Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 266

Itekisi yeBhayibhile

UYOBI 18

UBhildadi: Sisikhohlakali esihlelwa ngumonakalo

1Kwesi sithuba ke kuthathise uBhildadi, umfo waseShuwa, wenjenje:

2“Koda kube nini untyuntya?

Hayi bo, khawubuyel' ezingqondweni, nathi ke sithethe!

3Kutheni ukuba usiphathe okwezilwanyana?

Ngaba usibona siziziyatha ezinjalo?

4Uyazenzakalisa ngalo msindo wakho.

Ngaba umhlaba mawujike ube yinkangala ukungqinela ukunyaniseka kwakho?

Uthi makudilik' amawa ezindaweni zawo?

5“Hayi kaloku, isibane sesikhohlakali siza kucinywa,

futhi ke nelangatye laso soze liphinde livuthe.

6Ukukhanya kuya kujika kube bubumnyama endlwini yaso;

ewe, isibane saso siya kucinywa.

7Siza kuphelelwa kukunyantsula,

sikhutyekiswe kwalelaso iqhinga.

8Iinyawo zaso ziya kugaxeleka kwisabatha,

size sigxalathelane siye kuthi gxwa emhadini.

9Umgibe wosuka usithi hlasi ngesithende,

usiqhoge usibambe ntshilikithi!

10Kaloku sibekelwe isabatha emhlabeni,

sacutshelwa unoxhaka endleleni yaso.

11Lo mntu urhwaqeliswa zizoyikiso ngeenxa zonke;

zimthe mbende zimpheka zimophula.

12Inkxwaleko imlambele;

uhlala ezingelwa sisithwakumbe.

13Uthiwe mome sisifo esilenceza ulusu lwakhe;

ewe, kanye izibulo lokufa limgrenya amalungu omzimba.

14Woqwengelwa apho kwelo nqugwala liyinqaba yakhe,

suka ukufa kumqweqwedisele kwikumkani yezoyikiso.

15Akukho nto iyeyakhe iya kusala kwelo nqugwala lakhe;

kaloku isulfure evuthayo iya kusasazeka phezu kwalo.

16Phants' apha iingcambu zakhe ziya koma,

kanti ke wona amasebe akhe atshaze phezulu phaya.

17Udumo lwakhe luya kutshitsha elizweni,

negama lakhe lilibaleke ehlabathini.

18Wogxothwa kweli lizwe lokukhanya, akhatshelwe ebumnyameni;

ewe, uya kunikw' uphum' aphele kwelimiweyo.

19Akayi kushiya mlibo nanzala phakathi kwamawabo;

ngenene akayi kushiya nempunde le kwelakowabo.

20Abasentshona bothi bakuyiva le ntlekele bakhamnqe;

kanti ke abasempuma bothi bakuva ngesi sibetho batsho babamb' ongezantsi!

21Kuya kuba njalo ke kwindlu yesikhohlakali.

Ewe, injalo indawo yongamkhathalelanga uThixo!”

UYOBI 19

UYobi: Ndiya kumbona uThixo

1Ke kaloku waphendula uYobi wathi:

2“Yaz'ba koda kube nini na nindingcungcuthekisa,

nindaphula nindikroboza ngamazwi?

3Kunini niphoxisa ngam!

Aninantloni ukundihlasela kangaka?

4Khona sekusithiwa ndonile,

ningena phi ke nina?

5Eyona nto ngoku niyandivuyelela;

kuni ezi nkathazo zam zibonisa ubutyala bam.

6Anisaboni ke nina ukuba nguThixo lo undifake kule ngxingwa?

Ewe kaloku, nguye ondigubungele ngomnatha.

7“Ndiba ngakhwaza ndisithi: ‘Ugonyamelo!’

andifumani nokuhoywa oku!

Futhi ndibe ngazibika,

akukho bani undilamlelayo!

8Yena uyivalile indlela yam ukuze ndingabi nakugqitha.

