Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 5

- Xhumana noThixo imihla ngemihla
- Nxulumana nabantu bakaThixo
- Yiba soloko ukufuphi kubantu abadala kunawe

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 5

2Kuve ukukhala kwam, kumkani wam, Thixo wam,

xa ndithandazayo kuwe.

3Uyawuva umthandazo wam, Ndikhoyo, kwakusasa:

kwakusasa ndizibika kuwe, ndilinde impendulo.

IINDUMISO 5:2-3XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 134

2Ziphakamiseleni esibingelelweni izandla zenu,

nimbonge nimncome uNdikhoyo.

IINDUMISO 134:2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 100

Ingoma yokubonga

Umhobe wokubulela.

1Mombeleleni *uNdikhoyo, nonke hlabathi!

2Mnquleni uNdikhoyo nivuya,

nize kuye nisombela iingom' ezimyoli!

3Yazin' ukuba uNdikhoyo nguThixo;

nguye owasidalayo, yaye singabakhe,

singabantu bakhe, singumhlambi wakhe.

4Ngenani nibulela emasangweni akhe;

ngenani ngeendumiso endlwini yakhe;

mbuleleni, nidumise igama lakhe!

5Kaloku lilunga uNdikhoyo;

izibele zakhe ziya kuhlala zihleli,

ahlale ethembekile kude kube nini-nini.

IINDUMISO 100XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 3

Icebiso kulutsha

1Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,

koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.

2Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,

ikwandisele iminyaka noxolo.

3Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.

Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.

Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.

4Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,

ube negama elihle kuThixo nasebantwini.

IZAFOBE 3:1-4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 4

Iziqhamo zobulumko

1Yiphulaphuleni, bonyana, ingqeqesho kayihlo;

yigqaleni, khon' ukuze nizuze ukuqonda.

2Ndininika eyona mfundiso iyiyo,

ngoko ke musani ukuwutyeshela umyalelo wam.

3Ngokuya ndandiseyinkwenkwana katata,

ndiselula, ndinguyedwa kamama,

4utata wayendiyala athi:

“Wazikise engqondweni yakho amazwi am,

ungayilibali imiyalelo yam;

yigcine imithetho yam, uphile.

5Thabatha, nabu ubulumko, nantsi ingqiqo!

Ungaze wahlukane okanye ushenxe kumazwi omlomo wam!

IZAFOBE 4:1-5XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 4

13Ungaze wahlukane nengqeqesho, koko bambelela kuyo;

yilondoloze, kuba ibubomi bakho.

IZAFOBE 4:13XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Xhumana noThixo imihla ngemihla
Kukuphela kwendlela yokugcina ubomi bakho ububeka phambili, nokuzibiza ngobuKrestu, konke kudibene. Hlaziya umphefumlo wakho ngamazwi kaThixo ngelixa unxibelelana naye ngomthandazo imihla ngemihla.

Nxulumana nabantu bakaThixo
Ubukumkani buka Thixo lusapho apho sonke omnye efuna omnye. Fumana indawo yokukhonza ngokukhawuleza ube yinxalenye yeemfundiso zayo. Ukukhonza namanye amaKrestu kungakunceda uhlale womelele. Ukuya enkonzweni ubuncinane kanye ngeveki kungakunceda kukugcine uhamba ngokuthe ngqo kwizinto ozenzayo.

Yiba soloko ukufuphi kubantu abadala kunawe
Bangaba “badala” kodwa kudala “bekho kwaye bazenzile izinto ezininzi.” Yamkele into yokuba bayakuthanda kwaye bafuna okona kulungileyo kuwe. Ngaphezulu, uya kulufuna uncedo lwabo namacebiso abo kubo bonke ubomi bakho.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-