Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 8

- Isondo – umba ochukumisayo
- Khumbula imigibe
- Imifanekiso yamanyala – intsholongwane ebulalayo
- Phucuka “ngesiyobisi nokusela”
- Ukunxila asiyonto intle!

Itekisi yeBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 4

9Ewe, uyithimbile intliziyo yam;

nditsho wena, mtshakazi wam, dad' ethu.

Ngenene intliziyo yam uyibile

ngokundithi krwaqu kanye ngaloo mehlo akho,

nangomxokelelwane nje omnye entanyeni yakho.

UNCUTHU LWENGOMA 4:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 5

Umtshakazi

10Isithandwa sam yinzwana ekomelela;

songama nakwishumi lamawaka.

UNCUTHU LWENGOMA 5:10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

19Anazi na ukuba imizimba yenu yindlu kaMoya oyiNgcwele, ahlala kuyo, evela kuThixo? Kaloku aningobenu; 20ningabakaThixo owanithenga ngexabiso elikhulu. Mdumiseni ke uThixo ngemizimba yenu.

1 KWABASEKORINTE 6:19-20XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 10

12Nabani na ozicingela ukuba umile makalumke angawi. 13Nasiphi na isilingo esikuhlelayo siyinto eqhelekileyo emntwini. Yena ke uThixo, ngokuba ethembekile, akayi kukuyekela ulingwe ngokungaphezu kwamandla akho. Hayi, wosuka akuvulele ikroba lokuphuncula, ukuze ube nako ukunyamezela.

1 KWABASEKORINTE 10:12-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

13Omnye unokuthi: “Ukutya kokwesisu, nesisu sesokutya.” Ewe, kunjalo, kodwa uThixo wokutshabalalisa kokubini. Ke wona umzimba asingowokurheletya, ngoweNkosi; nayo iNkosi yeyomzimba. 14UThixo ke owayivusayo kwabafileyo iNkosi, uya kusivusa nathi ngamandla akhe.

1 KWABASEKORINTE 6:13-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 6

18Kucezeleni ukurheletya. Ezinye izono umntu anokuzenza aziwungcolisi umzimba, kodwa yena umrheletyi wona umzimba wakhe.

1 KWABASEKORINTE 6:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 KWABASEKORINTE 7

1Xa ke kanti, mawethu, izithembiso ezinje zenzelwa thina, masizenze sibe nyulu emzimbeni nasemphefumlweni, sibe ngcwele ngokuhlala simoyika uThixo.

2 KWABASEKORINTE 7:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 20

1Iwayini ngumgxeki; utywala yingxolo;

umntu ohexiswa bubo akanabo ubulumko.

IZAFOBE 20:1XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 23

29Nguwuphi umntu osezintsizini nonesingqala,

osoloko esezingxwaba-ngxwabeni ekhalaza;

nditsho ofumana enzakale nje ngelize,

umntu ongafik' etyofu-tyofu amehlo?

30Lowo ke ngulo mntu ungafika ejikelezana newayini,

esoloko ezingelana newayini exutyiweyo.

31Inkangeleko ebomvu yewayini mayingakukhangi, noba ingade imenyezele endebeni –

ewe, nditsho seyinambitheka, isihla kamnandi!

32Ekugqibeleni iwayini iluma njengenyoka,

ibinza njengerhamba.

33Ikutsho ubone izinto ezingekhoyo,

ushwaqe ubhude yonk' into.

34Ewe, ikutsho ube ngathi uphakathi elwandle,

ube ngathi ujinga epalini ebamba iseyile yesikhephe.

35Uya kubuza uthi: “Ingathi ndibethiwe nje phofu?

Hayi suka, ndingakhange ndive nje!

Akwaba bendinganako ukuphinda ndiphakame,

khe ndithi nje intwana ndiziqabule!”

IZAFOBE 23:29-35XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Isondo – umba ochukumisayo
Isondo ngumba okwiingqondo ezihlangeneyo zabantu abaninzi. Kuncinci kakhulu okusinqandayo ukuba singabelani ngesondo, nokuba kukubudlelwane obuzinzileyo, obexesha elide okanye namaqabane alandelelanayo. NjengomKrestu, kufuneka ucace gca ukuba umi phi na wena kulo mba. IBhayibhile inika izikhokelo ezithe ngqo malunga nokuziphatha kakubi. Kanti kwayona iBhayibile ithetha phandle ngokuthe gca malunga nomtsalane oqaphelekayo phakathi kwabantu ababini abaseluthandweni. Qiniseka ukuba uyafunda kwiNgoma yazo Iingoma, incwadi yonke yombongo iphakamisa uthando.

Nangona kunjalo, njengazo zonke izinto ezintle ebomini, ikho imeko ethile ehamba nalo mba.

Khumbula imigibe
Akukho sizathu sokuba namphi na umntu onengqondo enomlinganiselo ofanelekileyo wengqiqo aboyike ubomi. Kodwa zilumkele izinto ezinokukuhlutha ukonwaba kwakho nobumsulwa bakho.

Imifanekiso yamanyala – intsholongwane ebulalayo
Imifanekiso yamanyala kudala yabakho, de ifaniswe nomntu, kodwa ngenxa yeendlela zonxibelelwano lwale mihla inwenwe yada yaba kwisigaba sokuba kungabi sabakho namnye ongcwele kwaye nabona bamsulwa phakathi badyobhekile. IBhayibhile ayiwaxubi amazwi ayo xa igxeka ukuhenyuza.

Phucuka “ngesiyobisi nokusela”
Ayikho into esisiyobisi esiphucukileyo okanye utywala obuphucukileyo, ngaphandle kwale uyixelelwa ziintengiso zoomabonakude. Babhanxa nabona bantu bakrelekrele. Kwaye ukusela utywala nokusebenzisa iziyobisi kusuke kwayinto ehamba nayo yonke imicimbi yolonwabo. Vuma ukuba basenokubakho abantu kwalapha kubahlobo bakho abakurhangqileyo, abo sebenza nabo, okanye kusapho lwakho, abasela utywala okanye basebenzise iziyobisi. Yamkele into yokuba bazikhethele ukwenza njalo kwaye nawe uzikhethele eyakho indlela yokuphila. Khetha ukuba usoloko urhangqwe ngabantu abanako ukonwaba ngaphandle kokusebenzisa iziyobisi notywala, ukuze bazive bonwabile.

Ukunxila asiyonto intle!
IBhayibhile isoloko ithetha ngeziphumo zokusetyenziswa kakubi kotywala ezifanayo nqo nezo zokusetyenziswa kakubi kweziyobisi. Umbhali weMizekeliso uyalumkisa athi.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-