Iindlela zam uzithe zinzi ngobumnyama.

9Yena undihlube iwonga lam,

wandihlutha naloo ntshinga bendinayo.

10Undidilize macal' onke, ndee shwaka,

walincothula njengomthi ithemba lam.

11Ingqumbo yakhe uyijolise kum;

undiphethe njengolona tshaba lwakhe.

12Undikhuphele umkhosi wakhe;

undimbela izikanisi zokundihlasela;

ujikeleza umzi wam.

13Unditsho ndabalekwa nangabantakwethu;

xa kungokunje nezihlobo zam ezi zihambela phaya!

14Okwakuzizalamane zam zindishiyile,

ngokunjalo nabazalana nam bandilibele.

15Abo babeziindwendwe zam abasandikhumbuli,

nezicakazana zam azisandazele nto,

sendithathwa njengowasemzini.

16Ndakusibiza isicaka sam, asisabeli nokusabela oku,

nditsho nokuba ndiyasicenga.

17Kanti nomfazi wam weenkomo selekhutyekiswa kukuphefumla kwam;

sendiliqaqa nakwabesizalo sikama.

18Sendidelwe nangabantwana aba bembala;

bathi ndakuthi gqi bakrukrutheke yintsini.

19Endandikade ndilala ngengub' enye nabo, bayandicaphukela;

ukanti nâbo ndibathandayo bandivukele.

20Izihlunu zam sezithe nca emathanjeni,

nolusu lwam sendilonwaya ngamazinyo.

21“Hoyina! Hoyina, balingane bam; khanibe nebuya-mbo!

Kaloku sisandla sikaThixo esi sindenze ndanje!

22Ngani ukuba nani ninditshutshise njengoThixo?

Hayi kaloku, noko ngoku sekwanele!

23Akwaba ebekho owabhalayo la mazwi am;

akwaba ebeshicilelwe encwadini!

24Ngenene akwaba la mazwi ebekrolwe elityeni ngentsimbi ebukhali nangelothe,

khon' ukuze ahlale ehleli nanini nanini!

25Kambe ke ndiyazi ukuba umkhululi wam ukho;

ekugqibeleni iya kuba nguye otshatshelayo ehlabathini.

26Nokuba ulusu lwam lungade ludlavulwe sesi sifo,

noko uThixo yena ndiya kumbona ndidlavuke ndinjalo!

27Ewe, ndiya kumbona ngala wam amehlo,

indim, ingenguye wumbi.

Loo nto ndiyilangazelela ngomxhelo wam wonke.

28Ke nina nisuka nithi:

‘Hayi ukungcungcutheka kwakhe!

Yabe ingcambu yaloo nto ikuye ngenkqu.’

29Kambe ke lilumkeleni ikrele elifunza kuni,

ikrele lengqumbo kaThixo ngenxa yesono;

liya kunenza niqonde ukuba ukhona umgwebi.”

UYOBI 20

UZofare: Imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje

1Ke kaloku uZofare waseNama waphendula wathi:

2“Ukudubeka kwam kundibangela ukuba mandiphendule;

kunditsho ndikungxamele ukuthetha.

3Ngale ndlela undigxeka ngayo uyandihlaza,

kodwa ndiza kukuphendula ngengqiqo.

4Ngaba akuyiqondi le nto, ingathi lisiko lidala nje?

Laqala kwaukufika komntu wokuqala ehlabathini.

5Nditsho le nto yokuba ulonwabo lwesikhohlakali alubhekele phi.

Kaloku imincili yalowo ungamnquliyo uThixo yeyomzuzwana nje.

6Ewe, yena angasisihandiba esiwakrobeleyo namazulu,

abe sisikhulu esintloko irheca amafu,

7kodwa wosuka adake kuphele njengelindle lakhe,

baze abo bebembonile bathi: ‘Utshone phi na?’

8Usuka athi shwaka njengephupha,

azimele njengombono wasebusuku,

angaze aphinde alanywe bani.

