Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 9

- Ubulolo kunye nokuba wedwa
- Xa ufikelele ekubeni ube nomoya osezantsi
- Joyina iqela leziFundo zeBhayibhile

Itekisi yeBhayibhile

UYOHANE 1

14ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.

UYOHANE 1:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 25

16Buyela kum, Ndikhoyo, undenzele inceba;

kaloku ndilikheswa, ndixhwalekile.

IINDUMISO 25:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

17Musa ukusifulathela isicaka sakho.

Ndibandezelekile; nceda undiphendule.

18Sondela undisindise;

ndikhulule ezintshabeni zam.

IINDUMISO 69:17-18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 69

20Izinyeliso ziwaphule umoya wam;

kungokunje ndivikivekile.

Ndathemba ukukhuzwa, kodwa nya!

Nokuthuthuzelwa andakufumana.

IINDUMISO 69:20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 11

28“Yizani kum, nina nonke nisindwayo, nibulalekayo; ndoniphumza. 29Ngenani edyokhweni yam, nifunde kum, kuba mna ndilulamile, ndingontliziyo ithobekileyo. Nothi ke nizifumanele ukuphumla iintliziyo zenu, 30kuba idyokhwe yam ayityabuli, nomthwalo wam ulula.”

UMATEWU 11:28-30XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 18

19“Kananjalo ndithi kuni, ukuba ababini kuni bathe bavana emhlabeni nangayiphi na indawo abanesicelo ngayo, baya kuyenzelwa nguBawo osezulwini;

UMATEWU 18:19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Ubulolo kunye nokuba wedwa
Kukho amaxesha ebomini bethu apho siziva singamalolo okanye sisodwa. Nangona kunjalo, oku kusenokuba nezizathu ezibonakalayo, ezinje ngokuba ube neengxaki zobudlelwane neqabane lakho okanye ushiywe ngumntu omthandayo. Akukhathaliseki nokuba ungakanani na, ubulolo bungaba yingxaki enkulu kuba akusoloko kulula ukufumana iqela labantu abaneengqondo ezifanayo nezakho nonokonwaba nabo. UKrestu, kuba eyiqonda imeko yobulolo nokulahlwa ngabantu, waba ngathi ungomnye wethu.

UMdumisi wasoloko ebiza kuThixo ngethuba lobulolo nokunxunguphala.

Xa ufikelele ekubeni ube nomoya osezantsi
Ukuziva ulilolo kuyafika kube kudlule ebomini. Nangona kunjalo, xa soloko uziva ulilolo okokoko oko kungaba luphawu lwesigulo sokudakumba. Kwakuba njalo ke kufuneka uthethe ngale meko, nokuba kukusapho lwakho, umhlobo okanye umcebisi ufumane uncedo.

Joyina iqela leziFundo zeBhayibhile
Le yeyona ndlela ikhawulezileyo yokuhlangana nabantu oziva ukhululekile xa uhleli nabo. Ukuba akulifumani iqela labantu olingana nabo, zama ukuhlanganisa iqela lezifundo zeBhayibhile. Xhoma iflaya enkulu yokwazisa oku kwingingqi yakho, evenkileni okanye kwindawo osebenza kuyo, uyakumangaliswa kukufumana iimpendulo ezinolangazelelo kulo mba.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-