Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 267

Itekisi yeBhayibhile

UYOBI 22

UElifazi: Ubugwenxa bakho abunasiphelo

1Ke kaloku uElifazi umfo waseTeman uphendule wenjenje:

2“Ngaba ukhona na umntu oluncedo kuThixo?

Ngaba angazuza lutho na kwinkintsela yesilumko?

3Uthi ngaba uSomandla unolutho aluzuzayo ukuba wena ulilungisa?

Khona sekusithiwa awunabala, imnceda ntoni loo nto?

4“Ngaba uThixo angakohlwaya na ngenxa yokuba umthobela,

aze akumise enkundleni?

5Akungebi ngokuba wone gqitha,

nobugwenxa bakho bungenasiphelo?

6Kaloku wena amawenu uwamisele isibambiso ngaphandle kwesizathu;

ude uwohluthe nempahla yawo yokunxiba, asale eze.

7Abadiniweyo benxaniwe awuluthobanga unxano lwabo,

nabalambileyo ubavimbile ukutya.

8Wena ubusisinhanha esinemihlaba;

ubungummi obekekileyo.

9Kanti awanelanga kukungancedi bahlolokazi,

koko ude waxhaphaza wacinezela neenkedama ezi!

10Ngoko ke ngoku ubhijelwe zizabatha;

uminxwe naliphaphu.

11Ngoku ukhulelwe bubumnyama, awuboni;

ugutyungelwe naziimpuphuma.

12“Andithi na kaloku uThixo yena uhlala emajukujukwini amazulu?

Neenkwenkwezi ngokwazo kuloo malenga-lenga zikuwo yena uzivelele.

13Ube ke wena usithi: ‘Wazi ntoni uThixo?

Esithwe ziingqimba zamafu nje, angasigweba njani?’

14Uthi: ‘Akaboni; uvalelwe ngamafu;

kuphela uhamba-hamba phaya esibhakabhakeni.’

15Ngaba usazimisele ukuhamba indlela yamandulo,

ulandele ikhondo labantu abakhohlakeleyo?

16Kaloku bona baxhwilwe kwangaphambi kwexesha labo;

izikhukula zemka neziseko zabo.

17Aba ngabo babesithi kuThixo: ‘Suka kuthi.

Angasenza ntoni na uSomandla?’

18Kambe ke ikwanguye ozalisa imizi yabo ngobuqhele-qhele.

Phofu ke mna andihambisani neqhinga lezikhohlakali.

19“Amalungisa ayakubona ukutshabalala kwezikhohlakali, asuke avuye;

abamsulwa bahlekisa ngazo besithi:

20‘Inene, iintshaba zethu zitshatyalalisiwe,

nobutyebi bazo budliwe ngumlilo.’

21“Ngoko ke wena zilahlele kuThixo, ube noxolo kunye naye;

kwakuba njalo ke uya kuzuza okulungileyo.

22Yamkela imfundiso ephuma emlonyeni wakhe,

uwamilisele entliziyweni yakho amazwi akhe.

23Ewe, ukuba uyabuyela kuSomandla uya kwakheka;

nto nje wena lahla la manyondololo aqhubeka kulo mzi wakho.

24Igolide yakho yilahle,

neyona yodidi yaseOfire yithathe njengamatye nje aphaya entlanjeni.

25Kuphela igolide yakho mayibe nguSomandla,

neengqumba zesiliva yakho mayibe kwanguye.

26Wakuba wenjenjalo ke uya kukholosa ngoThixo uSomandla,

ubujongise kuye ubuso bakho.

27Uya kuthandaza kuye eve;

ngokunjalo ke nezibhambathiso zakho uzifezekise.

28Izigqibo zakho ziya kuphumelela,

ngokunjalo nendlela yakho ibe mhlophe.

29Xa abantu bekhahlelwe phantsi uze uthi: ‘Nceda ubaphakamise.’

UThixo uya kubahlangula abazithobileyo;

30ewe, ude ahlangule nongekho msulwa,

emsindisa ngobunyulu bezandla zakho.”

UYOBI 23

UYobi: Oko uThixo afuna ukukwenza uyakwenza

1UYobi uphendule wenjenje:

2“Nanamhlanje ndisamkhalazela ndikrakra uThixo,

kuba undiphethe gadalala nakuba sendincwina kangaka nje!

3Akwaba bendimazi apho akhoyo,

ndiyazi nendlela eya apho ahlala khona.