9Ababehlala bembona abaphindi bambone,

futhi nendawo yakhe ingaze ibe samalama.

10Abantwana bakhe baya kubabuyekeza abasweleyo,

izandla zakhe zibuyisele ubutyebi bakhe kubo.

11Nakuba wayefudula enamandla ngeemini zobutsha bakhe,

kodwa ngoku loo mandla aya kulala eluthulini kunye naye.

12“Inkohlakalo inganambitheka kamnandi emlonyeni wakhe,

ade ayigushe phantsi kolwimi.

13Anganamathela kuyo angavumi ukwahlukana nayo,

asuke akhethe ukuhlala eyimumathile ngenkalakahla.

14Kodwa ke oko kutya kwakhe esiswini sakhe kosuka kukrakre,

kube ngathi yityhefu yephimpi.

15Kaloku umntu okhohlakeleyo ubutyebi ubuginya ajike abuhlanze;

uThixo ubugrumba nakweso sisu sakhe.

16Isikhohlakali simfimfitha ubuhlungu bamaphimpi,

buze busibinze kanye oku kobuhlungu berhamba.

17Asihlali side sibone imilambo empompoza amanzi,

okanye iintlambo ezinkcenkceza ubusi namasi.

18Ukubulaleka kwaso kufuneka sikuncame

singakhange sikuxhamle;

kaloku asilifumani ithuba lokubutya ubutyebi baso,

sinambithe imveliso yokurhweba kwaso.

19Andithi na kaloku sona saphila kukucinezela abahlelelekileyo;

izindlu sizifumana singazakhanga?

20“Kaloku ukunyoluka komntu okhohlakeleyo akunasiphelo;

ulixhoba leminqweno yakhe.

21Utya konke, angashiyi nto;

ngoko ke ngoku inkqubela yakhe isuke yanqamka.

22Uthi xa asencotsheni yempumelelo ahlelwe ziinzima;

zisuke zimfikele ngamandla iinkathazo.

23Angatya yena ahluthe mpu,

kodwa uThixo wosuka amnisele ngengqumbo yakhe,

amohlwaye ngokumzisela imfazwe.

24Xa azama ukuphepha ikrele elenziwe ngentsimbi

uya kuchanwa lutolo lobhedu, lumbinze luphumele.

25Xa elikhupha emqolo,

encothula intloko yalo ekhazimlayo enyongweni,

wosuka onganyelwe kukunkwantya.

26Yonke indyebo yakhe yovuthuluka iphele,

kuthi gqi umlilo ongaphenjwanga mntu

utshabalalise okushiyekileyo endlwini yakhe.

27Amazulu osuka awadandalazise amatyala akhe,

ke lona ihlabathi lisuke limvukele.

28Indlu yakhe iya kukhukuliswa,

imke nomsinga wamanzi ngemini yengqumbo kaThixo.

29Naso ke isabelo uThixo asinika abakhohlakeleyo;

ewe, elo lilifa abamisele lona uThixo.”

UYOBI 21

UYobi: Ngani ukuba abakhohlakeleyo babe nenkqubela?

1UYobi ke waphendula wenjenje:

2“Khanibek' iindlebe nindiphulaphule;

leyo ke yoba yeyona ntuthuzelo kum.

3Khanindinyamezele nam ndikhe ndithethe;

emva koko ke ningaqhubela phambili niphoxise.

4“Ke mna ndifanele ukukhathazeka;

kaloku andixabananga nomntu nje.

5Jongani kum: niya kumangaliswa,

nibamb' ongezantsi.

6Nam ndithi ndakuyicinga le nto indihleleyo ndisuke ndikhwankqiswe,

ndize ndifikelwe kukungcangcazela komzimba.

7Ngani ukuba abakhohlakeleyo bayizuze inyhweba yokukhula bade babe badala,

baxhamle ukomelela nenkqubela?

