Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 6

Owasetyhini waseBhayibhileni wenza izinto ngendlela eyahlukileyo

Ungumntu obhinqileyo ozimiseleyo ukuba negalelo ekhaya nakwimicimbi yasekuhlaleni. Akoyiki – uba ngumlomo wabafazi ekuhlaleni khon’ ukuze izinto zilunge. Uluvile ubizo uThixo ambize ngalo. Ke uphila ubomi ngokupheleleyo.

Wena ubhaqa ukuthi: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 5

9Banoyolo abo bangabaxolisi, kuba uThixo uya kuthi bangabantwana bakhe!

EYASENTLANGO 27

Iintombi zikaZelofehadi

1UMala, uNowa, uHogela, uMilika, noTiza, ziintombi zikaZelofehadi unyana kaHefere, kaGiliyadi, kaMakire, kaManase. Ngoko ke ziintombi zakwaManase unyana kaJosefu. 2Ke zona zaya kuMosis noElazare umbingeleli, benamadoda amakhulu ndawonye noSirayeli ephela. Babehlanganisene esangweni *lesibingelelo. 3Zafika zathi: “Utata wafela entlango engazalanga nyana. Akadibananga neqela likaKora elavukela *uNdikhoyo, koko yena wafela isono sakhe. 4Ngani ukuba igama likabawo liduke kwaSirayeli ngokuba wayengenanyana? Sincede usinike isabelo nathi phakathi kwamawethu.”

5Lo mcimbi uMosis wawusa kuNdikhoyo, 6waza ke yena wathi: 7“Iintombi zikaZelofehadi zenze isicelo esifanelekileyo, ngoko ke mazinikwe isabelo phakathi kwamawazo. Ilifa likayise maliwele kuzo.

EYASENTLANGO 27:1-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 4

Iziyalo

2UYodiya benoSintike ndibacela ndibacenga-cenga ukuba babe moya mnye ebudlelaneni beNkosi. 3Ewe, nawe mlingane wam, ndiyakubongoza ukuba uwalamle la makhosikazi, kuba nawo aba nenxaxheba kwimizamo yam yokuhambisa iindaba ezimnandi, enoKlemente nabanye oogxa bam abamagama abhaliweyo kumqulu wabaphilayo.

KWABASEFILIPI 4:2-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Usebenzela uxolo
  • Uyakuxhathisela okulungileyo
  • Wenza okufanelekileyo ngexesha elililo
  • Uzama ukudala imvisiswano

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-