Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 6

Uthini umbono wam nezinto endizixabisileyo?

Ukuba sifuna ukuba njengoKrestu, njengoko esibongoza ukuba sibe njalo, izinto esizixabisileyo ziza kubonakala kwindlela esiphila ngayo. Ekugqibeleni izinto esizixabisileyo nesikholelwa kuzo azilulo uluhlu lwezinto ekufanele uzenze nezo mawungazenzi. Kukuzama ukuba njengoKrestu kuko konke esikwenzayo.

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 6

Abakhi ababini

46“Yini na ukuba nithi kum: ‘Nkosi, Nkosi!’ kanti noko anikwenzi endikuthethayo? 47Ke wonke umntu ozayo kum, aweve amazwi am awenze, 48ufana nomntu owayesakha indlu, waza wemba ngokunzulu, wenza isiseko samatye. Kwathi ke, kwakubakho isikhukula iimpuphuma zagaleleka kuloo ndlu, zaza azaba nako ukuyishukumisa, kuba yayakhiwe ngokufanelekileyo.

ULUKA 6:46-48XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 15

5“Ndim umdiliya; nina ningamasebe. Ohlala emanyene nam, ndibe mna ndihleli ndimanyene naye, uya kuvelisa iziqhamo ezininzi. Kaloku aninakwenza nento le nahlukene nam.

UYOHANE 15:5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 12

2Musani ke ukuthatha isimilo sabantu beli phakade, kodwa iingqondo zenu maziguquke zihlaziyeke, nize niyivume intando kaThixo, yona ilungileyo, ikholekileyo, igqibeleleyo.

KWABASEROMA 12:2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYOHANE 14

6Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.

UYOHANE 14:6XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

ULUKA 16

10Othembekileyo kokuncinane, uthembekile nakokukhulu; nongathembekanga kokuncinane, akathembekanga nakokukhulu.

UKrestu njengomzekelo wam
Nokuba ukholelwa kwintoni na kwaye nokuba ulandela bani na, oko kuya kuzibumba iinkolo zakho, izinto ozixabisileyo nesimo. Njengamakholwa, izinto esizixabisileyo zihamba kunye nentobeko kuKrestu. Bunjwa ngokomfanekiso kaKrestu – hayi owabalingane bakho, abazali, abo usebenza nabo, okanye inkcubeko ophila nohlala kuyo.

Inyaniso ibalulekile
Ukuba uKrestu yiNyaniso, oko kuthetha ukuthi ukuxoka nokungathembeki kuya kwahlula noKrestu. Ukuthembeka kuhamba nokulandela kumanyathelo kaYesu, kuba akanakuxoka Yena. Ukufunda ukuba ungenza njani na ukuze uthembeke nangaphezulu kuya kukunceda kukugcine unesazela esicocekileyo.

Ixabiso lobuKrestu ngaphantsi nje kweqhekeza
Okona ucacelwa ngento okholelwa kuyo, kokona kuba lula ukwenza izinto eziphambili kuwe zihambelane nqo noko ukuxabisileyo. UPawulos ushwankathela enjenje xa ethetha ngemo yobomi bomKrestu, oko ekusekele kwiimfundiso zikaKrestu:

  • Uthando malungabi naluhanahaniso.
  • Yithiyeni inkohlakalo; bambelelani kokulungileyo.
  • Thandanani ngokwabazalanayo. Shiyiselanani ngokwenzelana imbeko.
  • Zondelelani ningatyhafi. Yibani nefuthe loMoya. Yikhonzeni iNkosi.
  • Vuyani, ninethemba nje, ninyamezele ezimbandezelweni zenu, nithandaze ningayeki.
  • Ziboneleleni iintswelo zamakholwa, nizikhathaze ngokubuka iindwendwe.
  • Basikeleleni abanitshutshisayo; sikelelani, ningaqalekisi.
  • Vuyani nabavuyayo, nilile nabalilayo. Yibani moya mnye.
  • Musani ukusukela amawonga; yaneliswani kukuzithoba.
  • Musani ukuzicingela ukuba niziingqondi.
  • Musani ukubuyekeza ububi ngobubi.
  • Zimiseleni ukwenza okulungileyo phambi kwabantu bonke.
  • Yenzani unako-nako ukuhlalisana ngoxolo nabantu bonke.

Uthini umba wemiThetho eliShumi?
Imithetho emine yokuqala isikhokela ukuba simthande njani na uThixo, ize emithandathu isikhokele ukuba sibathande njani na abanye abantu.

UYesu uthetha ebhekisa kwimithetho emininzi, aze aqaqambise indlela esebenza kwintshumayelo yakhe. Akakugxeki nje kuphela ukubulala, uyabayalela abalandeli bakhe ukuba baqaphele ukuba umsindo ongasonjululwanga ungabatshabalalisa abanye. Akalukhabi nje ukrexezo, uyabethelela kubalandeli bakhe ukuba babe nyulu engqondweni nasentliziyweni.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-