Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 4

Owasetyhini waseBhayibhileni uyavakalelwa

Engumntu wasetyhini nje uyachukumiseka kokumhlelayo. Uyavakalelwa zizinto ezidala uvuyo ebomini, kodwa maxa wambi uyadana xa eva ubunzima ephethwe ngamaxhala nokuzidela.

Kwanakuko oku ùbona ukuthi: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

1 KASAMWELI 2

Umthandazo kaHana

1Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi:

“Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo!

Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe.

Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam,

ndichulumanca lusindiso lwam.

1 KASAMWELI 2:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 1

6Ngaphezu koko umka-ndod' akhe uPenina wayesoloko emcunukisa, emngcungcuthekisa ngokungazali kwakhe. 7Yayisithi rhoqo le nto ukwenzeka xa beye kwaNdikhoyo eShilo minyaka le. UPenina wayesoloko emnukuneza ngokungazali kwakhe uHana, amtsho ade akhale ezimathontsi, angafuni nokutya oku.

1 KASAMWELI 1:6-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KASAMWELI 1:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

URUTE 1

20UNawomi yena wathi: “Sanukuthi Nawomi kum, yithini Mara, kuba wabenza bakrakra kum ubomi uSomandla. 21Ekumkeni kwam apha ndandingenanto ndingenayo, kodwa ngoku uNdikhoyo undibuyisa ndiyimpula kalujaca. Nisatsholo ni ukuthi ndinguNawomi xa yena uNdikhoyo esuke wandicinezela nje – xa yena uSomandla esuke wandizisela iinkxwaleko?”

URUTE 1:20-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 139

13Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;

nditsho mna kanye lo!

Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.

14Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,

ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.

Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.

Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

15Uphahla lomzimba wam alungomnqa kuwe;

okuya ndandibunjwa ekusitheleni wawukho.

Ewe, ndabunjwa ngokunqabileyo emajukujukwini.

16Kaloku wena wandibona ndingekenziwa;

imihla owandimisela yona yabhalwa encwadini yakho,

ndingekayiqali nokuyiqala mna.

17Hayi bo, zintsonkothile kambe

iingcamango zakho, Thixo wam!

Yaz'ba zingakanani na ubuninzi!

IINDUMISO 139:13-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Uba noluvo olunzulu
  • Uba buhlungu adane
  • Unoluvo olukrakra ngenxa yoko kumhleleyo
  • Uyaqonda ukuthi akukho sizathu sokuba azidele

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-