Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 7

Ubomi NGUMMANGALISO!

Ubomi bufutshane ngoko ke yenza kangangoko ukuba ubonwabele ngokudala iinkumbulo oya kukwazi ukuphinda ubuyele kuzo kwixesha elizayo, ngaphandle kokuzisola. Lumkela imeko yonyana wolahleko. Wayexhinele ukumka kowabo wangena kuhlobo olutsha lokuzibophelela, kanti kungona amosha izinto kakhulu.

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 15

Umzekeliso ngomntu noonyana bakhe ababini

11Waqhuba uYesu wathi: “Umntu othile wayenoonyana ababini. 12Yathi ke inci kuyise: ‘Bawo, ndinike isabelo sempahla elilungelo lam.’ Wababela ke impahla leyo. 13Kwathi, kungekabi ntsuku zingaphi, inci yathatha konke okwayo, yemka kwelakowayo, yaya ezweni elikude, yaza yathi khona apho yayichitha impahla yayo ngokungakhathali.

ULUKA 15:11-13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

AMAVA ENGQONDI 11

Icebiso kulutsha

9Wena mntu osemtsha, yonwaba ngethuba lobutsha bakho,

intliziyo yakho ichwayite lo gama uselula.

Yenze loo nto isentliziyweni yakho,

nditsho leyo ibonwa ngamehlo akho,

kambe ke ukhumbule ukuba uza kuziphendulela enkundleni kaThixo ngayo yonke into oyenzileyo.

10Ngoko ke ligxothe ixhala entliziyweni yakho,

ukuphephe okunokwenzakalisa umzimba wakho.

Kaloku ubutsha namandla awo ngamampunge.

AMAVA ENGQONDI 11:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEKOLOSE 3

12Ningabantu bakaThixo abanyuliweyo abathandiweyo nina, abakhe ngenkqu. Ngoko ke nxibani ezifanele abakhe: inceba, ububele, ukuthobeka, ubulali, nomonde. 13Nyamezelanani, nixolelane. Ukuba omnye ukhalazela omnye xolelanani kwanjengokuba nayo iNkosi yanixolelayo.

14Ngaphezu kwazo zonke ezi zinto yongezani uthando, lona lubopha izinto zonke zibe yimbumba egqibeleleyo.

KWABASEKOLOSE 3:12-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 5

Hlalani ekukhanyeni

1Njengoko ke ningabantwana bakaThixo abaziintanda, fuzani yena. 2Hlalani nithandana kanye ngale ndlela wanithanda ngayo uKrestu. Yena wazincama ngenxa yenu, wazenza umnikelo nedini elivumba limnandi kuThixo.

3Nanjengoko nilusapho lukaThixo, makungakhankanywa phakathi kwenu ukurheletya nako konke ukungcola nokunyoluka. 4Izinto ezinjengokuthetha krwada, nokulavuza, neentetho ezingcolileyo, azinto zinifaneleyo konke. Nifanelwe kukuhlala nibulela uThixo nina endaweni yezi zinto. 5Yiqondeni kakuhle into yokuba akukho mntu urheletyayo, nongcolileyo, nosisinyolunyolu, uya kubuxhamla ubuncwane bokulawulwa nguKrestu nanguThixo. Kaloku ukunyoluka yenye indlela yokunqula izithixo.

KWABASE-EFESE 5:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASE-EFESE 5

18Musani ukunxila butywala obunonakalisayo. Ndaweni yaloo nto phuphumani nguMoya oyiNgcwele,

KWABASE-EFESE 5:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 4

4Ngoko ke, nimanywe neNkosi nje, yonwabani! Ewe, ndiyaphinda ndithi vuyani!

5Bazeleleleni bonke abantu. INkosi isemnyango. 6Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. 7Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu. 8Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo. 9Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

KWABASEFILIPI 4:4-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 5

16Makukhanye ngokukwanjalo ukukhanya kwenu phambi kwabantu, ukuze bayibone imisebenzi yenu elungileyo, bamdumise uYihlo osezulwini.”

