Bible Society of South Africa

Ndim elo bhinqa – Usuku 3

Owasetyhini waseBhayibhileni uphila ebudlelaneni naye ngokwakhe siqu

Yonke imihla uphila edlelana naye ngokwakhe ngokomzimba nangakwezobumoya. Uyaqonda ukuba uThixo uyabuhoya ubuntu bakhe bubonke.

Nawe ke ubhaqa ukuthi: Ndim elo bhinqa!

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 1

27Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

EYEZIQALO 1:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

19Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; 20ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

1 KWABASEKORINTE 6:19-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UESTERE 1

10Kuthe ke ngosuku lwesixhenxe, xa kanye ukumkani uAsuwerosi wayenomqhele yiwayini, suka wabiza amaphakathi akhe asebhotwe asixhenxe: uMehuman, uBhizeta, uHabhona, uBhigeta, uAbhageta, uZetare, noKakasi. 11Wona wawayalela ukuba ezise ukumkanikazi uVashiti, ammise phambi kwakhe evathile, ethwele iqhiya yobukumkanikazi, khon' ukuze aqhayise ngobo bunzwakazi bakhe ebantwini ndawonye nezikhulu zakhe. Kaloku wayeyinzwakazi ethi ndijonge. 12Kambe ke amaphakathi lawo athe akuwudlulisa loo myalelo kakumkani, suka ukumkanikazi uVashiti wala ukuza. Hayi ke, yeka ukuvutha kukakumkani ngumsindo.

UESTERE 1:10-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAPETROS 3

3Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. 4Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo. 5Yayisisihombo samakhosikazi angcwele amandulo ke eso. Ayethembele kuThixo, elulamela amadoda awo.

1 KAPETROS 3:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 7

34abe nengqondo ebetha-bethanayo. Umfazi ongenandoda nentombi bakhuthalele izinto zeNkosi, bezimisele ukuzinikela ngomzimba nangomoya. Owendileyo ke ukhuthalele izinto zehlabathi, kuba ezimisele ukukholisa indoda yakhe.

1 KWABASEKORINTE 7:34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUTITO 2

3Nabo abafazi abakhulu mabandiliseke, bangabi nalulwimi, banganxili butywala, bakwazi ukufundisa, 4ukuze babonise abafazana ukuthanda abayeni babo nabantwana babo. 5Abafazana mababe ngcathu, bakwazi ukuziphatha nyulu, bakhuthale emizini yabo, balulamele amadoda abo, ukuze bangalihlazisi ilizwi likaThixo.

KUTITO 2:3-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

  • Uyaqonda ukuthi udalwe wangumfuziselo kaThixo
  • Uyawulondoloza umzimba wakhe
  • Uyazixabisa ngokwakhe, akazenzi umboniso
  • Uyaqonda ukuba isimilo sakhe sibalulekile kunembonakalo yakhe
  • Uyaqonda ukuthi uThixo unenjongo eyodwa ngaye xa angatshatanga
  • Uyaqonda ukuthi uThixo unenjongo eyodwa ngaye naxa sele emdala

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-