Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 171

Itekisi yeBhayibhile

UHOSIYA 9

Isono sikaSirayeli neziqhamo zaso

10Ndathi mhla ndamfumana uSirayeli

kwanga ndibhaqe iidiliya entlango;

mhla ndabafumana ookhokho benu

yaba ngathi ndibhaqe amakhiwane,

makhiwane ke alulibo.

Bathe bakufika eBhali-pehore

suka bazinikela kuBhali,

baza bagqwaliseka njengaye kum.

11Udumo lukaEfrayim lothi shwaka,

luntinge lumke njengentaka.

Akukho mfazi uya kukhulelwa;

ewe, akukho mfazi uya kubeleka.

12Naxa benabo abantwana abakhulayo

ndobatshayela kuthi tu.

Mawo-o-o! Yeka mhla ndabafulathela!

13Ndambona uEfrayim enjengeTire,

emi kwisithabazi somhlaba.

Kambe abantwana bakhe baya kuzingelwa,

bona boba zizisulu zokubulawa.

14Azi ndothini na *kuNdikhoyo?

Mandithi banike ntoni na kodwa?

Izizalo ezingaphathi nto;

amabele awomileyo.

15Ngenxa yezono abazenza eGiligali

mna ndatsho ndabacaphukela.

Ngenxa yezenzo zabo ezigwenxa

ndiza kubagxotha endlwini yam.

Ukubathanda kwam kwaphusile;

kaloku iinkokheli zabo zindivukele.

16Ngenene uEfrayim uphanzile,

womile ukususela ezingcanjini;

ewe, akathwali ziqhamo.

Noba angade azale

ndoyibhubhisa loo nzala ayithandayo.

17UThixo wam wabalahla kwesinomhlwa;

kaloku bona abamphulaphulanga.

Ngoko ke boba ziimbacu ezizweni.

UHOSIYA 10

USirayeli uyakhohlisa

1USirayeli wayenjengomdiliya othe xazalala,

ovelisa iziqhamo ngexesha lazo.

Kanti ngokwanda kwezo ziqhamo

wenjenjalo nokwandisa amaqonga.

Ngokwanda kwenkqubela yelizwe

wenjenjalo ukuzihombisa neentsika zakhe.

2Intliziyo yabo iyinkohliso!

Ngoku baza kuvuna leyo bayilimileyo.

*UNdikhoyo wowadiliza amaqonga abo,

azisiphule ezo ntsika zabo.

3Kaloku ngoku baza kuthi:

“Thina asinaye ukumkani,

kuba kaloku asimhloneli uNdikhoyo.

Ukuba besinaye ke,

angasenzela ntoni ukumkani?”

4Ewe, bathetha amazwi alambathayo;

benza izibhambathiso zelize;

bangena kwiminqophiso ephuthileyo.

Suka ke ukubambana kwabo ezinkundleni

kwafana nokhula oluyityhefu

oluhluma emasimini alinyiweyo.

5AbaseSamariya ke bayangcangcazela

ngenxa yethole laseBhetaven.

Abemi bakhona botsho ngesijwili;

nababingeleli balo baya kulililela

ngenxa yokutshitsha kwesidima salo.

6Loqweqwediselwa eAsiriya;

liya kuba ngumrhumo kukumkani uYarebhi.

UEfrayim uya kuhlaziswa,

uSirayeli abe neentloni ngecebo lakhe.

7Ukumkani waseSamariya wonqanyulwa;

wothi shwaka ngathi luluthi emanzini.

8Asisathethi ke ngamaqonga asezindulini,

kuba wona aya kutshatyalaliswa.

Angundoqo wesono sikaSirayeli.

Kokhula ameva kunye nenkunzane,

atsho angabonakali amaqonga abo.

Ngoko bosuka bathi ezintabeni:

“Siweleni, nisifihle!”

ezindulini bathi: “Sigqumeleleni!”

9Kusukela kwimihla yaseGibheya

uthe rhoqo ukona, Sirayeli.

Ewe, awushenxanga kulo mkhwa.

Kwenzeka ntoni na eGibheya?

Andithi bagutyungelwa yimfazwe?

10Ndosuka ndibohlwaye abanxaxhayo,

nditsho olu hlanga lonayo.

Izizwe ziya kuluhlanganyela;

ewe, zona ziya kulukhonkxa ngesi sono siphinda-phindeneyo.

11UEfrayim yena nqwa nethokazi lenkomo –

nditsho ithokazi eliqeqeshiweyo,

elo libhula ngentumekelelo.