8Bakhula babe nabantwana nabazukulwana;

ewe, baba nenyhweba yokusibukela isizukulwana sabo.

9Emizini yabo bonwabile, abakhathazwa nto;

uThixo akabayekeli ngezibetho.

10Kubo iinkunzi ziyazizalisa iimazi, zingashiyi nanye;

ibe ke neemazi zabo ziyazala zingaphunzi.

11Owabo umlisela utaka-taka ngokwamatakane;

abantwana babo bayadloba-dloba.

12Ungafika bememelela bekhatshwa ziintambula neengqongqo;

bangqungqa benemincili bebetha iifluthi.

13Obabo ubomi babudla ngentlutha nenzolo,

baze bathi nyubelele baye kutshona kwelemimoya ngaphandle kwamagingxi-gingxi.

14Izikhohlakali zithi kuThixo: ‘Suka kuthi!

Asinamdla wakuzazi iindlela zakho.’

15Zisuka zithi:

‘Kuxa engubani yena uSomandla ukuba singade simbuse?

Khona, nzuzoni esiyifumanayo ngokumnqula?’

16Kambe impumelelo yazo ayixhomekekanga ezandleni zazo.

Mna andihambisani necebo lâbo bantu bakhohlakeleyo.

17“Kukangaphi isibane sesikhohlakali sicinywa?

Kukangaphi zingundaniselwa zizibetho?

Andithi na kaloku uThixo abakhohlakeleyo ubahlomlela ingqumbo yakhe,

18aze abavuthele baphephetheke njengengca enqunqiweyo,

bavuthuluke njengomququ unyuka nesaqhwithi?

19Ngaba uThixo usibekela abantwana isohlwayo sabazali?

Hayi bo; makohlwaye abo bonileyo ngokwabo,

khon' ukuze nabo baqonde.

20Abo bonileyo mabaxhamle isohlwayo,

basele ingqumbo kaSomandla.

21Kakade ke, umntu uwukhathalele ngani umzi wakhe xa yena engasekho,

xa iinyanga zakhe azibalelweyo kobu bomi seziphelile?

22“Ngubani ongafundisa uThixo ulwazi?

Nezithwala-ndwe zaphezulu zisesandleni sakhe nje!

23Bambi bafa bethe gabhu kwintlala-kahle nenkqubela;

bafa bengazele nto bekhuselekile.

24Ewe, bafikelwa kukufa iimvaba zabo zizele ngamasi;

nangokwasempilweni bayimiqaba-qaba.

25Ukanti ke bambi bafa benxunguphele,

bengazange bayive nokuyiva intlala-kahle.

26Kambe ke bonke bayafa bangcwatywe,

baze ke babe lixhoba leempethu.

27Ewe, ndiyakubona ukuyila kweengqiqo zenu,

ngokunjalo naloo mayelenqe niwayilayo ukuchasana nam.

28Niyawaza kubuza ke nithi:

‘Uphi umzi wesikhulu xa kunamhlanje-nje?

Iphi loo ndlu sasiyenzela kuyo inkohlakalo?’

29Ngaba anikhe nibuze na kwabalikhenkethileyo ilizwe?

Ke, ngaba anikayiqondi ingxelo yabo?

30Le yokuba ngomhla wesithwakumbe isikhohlakali siyasinda,

sihlangulwe kuyo ingqumbo!

31Akukho mntu ujongana naso asimangalele,

kungekho bani usibuyekezayo ngezenzo zaso.

32Sisiwa emangcwabeni,

lilindwe ingcwaba laso.

33Amagada entlambo alala athi ncwaba phezu komzimba waso.

Bonke abantu bayasilandela ukuya apho;

kanti sandulelwe linani elingenakubalwa.

34“Ningathini ke ukufuna ukundithomalalisa ngamazwi alambathayo?

Zonke iingxoxo zenu bubuvuvu obungeyonyaniso.”

UYOBI 18:1-21:34XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-