Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 8

Maxa wambi owasetyhini waseBhayibhileni utsala nzima

Owasetyhini uyaqonda ukuba izinto azidli ngokuhamba ngokwentando yakhe onke amaxesha. Maxa wambi uva kabuhlungu xa aphathwa gadalala okanye kungenzeki oko yena akufunayo. Ngamaxesha athile uyoyiswa kukuzilibala izinto zexesha eligqithileyo, ze maxa wambi iintlungu zakhe azibike kuThixo, ajongane nentlungu yakhe. Ke ubona ukuba unokuqhubela phambili akuphose ngasemva okudluliyo.

Ke wena ubona ukuthi: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

UMARKO 5

25Kwakukho nomfazi owayehlamba engaphezi iminyaka elishumi elinambini esifa, 26ephatheke kabuhlungu kumagqirha amaninzi. Wayedleke konke awayenako, engancedakali, kodwa eya egula ngakumbi. 27Evile ke ngoYesu, wasondela kuye ngasemva esesihlweleni apho, wayichukumisa ingubo yakhe; 28kuba wayesithi: “Ukuba ndithe ndachukumisa nokuba yingubo yakhe le, ndophila.”

29Lanqamka kwangoko igazi, waziva emzimbeni wakhe ukuba uphilile kweso sifo. 30Ngoko nangoko uYesu waqonda ukuba kukho amandla aphumileyo kuye, wabheka ngasemva esendimbaneni apho, wathi: “Ngubani lo uchukumise ingubo yam?”

31Abafundi bakhe bathi kuye: “Ubona nje ukuba isihlwele sikuxinile, ungáthini ke ukuthi: ‘Ngubani lo undichukumisileyo?’ ”

32Noko yena wasinga-singa ukuba ambone lowo uyenzileyo le nto. 33Uthe ke umfazi lowo, ekuqondile okwenzeke kuye, weza esoyika, engcangcazela, wazikhahlela phambi kwakhe, wamxelela inyaniso yonke. 34UYesu wathi kuye: “Ntombi yam, ukholo lwakho lukuphilisile. Hamba ngoxolo, uphile kweso sifo sakho.”

UMARKO 5:25-34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 25

34Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi; 35kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela; 36ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’

37“Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi? 38Ngaba sakubona nini na ungowasemzini, sakwamkela; uhamba ze, sakwambathisa? 39Ngaba sakubona nini na ugula, okanye usentolongweni, sakuhambela?’ 40Wophendula ukumkani athi kuwo: ‘Ndithi kuni, inene, ekubeni nithe nenjenjalo nakomnye kula mawethu angawona agqusha eluthulini, nithe nenjenjalo nakum.’

UMATEWU 25:34-40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 30

1URakeli wayengekazali mntwana wonke lo gama. Waba nobukhwele ngodade wabo, wavakala esithi kuYakobi: “Ndiphe abantwana; kungenjalo ndisuke ndife kunale nto.”

EYEZIQALO 30:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 26

UEsawu uthatha iintombi zasemzini

34Akuba mashumi mane ubudala uEsawu, wathatha iintombi zamaHeti zambini. YayinguJuditi intombi kaBheri, noBhasemati intombi kaElon. 35Aba bafazi babahlalisa kabuhlungu ooIsake noRabheka.

EYEZIQALO 26:34-35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 27

46Uthe uRabheka kuIsake: “Ndidiniwe mna ngoku ngaba bafazi bakaEsawu. Ukuba uYakobi angathatha intombi yomHeti, ayenze umfazi, ndingakhetha ukufa kube kanye.”

