Bible Society of South Africa

Imephu yendlela yoBomi – Day 4

- Beka izinto ezibalulekileyo kuwe ngokulungileyo
- Ziqeqeshe

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 6

31“Musani ke ukuxhala, nisithi: ‘Sodla ntoni na; sosela ntoni na; sonxiba ntoni na?’ 32Zezi zinto kanye abahlala besukelana nazo abangakholwayo beentlanga. Ke yena uYihlo osezulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyimfuneko kuni. 33Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.

UMATEWU 6:31-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 37

4Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;

wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

IINDUMISO 37:4XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KUMAHEBHERE 12

Ukunyamezela ingqeqesho

1Ngoko ke, thina siphahlwe ngamangqina amaninzi kangaka nje, masiyilahle ke yonke into enokusibambezela, ingakumbi isono, kuba sona siyarhintyela. Masingene kolu gqatso luphambi kwethu sizimisele. 2Amehlo ethu makathi ntsho kuYesu; kaloku síxhomekeke kuye isiqalo ndawonye nekamva lokholo lwethu. Ewe kaloku, yena wathi, ngenxa yenyhweba eyayimlindele, wawunyamezela umnqamlezo, walidela nehlazo lawo; kungokunje uhleli ewongeni kwibhotwe likaThixo.

KUMAHEBHERE 12:1-2XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Beka izinto ezibalulekileyo kuwe ngokulungileyo
Gqiba ukuba yintoni ekufuneka yenzeke namhlanje, yibhale phantsi ukuba kungakunceda oko, qala ngeziphambili ukuze usebenze uqala phezulu kolo luhlu! Ukuba into ayikwazeki ukuba yenzeke ngaloo mini, musa ukuyifaka kuluhlu! Kwaye ukuba uyaziva ukuba awukuthandi ukwenza uluhlu, zama ubuncinane bokuba usebenza ujonge kwisakhelo esibanzi, esiza kukubonisa icala oya ngakulo.

Ziqeqeshe
Qinisekisa ukuba uyaziqeqesha. Ukuba awenzi njalo, akakho umntu oza kuyenza loo nto – noThixo ngokwakhe!

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-