UMATEWU 5:16XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 3

18Bantwana bam, uthando lwethu malungabi lolomlomo nje kuphela, koko malube lolungahanahanisiyo, lubonakaliswa ngezenzo.

1 KAYOHANE 3:18XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAGALATI 6

9Masingadinwa ke kukwenza okulungileyo. Kuba xa sizingisa, lode lifike ixesha lokuvuna. 10Ngoko ke masisebenzele ukulungelwa komntu wonke, ngalo lonke ixesha esinethuba ngalo, ngokukodwa usapho lwamakholwa.

KUMAGALATI 6:9-10XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 3

Aninasazela phambi koThixo

19Nantso ke into ebonakalisa ukuba singabenyaniso, yaye asinasazela phambi koThixo.

1 KAYOHANE 3:19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 8

6Mayibe ndim kuphela osentliziywemi yakho oku komsesane wokutywina;

ewe, mandibe ngumsesane wokutywina engalweni yakho.

Lent' uthando lunamandla nqwa nokufa;

ikhwele lalo aliqheliseli oku kwengcwaba.

Ludangazela ngathi lidangatye,

luvuthe ngathi ngumlilokazi.

7Alungecinywa nangamanzi;

alukhukuliseki naziimpuphuma.

Xa unokulithenga ngobutyebi bonke bendlu yakho

ungasuka ube sisigculelo.

UNCUTHU LWENGOMA 8:6-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UNCUTHU LWENGOMA 2

Umyeni

2Njengenyibiba phakathi kwameva

sinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.

Umtshakazi

3Njengomthi weeapile ehlathini

sinjalo isithandwa sam phakathi kwabafana.

Akwaba bendingahlala emthunzini wawo;

azimnandi ngako iziqhamo zawo!

UNCUTHU LWENGOMA 2:2-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 30

18Kukho izinto ezintathu eziyintsonkotha kum;

gxebe, zine endingaziqondiyo:

19ukubhabha kokhozi esibhakabhakeni;

ukurhubuluza kwenyoka elulwalweni;

ukuhamba kwenqanawa enzulwini yolwandle;

ukuthandana komfana nentombi.

IZAFOBE 30:18-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Uthando luyamangalisa!
Siyathanda ukukholelwa ukuba uthando lulo olwenza ihlabathi lijikeleze. Uthando olunyanisekileyo luyamangalisa, lwenza kakhulu lubonakale phandle. KwiNgoma yeeNgoma sifunda senjenje:
Ngubani oyakuze aluqonde ulwimi lwababini abathandana kakhulu:
Kwaye nombhali omdala onobulumko weMizekeliso, ngabo bonke ubulumko anabo akazange akwazi ukuwuqonda umangaliso wothando.

Yiba ngumKrestu ONOMAHLUKO
Oko kuthetha ukuthi yenza ukuba izinto ozenzayo nozithethayo zihambelane noko ukholelwa kuko. Ukuba siba njengoKrestu, izinto esizixabisileyo nesikholelwa kuzo azipheleli nje ekubeni zifane noluhlu lwezinto endiza kuzenza nezo mandingazenzi. Kukufana noKrestu kuyo yonke into esiyenzayo.

Yazi into ongenakuyamkela
Ifuthe labalingane lisoloko lingenelela xa uphakathi kwabantu abangoontanga bakho, okanye xa ukwingingqi entsha kwaye uzama kangangoko ukuba ude wamkeleke kubo. Ukumana ujonga inyaniso rhoqo malunga nokuba ungubani na wena kwaye umele ntoni na oko kuya kukunceda ungaphumi endleleni. Khumbula intetho yabadala: “Ukuba akuyazi into oyifunayo, uya kuwela nayiphina into.”

Yiba ngumenzi wokulungileyo
Yenza ukholo lwakho lube yinyani ngokuthi ube likholwa elisebenzayo. Zinikezele ube livolontiya kwikhitshi lesuphu okanye ube yinxalenye yeprojekthi yabahlali. Usenokuba kukukhanya okuqaqambileyo kubahlobo bakho kwindawo enihlala kuyo okanye emsebenzini ngendlela okhathala ngayo.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-