EYEZIQALO 27:46XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 7

37Kuloo dolophu kwakukho umfazi *owayengumoni, owathi, akuva ukuba uYesu usendlwini yomFarasi lowo, weza ephethe iqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha aqholiweyo. 38Waya kuma ngasemva koYesu, ngasezinyaweni zakhe, elila; waza wazifefa iinyawo zakhe ngeenyembezi, wazisula ngeenwele zakhe, wazanga iinyawo zakhe, wazithambisa ngamafutha lawo. 39Akukubona oko umFarasi lowo wayememe uYesu, uthethe yedwa esithi: “Ukuba lo mntu *ebengumshumayeli, ngesazi ukuba ngubani, eluhlobo luni na, lo mfazi umchukumisayo; kuba ungumoni.”

40Waphendula uYesu wathi kuye: “He Simon, yiva apha!”

Wathi ke yena: “Yitsho, Mfundisi.”

41Wathi uYesu: “Kwakukho mbolekisi-mali uthile, enabantu ababini abanamatyala kuye. Omnye wayenetyala elingangeerandi ezimakhulu mahlanu, omnye ke zingamashumi amahlanu. 42Ekubeni bengenanto bangahlawula ngayo, usuke wabaxolela bobabini. Khawutsho ke, nguwuphi kubo oya kumthanda ngakumbi?”

43Waphendula uSimon wathi: “Ndiba ngulowo uxolelwe ngokungaphezulu.”

Wathi kuye: “Uchane ucwethe!” 44Wajika ke uYesu, wakhangela kumfazi lowo, wathi kuSimon: “Uyambona ke lo mfazi? Ndingené endlwini yakho, waza wena akwandinika amanzi okuhlamba iinyawo zam; kanti ke yena iinyawo zam uzihlambe ngeenyembezi zakhe, wazisula ngeenwele zakhe. 45Akundanganga wena; kanti yena, okoko ndingenileyo, akayekanga ukuzanga iinyawo zam. 46Intloko yam akuyithambisanga ngamafutha; kanti yena iinyawo zam uzithambise ngamafutha aqholiweyo. 47Ngenxa yoko ke, ndithi kuwe: olu thando lwakhe lungaka lubonakalisa okokuba izono zakhe ebezizininzi zixolelwe. Kanti ke yena oxolelwe kancinane, ukwathanda kancinane.”

48UYesu ke wathi kuloo mfazi: “Izono zakho zixolelwe.”

49Baza abo babehleli naye etafileni bathi omnye komnye: “Ngaba ngubani na lo uxolela nezono?”

50UYesu ke wathi kumfazi lowo: “Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”

ULUKA 7:37-50XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UHLAZIYO-MNQOPHISO 22

25“Ukuba indoda idlwengule intombi eyendayo besendle, indoda leyo mayibulawe. 26Ke yona intombi leyo mayingenziwa nto, kuba ayenzanga sono sifanele ukuba ife. Kaloku eli tyala lifana nelendoda ehlasele enye yayenzakalisa, 27kuba le ndoda idlwengule intombi endle, yaza yathi nangona ikhala akwabikho bani ungayincedayo.

UHLAZIYO-MNQOPHISO 22:25-27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KASAMWELI 13

10Uthe kuTamare uAmnon: “Zisa loo maqebengwana apha egumbini lam lokulala, undityise ngesakho isandla.” Wawathatha loo maqebengwana awenzileyo uTamare, wawasa kumntakwabo uAmnon egumbini lakhe lokulala. 11Kuthe esamnika ukuba atye, wamthi hlasi, wathi: “Yiza silale, dade wethu.”

12UTamare wathi kuye: “Hayi, mnakwethu, musa ukundinyanzela; ayenziwa into enje kwaSirayeli. Musukulenza eli nyala! 13Khona, mna ndoba yintoni lihlazo lam? Wena kungathiwa usesona sithwangathwanga sakha sakho kwaSirayeli. Ndiyacela ke, thetha nokumkani. Ndiqinisekile uya kuvuma ukundendisela kuwe.” 14Kodwa akazange afune ukuva uAmnon, waza wamnyanzela, walala naye, kuba wayenamandla kunaye.

15Emva koko uAmnon wamcaphukela uTamare ngentiyokazi eyaba ngaphezu kothando abenalo kuye ngaphambili. Uvakele selesithi kuye: “Hamba; phum' apha!”