Ke ndolifaka edyokhweni,

ndiyibeke kuloo ntamo yalo.

Ewe, ndomqhuba uEfrayim,

uJuda ndimfake ekulimeni.

Ewe, uYakobi uza kuyerha.

12Khanizihlwayelele ubulungisa,

nixhamle iziqhamo zobubele.

Ewe, khaniwukhubele umhlaba.

Eli lixesha lokufunana noNdikhoyo,

ade ke yena afike,

anithululele amathamsanqa.

13Kambe ke nihlwayele inkohlakalo,

naza ke navuna kwayona.

Nizixhamle iziqhamo zokukhohlisa.

Kaloku suka nakholosa ngobugorha benu,

naqamela ngobuninzi bamajoni.

14Anikho sisidube-dube semfazwe;

zonk' iinqaba zenu zotshatyalaliswa

njengoShalman mhla ngedabi,

mini wavuthulula iBhetarbhele,

abadlezana bagileka bawa

neentsana zathi geqe phaya.

15Bantundini baseBhetele, nakuni kuya kuba njalo

ngenxa yobukhulu benkohlakalo yenu.

Ewe, ukuthwasa kwaloo mini

ukumkani kaSirayeli wotshabalala.

UHOSIYA 11

Ukuthandwa kukaSirayeli

1“USirayeli ndamthanda kwasebuncinaneni bakhe;

ndambiza ukuba aphume eJiputa unyana wam.

2Ndaba ngakhwaza ndimbiza uSirayeli,

suka waya ebhekela kum.

Baphikela ukunikela *kooBhali;

imifanekiso eqingqiweyo bayenzela iziqhumiso.

3Kodwa ndim ofundise uEfrayim ukucathula;

ndim owamthi chu ngengalo.

Kodwa abaqondi ukuba ndim obanyangileyo.

4Bona ndabakhokela ndinovelwano;

ewe, ndandiyimvuze-mvuze bububele.

Ndabathula idyokhwe ebatyabulayo,

ndaza ndathoba ndabafunzela.

5Kambe ke abayi kubuyela kwaseJiputa,

kodwa uAsiriya uya kubalawula.

Kaloku abavumi ukubuyela kum.

6Ezixekweni zabo komenyezel' ikrele.

Lowanqunqa amanqwanqwa amasango,

liwaphanzise namacebo abo.

7Abantu bam bazimisele ukundishiya.

Noba bangade bakhale kOphezu-konke

yena soze abaphakamise.

8“Kodwa ndingathini ukukulahla, Efrayim?

Ndingathini ukukuncama, Sirayeli?

Ndingathini ukukuphatha njengeAdama,

ndikwenze ufane neZebhoyim?

Intliziyo yam iguqukile ngakuni;

imfobe yam itsho yavuseleleka.

9Andiyi kubuphumeza ubushushu bomsindo wam;

andiyi kuphinda ndimbhubhise uEfrayim.

Kaloku andimntu, ndinguThixo,

uYedwa othe zwabha phakathi kwenu.

Andiyi kuza ndinobushushu bomsindo.

10Bosuka bamlandele *uNdikhoyo.

Yena wovungama njengengonyama.

Ke kaloku akubhavumla

usapho lwakhe loza lungcangcazela;

ewe, luya kuza ngasentshonalanga.

11Boza benkwantya okweentaka bevela eJiputa;

boba njengamahobe bevela eAsiriya.

Ndobabuyisela emakhayeni abo.”

Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

Isono sikaSirayeli

12UEfrayim undijikeleza ngobuxoki;

indlu kaSirayeli indithe nca ngenkohliso.

UJuda yena uvukelana noThixo,

nditsho uYedwa lowo uthembekileyo.

UHOSIYA 12

1UEfrayim walusana nomoya;

usukelana nolophu lwasempuma;

imini yonke wandisa ubuxoki nobubhoja.

Yena unqophisana neAsiriya;

nango amafutha omnquma ewasa eJiputa.

2*UNdikhoyo umangalela uJuda;

uYakobi womohlwaya ngezono zakhe,

ambuyekeze ngezinto azenzileyo.

3Engekaveli wabamba umntakwabo,

wamthi nqaku ngesithende.

Ebudodeni wabambana noThixo,

4wajijisana nesithunywa woyisa,

wakhala ecela inceba.

Wahlangana noThixo eBhetele,

waza wathetha-thethana naye khona apho –

5uNdikhoyo uThixo uSomandla.

