Bible Society of South Africa

Emsebenzini noThixo – Usuku 11

Hlawula iirhafu zakho.

Itekisi yeBhayibhile

ULUKA 20

20Bamcupha ke, bathumela iintlola ezizenza amalungisa, ukuze bambambise ngamazwi, ze ke bamnikele kwirhuluneli, yona iphetheyo inawo onke amagunya. 21Iintlola ezi zambuza uYesu zisithi: “Mfundisi, siyazi ukuba wena uthetha ufundise okuyinyaniso, kuba akunamkhethe, koko uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo. 22Ngaba ke kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare?”

23Eliqondile iyelenqe lazo, wathi kuzo: 24“Ndiboniseni imali. Ke, ngokabani na lo mfanekiso neli gama?”

Zaphendula zathi: “NgokaKhesare.”

25Wathi yena kuzo: “Ke, nikani uKhesare okufanele uKhesare, ninike uThixo okufanele uThixo.”

ULUKA 20:20-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 13

6Nirhafa nje kaloku, kungenxa yokuba abasemagunyeni bangamagosa kaThixo, ngakumbi xa besenza umsebenzi wabo. 7Ngoko ke bonke banikeni okubafaneleyo – irhafu kofanelwe yirhafu, umrhumo kofanelwe ngumrhumo, ukuhlonitshwa kofanelwe kukuhlonitshwa, imbeko kofanelwe yimbeko.

KWABASEROMA 13:6-7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IBhayibhile iwubeka ucace gca umba wokuhlawulwa kwerhafu. Kuba amaJuda ayephantsi kolawulo lwamaRoma, umba werhafu kwiTestamente eNtsha yayingumba onochuku wezopolitiko. Kambe ke, nakule imeko ilungelo lorhulumente lokuhlawulisa irhafu liyachazwa nguKrestu ngeli lixa esikhumbuza ukuba ngaxeshanye nathi sinoxanduva kuThixo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-