16“Hayi, andiphumi,” utshilo uTamare. “Yhu, eli hlazo lokundigxotha lingaphezu koqale wandenza lona.”

Akayihoyanga yonke loo nto uAmnon, 17usuke wabiza isicaka sakhe, wathi: “Khupha le ntombazana, imke apha, uze utshixe wakugqiba.” 18Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.

UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla. 19Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo. 20Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.

2 KASAMWELI 13:10-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINKOKHELI 19

22Kwathi besonwabile apho, kwafika iindlavini ezithile, zayirhawula indlu leyo, zabetha ucango, zabhekisa kumnini-ndlu lowo zisithi: “Mkhuphe loo mfo umngenise endlwini yakho. Sifuna ukulala naye.”

23Kambe ke umninimzi waphuma, wathetha nazo, wathi: “Hayi, mawethu, ndiyanibongoza, sanukulenza elo nyala; lundwendwe lwam olu! 24Ndaweni yaloo nto thathani intombi yam kwanomfazi walo mfo. Mandinikhuphele bona, nenze ukuthanda kwenu kubo. Kodwa sanukuyenza into embi kangaka kulo mfo.”

25Kambe ke azivumanga ezo zibhoja. Ngoko ke umLevi lowo wakhupha loo masihlalisane wakhe, zaza ke zadlalisa ngaye zazenzela apho kuye kwada kwasa.

26Kwathi ekuseni umfazi lowo wabuya, wafika wawa ngasemnyango kuloo ndlu yexhego apho yayikhona indoda yakhe. Walala apho kwada kwasa. 27Kusasa yathi yakuvula umnyango indoda yakhe, iphuma iza kuhamba, yamfumana elele apho ngasemnyango, izandla zakhe zisembundwini. 28Yathetha naye, yathi: “Vuka sihambe!” Kwathi cwaka. Yaza ke yamthatha, yamxhoma edonkini, yagoduka naye.

IINKOKHELI 19:22-28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEZIQALO 25

21URabheka wayengazali; uIsake wamthandazela *kuNdikhoyo. Weviwa umthandazo wakhe nguNdikhoyo, wathatha uRabheka. 22Wayekhulelwe amawele, ekwathi engekaveli avukelana esesesizalweni sikanina. Wathi uRabheka: “Sisimanga sini esi sindihlelayo?” Wabhenela kuNdikhoyo ukuba amkhanyisele. Wathi kuye uNdikhoyo:

23“Uthwele izizwe ezibini;

uya kuzala iintlanga ezahlukeneyo,

olunye longamele olunye,

omkhulu abe phantsi komncinci.

EYEZIQALO 25:21-23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 11

31Lukholo olwasindisa ihenyukazi uRahabhi ekutshabalaleni kunye nabo bangamthobeliyo uThixo, kuba lona lazamkela ngobubele iintlola.

KUMAHEBHERE 11:31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 126

4Khawusibuyisele inkqubela, Ndikhoyo,

njengamanzi empompoz' entlango.

5Abo bahlwayela behlininika besezinyembezini

banga bangavuna bebobotheka yimincili.

6Abo baphuma bahambe bezibambe ngeenkophe,

bepheth' imbewu, besiya kuhlwayela,

bobuya bedanduluka, bememelela ngemincili.

Kaloku bobuya besikaza, bethwel' isivuno.

IINDUMISO 126:4-6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Ufa sisifo esinganyangekiyo
  • Uyaxhalaba xa angazali mntwana
  • Uva iintlungu ngenxa yeempazamo zabantwana bakhe
  • Uba nexhala ngezinto ezimbi zexesha eligqithileyo
  • Uba ngodlwengulweyo
  • Uba lixhoba logonyamelo
  • Ubika intlungu yakhe kuThixo
  • Uyaqonda ukuba usenokuqala ngokutsha
  • Uyaqonda ukuthi imicimbi yobehle ilunge

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-