungiselela. Kwakukho nabanye abafazi abaninzi ababenyuke naye ukuya eJerusalem.

UMARKO 15:39-41XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KUTIMOTI 1

Umbulelo nenkuthazo

3Ndiyambulela uThixo endimnqula ngokunyaniseka njengookhokho bam. Ubusuku nemini ndisoloko ndikukhankanya emithandazweni yam. 4Ndithi ndakukhumbula ukulila kwakho ndinqwenele ngakumbi ukukubona, ukuze luzaliseke uvuyo lwam. 5Ndicinga ukunyaniseka kokholo lwakho, olufana nolukanyokokhulu uLoyisi, ngokunjalo nonyoko uYunike. Andithandabuzi ukuba ukwanjalo nawe.

2 KUTIMOTI 1:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Utsiba phambili xa iNkosi imbizayo
  • Ungumfazi osimilo sihle
  • Uyazisebenzisa iziphiwo anazo
  • Ukhokhela ngokukhonza
  • Ukhokhela ngobunono
  • Ubacebisa ngendlela eyiyo abo balahlekayo
  • Ungqinela bonke ngelithi uYesu yiNkosi evuke ekufeni
  • Ulandela iNkosi aye kuthi ga ekupheleni
  • Ushiya ilifa lezobumoya

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-