Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 12

Sebenzela ubutyebi bokwenyani.

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 6

Musani ukuxhala

24“Akukho mntu unokukhonza iinkosi ezimbini, kuba uya kuyithiya le, ayithande leya, okanye abambelele kule, ayidele leya. Aninako ukukhonza uThixo kwanobutyebi.

UMATEWU 6:24XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 6

Ubutyebi ezulwini

19“Ze ningaziqwebeli ubutyebi emhlabeni, apho konakalisa inundu nomhlwa, nalapho amasela aqhekezayo ebe. 20Koko ziqwebeleni ubutyebi ezulwini, apho kungonakalisi nundu namhlwa, nalapho amasela angaqhekeziyo ebe. 21Kaloku apho bukhoyo ubutyebi benu, yoba lapho nentliziyo yenu.”

UMATEWU 6:19-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 6

31“Musani ke ukuxhala, nisithi: ‘Sodla ntoni na; sosela ntoni na; sonxiba ntoni na?’ 32Zezi zinto kanye abahlala besukelana nazo abangakholwayo beentlanga. Ke yena uYihlo osezulwini uyazi ukuba ezo zinto zonke ziyimfuneko kuni. 33Ke ngoko kuqala zondelelani ukulawulwa nguThixo, nenze ubulungisa obufunwa nguye, waye ke yena eya kunongezelela zonke ezi zinto.

UMATEWU 6:31-33XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IZAFOBE 3

13Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;

nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.

14Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva;

nditsho negolide ayithathi nto kubo.

15Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo.

Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.

IZAFOBE 3:13-15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KUTIMOTI 6

17Bayale abantu abanobutyebi beli hlabathi bangaziphakamisi baqamele ngento engaqinisekanga njengemali, koko mabathembele kuThixo, kuba yena unezinwe, unako ukusenza sixhamle zonke izinto sonwabile. 18Bakhuthaze benze imisebenzi emihle, babe zizinhanha ngemisebenzi elungileyo, babe nezinwe, babaphe abasweleyo. 19Ukuba benjenje ke boba bazigcinela indyebo eya kuba sisiseko sekamva labo. Ngokwenjenjalo bobuzuza ubomi bokwenyani.

1 KUTIMOTI 6:17-19XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAPETROS 5

7Ziphoseni kuye zonke iingxaki zenu; kaloku nguye onalusayo.

1 KAPETROS 5:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEFILIPI 4

6Sanukuba naxhala; kodwa iintswelo zenu ziseni kuThixo ngomthandazo, nimbongoze ninombulelo. 7Ke lona uxolo lukaThixo olungaphaya kokuqonda luya kuzalusa iintliziyo neengcinga zenu ningahlukani noKrestu. 8Mandiphethe ngelithi, mawethu, hlalani nicinga ngezinto eziyinyaniso nezindilekileyo nazo zonke izinto ezilungileyo nezinyulu, zonke ezithandekayo nezinesidima, nangezinto ezintle ngokupheleleyo kwanezincomekayo. 9Zenzeni zonke izinto enazivayo nezo nazibonela kum, amazwi kwanezenzo. Ke uThixo onika uxolo uya kuba nani.

KWABASEFILIPI 4:6-9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Abantu abaninzi bacinga into yokuba, ukuqokelela ubutyebi nokuba sisinhanha yeyona njongo iphambili yobomi babo. Kambe ke, iBhayibhile isifundisa okokuba, obo butyebi bobexesha elifutshane. Ingozi yokuthanda izinto eziphathekayo kukuba zingalawula impilo yethu ukuba asilumkanga. Asinakukhonza iinkosi ezimbini, uThixo nobutyebi. Masisebenze ngale ndlela uThixo afuna sisebenze ngayo ze sifumane ubutyebi bokwenene banaphakade. IBhayibhile ithi xa iyibiza le nto kukugcina ubutyebi basezulwini. Ukuba sibeka uThixo phambili kuyo yonke into esiyenzayo, uya kusihoyela izidingo zethu zemihla ngemihla.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-