4Bendiya kusibeka isikhalo sam phambi kwakhe,

ndixoxe ndizithethelele.

5Bendiya kukhe ndimve ukuba uthini na;

ndive ukuba uthetha ntoni na.

6Ngaba angasunduzana nam ngaloo mandla akhe?

Hayi, uThixo ngeke akwenze oko.

7Kaloku enkundleni yakhe amalungisa aphuma phambili.

Ke ngoko uMgwebi wam ebeya kundigwebela kuphele.

8“Ndikhangele ndamfuna empumalanga, kodwa andimfumani;

ukanti nasentshonalanga andimbhaqanga.

9Nokuba usebenza kwelasentla andimboni;

xa ebuyela kwelasezantsi usithele emehlweni am.

10Phofu ke uThixo uyayazi indlela endiyihambayo;

ukuba unokukhe andivavanye ndingafumaneka ndimsulwa okwegolide.

11Kaloku iinyawo zam zilandela emkhondweni wakhe;

indlela yakhe ndiyigcinile, andaphambuka kuyo.

12Andiyishiyanga imiyalelo yemilebe yomlomo wakhe;

andenzanga ngokufuna kwam, koko ndiwathobele amazwi akhe.

13Xa enze isigqibo ngubani ongamjikayo?

Oko afuna ukukwenza uyakwenza.

14Ngoko ke uya kukufezekisa konke oko andimisele kona,

nditsho nokuba yintoni na ayicebileyo ngam.

15Ngoko ke ndisuka ndirhwaqele phambi kwakhe;

ewe, ndithi ndakucinga ngaye ndinkwantye.

16NguThixo lo unditsho ndoyika kangaka!

Ewe, nguSomandla lo undirhwaqelisayo.

17Phofu bona ubumnyama abundivalanga umlomo,

nditsho esi sithokothoko sigqume ubuso bam.”

UYOBI 24

UYobi: UThixo akazisi enkundleni izikhohlakali

1“Ngani ukuba uSomandla angalimisi ixesha lokugweba?

Kutheni ukuba nâbo bamaziyo bangayiboni loo mini?

2Abantu bayawushenxisa umlima-ndlela.

Ewe, beba iigusha bazifuye emadlelweni.

3Bayayohlutha idonki yenkedama;

babambisa ngenkabi yenkomo yomhlolokazi.

4Amahlwempu bayawagila aphume endleleni,

babanyanzelisele ekuzimeleni abaziintsizana belizwe.

5Ewe, abahlelelekileyo bavuka kusasa, bexelengela ukutya kwabo,

oku kweqwarha elibhadula ezindle lifuna ukutya koozintlango;

yinkqantosi kuphela ebonelela abantwana babo ngokutyiwayo.

6Ukutya kwabo bakuvuna efusini,

bakhwahlaze izidiliya zezikhohlakali.

7Ebusuku balala ngengub' esele;

abanazo iingubo zokubakhusela engqeleni.

8Ezintabeni phaya iimvula zibatsho babe manzi tixi,

bemana bezikhusela ngokuncathama emaweni.

9Abakhohlakeleyo bathimba iintsana eziziinkedama ezisesebeleni;

bathatha iintsana zamahlwempu zibe sisibambiso.

10Ewe, amahlwempu ahamba ze engenampahla;

athwala izithungu izisu zithe nca!

11Akhama ioyile eminqumeni,

axovule newayini ezidiliyeni;

kodwa wona ngokwawo abe enxaniwe.

12Ezixekweni kuncwina amadoda,

iingxwelerha ziyahlahlamba zicela uncedo,

kodwa yena uThixo akazisi enkundleni izikhohlakali.”

UYobi: Inkqubela yabakhohlakeleyo yeyexeshana nje

13“Kukho abantu abangafunaniyo nokukhanya,

abangafuni nokuziqonda iindlela zako,

futhi bengahambisani nako mpela!

14Izikrelemnqa zivuka ekuseni ziye kugebenga abahlelelekileyo,

kuze kuthi kwakuhlwa zijike zibe ngamasela.

15Ke bona abakrexezi balinda ungcwalazi,

ufike sebefihl' ubuso, besithi: ‘Andiyi kubonwa.’

16Ebusuku amasela aqhekeza izindlu,

aze kwakuba semini azimele angafunani nokukhanya.

17Isithoko-thoko sobumnyama sifana nemini kubo;

ubusuku oboyikekayo bunjengomhlobo kubo.

