Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 5

Owasetyhini waseBhayibhileni uba ngumfazi osebenzayo

Owasetyhini uthwele uxanduva ngokubhekisele kwimicimbi emininzi. Kufuneka aqinisekise ukuthi imicimbi yendlu yakhe ihamba kakuhle, abe yena umyeni wakhe nabantwana bakhe bonwabile, bebonelwe ngokufanelekileyo. Kanti ngaphezu koko usenokufuna ukuphangela.

Ke ùfamana ukuthi: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 2

24Ayikho enye into angayenzayo umntu ngaphandle kokuba atye asele, ahlale anelisekile kukubulaleka kwakhe. Phofu ke naleyo ndafumanisa ukuba iphuma kwasesandleni sikaThixo, 25kuba kaloku ngaphandle kwakhe akukho mntu ungatyayo okanye onwabe.

AMAVA ENGQONDI 2:24-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

EYEMFUDUKO 1

15Ukumkani waseJiputa wathetha noShifra noPuwa ababelekisi bamaHebhere, wathi: 16“Xa ninceda amaHebherekazi, aze afumane abantwana abangamakhwenkwe, babulaleni; kanti ke ningabayeka abangamantombazana baphile.” 17Kodwa ke ababelekisi abo yayingabafazi abamoyikayo uThixo. Basuka bawaphula umyalelo kakumkani, àbawabulala amakhwenkwe lawo.

EYEMFUDUKO 1:15-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 3

Yonke into inexesha layo

1Yonke into inexesha layo;

umbandela ngamnye unethuba lawo apha emhlabeni.

AMAVA ENGQONDI 3:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 16

13*NgoMhla wokuPhumla saphuma edolophini, saya ngasemlanjeni, apho sasiba koba kukho indawo athandazela kuyo amaJuda. Sahlala phantsi, sancokola namakhosikazi awayebuthe apho. 14Enye yawo eyayisiphulaphule nguLidiya waseTiyatire, owayengumthengisi weempahla ezimsobo zexabiso. Wayeyintokazi eyayimhlonela uThixo, yaza ke iNkosi yayibaza ingqondo ukuba izigqale izinto ezazithethwa nguPawulos. 15Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.

UMSEBENZI WABATHUNYWA 16:13-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 31

Umfazi onesidima

10Awu, akanqabe ngako umfazi onesidima!

Lingaphezulu lee nakumatye anqabileyo ixabiso lakhe!

11Onjalo uthenjiwe mpela yindoda yakhe,

futhi ke ayihlelelekanga nganto.

12Uyiphatha kakuhle, kungabi kakubi,

yonke imihla yobomi bakhe.

13Uthatha umqhaphu newulu,

asebenze ngenkuthalo ngezandla zakhe.

14Uhamba njengeenqanawa zabarhwebi,

efuna ukutya kosapho nakwelikude.

15Uvuka kusathi qhekre ukusa,

alungiselele usapho ukutya,

anike izicakazana zakhe imiyalelo.

16Uyayigqala intsimi, aze ayithenge,

athathe kwimali ayisebenzeleyo, atyale isidiliya.

17Usoloko ebhinqa omfutshane;

iingalo zakhe zimelana nawo wonke umsebenzi.

18Uyayiqwalasela inzuzo yokushishina kwakhe;

isibane sakhe asicimi ebusuku.

19Izandla zakhe aziyeki ukuphotha,

neminwe yakhe ayisuki kumashini wokuluka.

20Isandla sakhe sisoloko sivulekile kumahlwempu;

ewe, izinwe zakhe zifikelela nakwabasweleyo.

21Akanaxhala noba selikhithika,

kuba kaloku usapho lwakhe lunezingayiwayo iimpahla zobusika.

22Uzenzela iingubo zokwandlala ezihonjisiweyo kunene;

unxiba ezelaphu elihle elimsobo.

23Nendoda yakhe iyaziwa enkundleni ngasemasangweni,

apho ihlala khona namadoda amakhulu elizwe.

24Uthunga impahla entle yokunxiba, athengise ngayo;

wenza imixwayo ayithengise kubarhwebi.

25Uthiwe jize ngamandla nesidima,

ibe ke akanaxhala ngengomso.

26Xa evula umlomo uthetha ngobulumko;

xa enika iziluleko oko ukwenza ngenceba.

27Ulalusile ikhaya lakhe;

akasidli isonka sobuvila.

28Abantwana bakhe bayamhlonela, bathi unoyolo;

nendoda yakhe ungayiva imncoma, isithi:

29“Baninzi abafazi abenza imisebenzi emihle;

kodwa wena ubagqwesa bonke!”

30Umfazi onomtsalane angakukhohlisa, ke bona ubuhle buyatshitsha;

kuphela ngumfazi ohlonela *uNdikhoyo oya kubongwa.

31Ncoma umwonge ngenxa yoko kwenziwa zizandla zakhe;

ewe, makutyibelwe kudombozwe ngemisebenzi yakhe naphaya emasangweni.

IZAFOBE 31:10-31XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Uyaqonda ukuthi ukusebenza lilungelo elilodwa
  • Ukhonza iNkosi nangona exakwa ngumsebenzi wakhe
  • Uzimisela ukusebenzisa ixesha lakhe ngokufanelekileyo
  • Ungusomashishinikazi okholwayo
  • Unesidima

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-