18“Isikhohlakali sikhukuliswa sisikhukula;

amasimi asisabelo saso ashwatyulelwe,

akusekho bani usebenzayo ezidiliyeni zaso.

19Ikhephu liyanyibilika lakudibana nobushushu nembalela;

ngokunjalo naboni bayavuthuluka kwelabafileyo.

20Nditsho nonina uyamlibala;

kaloku umemethwe ziimpethu, akabi sakhunjulwa.

Ewe, isikhohlakali sinkumka oku komthi owomileyo.

21Kaloku sona siphanga abafazi abaziindlolo,

singabenzeli inceba abahlolokazi.

22Ngamandla akhe uThixo uyazishenxisa izihandiba;

ewe, uThixo uthi akusebenzisa amandla akhe zitsho ziphelelwe lithemba lokudla ubomi.

23UThixo noba angaziyeka zihlale zithe zava,

kodwa usoloko ezijongile ukusuka nokuhlala kwazo.

24Abantu abakhohlakeleyo bahluma babe nenkqubela okwexeshana,

kodwa yonke loo nto iphela ngokukhawuleza;

bayadaka bafe njengamntu wonke,

bayabuna oku kwesikhwebu sengqolowa esivuniweyo.

25“Ngubani ongayiphikisayo le nyaniso?

Makavele ongandiphikisayo, athi nditheth' amampunge!”

UYOBI 25

UBhildadi: Umntu akangebi msulwa enkundleni kaThixo

1Kwesi sithuba ke kuphendule uBhildadi umfo waseShuwa, wathi:

2“Kaloku uThixo nguSomagunya, nguDuma-barhwaqele;

yaye ke ulugcinile ucwangco kweliphezulu.

3Ngaba ukhona na ongazibalayo izinxiba-mxhaka zakhe?

Khona ngaba kuphi apho lungabonakaliyo ukhanyiso lwakhe?

4Ngaba kungenzeka ukuba umntu afumaniseke emsulwa enkundleni kaThixo?

Uthi ingenzeka into yokuba umntu ozelwe ngumfazi angabi nabala?

5Kaloku nenyanga ngokwayo ayiqaqambanga kangako phambi kwakhe;

kanti neenkwenkwezi ezi azingcwenganga kangako kuye.

6Kuxa engubani ke yena umntu, eyimpethu nje?

Uthi unaxabiso lini unyana womntu kuThixo, engumbungu nje?”

UYOBI 26

UYobi: Ùluncedo kubani na?

1Ke yena uYobi uphendule wenjenje:

2“Kuthi mandivume ndithi ùluncedo kwababhetye-bhetye!

Hayi kambe ukubahlangula kwakho abo baswele amandla!

3Ewe, uzicebise kakuhle izityhakala;

hayi, ubulumko obubonakalisileyo!

4Phofu uthi ngubani ongade aweve la mazwi akho?

Khona futhe lini eli uthetha uphantsi kwalo?”

UYobi: Ngubani ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?

5“Abafileyo bayabhinyalaza kukunkwantya,

kanti ke nelo lamanzi liyazibhija-bhija kunye nabemi balo.

6Ewe, elabafileyo lityhilekile phambi koThixo;

ayinasigqubuthelo inzonzobila.

7Kaloku uThixo wasitwabulula isibhakabhaka ngasentla phaya,

waza umhlaba wawujingisa enyanyeni.

8Nguye ofaka amanzi kwiingqimba zamafu,

aze loo mafu awabophe angagqajuzwa bobo bunzima bamanzi.

9Uyayifihla inyanga ingabonakali;

ewe, utwabulula ilifu lithi zinzi, itsho ifihlakale.

10Wakwahlula ukukhanya ebumnyameni

ngeso sazinge sizotywe elundini lolwandle.

11Uthi angakhalima zitsho zihexe iintsika ezixhase isibhakabhaka;

ewe, zitsho zizama-zame zingcangcazele kukoyika.

12Kaloku yena ngaloo mandla akhe waluthomalalisa ulwandle,

waza kwangobo buchule bakhe wamvikiva uRahabhi isilo saselwandle.

13Ngomoya wakhe ufutha sitsho sicwenge isibhakabhaka;

kanti ke ikwasisandla sakhe esangxwelerha inyoka enyubelezayo.

14Kambe ke la ngamagqabantshintshi nje amandla akhe.

Thina esikuvileyo lumingi-mingi nje!

Ibingubani ke ongade akuqonde ukuzongoma kwamandla kaThixo?”

UYOBI 22:1-26:14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-