Gama lakhe ke nguNdikhoyo;

uthuthwa ngalo xa enqulwa.

6Ngoko ke buyela kuThixo wakho;

gcina uthando nobulungisa,

uhlale uthembele kuThixo wakho.

7Isikali somrhwebi sesobuqhophololo;

yena uthanda ukuxhaphaza.

8Kodwa uEfrayim uthi:

“Ndimi kakuhle, ndisisinhanha.

Ekuzityebiseni kwam akukho bugwenxa nasono esinokufunyanwa.”

9“NdinguNdikhoyo uThixo wakho

owakukhuphulula kwelaseJiputa.

Ndophinda ndinihlalise ezintenteni

njengakwimihla yamatheko amisiweyo.

10Ndim owathetha nabashumayeli,

ndabathi jize ngemibono,

ndathetha ngemizekeliso ngemilomo yabo.”

11IGiliyadi ibimi kakuhle,

kodwa ngoku ayisento yanto.

Koba njalo naseGiligali –

noxa kwakubingelelwa ngeenkunzi khona

amaqonga ayo ofana neengqumba zamatye,

nditsho ezo zikumasimi alinyiweyo.

12UYakobi wabhacela kwa-Aram,

uSirayeli wamsebenzela umfazi –

ukuze amlobole walusa iigusha.

13UNdikhoyo wasebenzisa *umshumayeli

ukukhupha uSirayeli eJiputa;

ewe, wabalondoloza ngomshumayeli.

14Kodwa uEfrayim umcaphukise gqitha.

Ngoko ke ityala legazi liza kumfumana,

iNkosi yakhe imbuyekeze ngehlazo alenzileyo.

UHOSIYA 13

Ingqumbo kaThixo ngakuSirayeli

1Fudula esithi akuthetha uEfrayim

abantu bona bangcangcazela;

ewe, yena wayehlonelwa kwaSirayeli.

Kodwa ke suka wazixabhela;

suka wanqula uBhali waphutha.

2Ngoku wongeza isono phezu kwesono;

uzenzela imifanekiso etyhidiweyo ngesiliva,

izithixo ezenziwe ngokweembono zakhe.

Ewe, bubuchule bezandla zomntu.

Ngoku ke sekusithiwa:

“Ofuna ukwenza idini makawange la mathole.”

3Ke ngoko bothi shwaka njengenkungu yakusasa,

njengombethe osuka uvuthuluke.

Bofana nomququ ophetshethwa ngumoya,

umququ wesanda ophel' emehlweni,

ngathi ngumsi otyhoboza ngefestile.

4“Ukanti ke *ndinguNdikhoyo uThixo wakho.

Mna ndakukhuphulula eJiputa.

AwunaThixo ngaphandle kwam,

kungekho namsindisi ingendim.

5Ndim owakulondolozayo entlango,

ndakugcina kwilizwe lembalela.

6Ndanondla natsho nahlutha,

nathi ningahlutha nakhukhumala;

ewe, nasuka nandilibala.

7Ndosuka ndinihlasele njengengonyama;

ndosuka ndinilalele njengengwe.

8Ndohlasela njengebhere eyohluthwe amathole ayo;

ewe, ndosuka ndiniqwenga-qwenge.

Ndonidlavula njengemazi yengonyama,

ndiniqwenge ngathi nihlaselwa lirhamncwa.

9“Ngenene uzonakalisile, Sirayeli,

ngokundichasa kwakho, mna luncedo lwakho.

10Uphi khona loo kumkani wakho

ukuba angakusindisi ezixekweni zakho zonke?

Ziphi kaloku iinkokheli zakho?

Ngani zingakuncedi nje?

Kaloku nankqangaza nisithi:

‘Sinike ookumkani nabalawuli.’

11Ewe kaloku, ndasuka ngomsindo,

ndaza ndaninika ookumkani.

Kwangomsindo ndisuke ndabohlutha.”

ISamariya iza kohlwaywa

12“Ubugwenxa bukaEfrayim budityanisiwe babotshwa;

izono zakhe zigcinwe kuvimba.

13Uyapena-pena ziintlungu zenimba;

kambe sisiyatha sosana –

lakufika ixesha lokuzalwa aluvumi ukuvela.

14Ndomhlawulela na kwigunya lengcwaba?

Ngaba ndomhlangula na ekufeni?

Wena kufa, siphi isibetho sakho?

Nawe ngcwaba, luphi ulwamvila lwakho?

Ngenene andisayi kuba nanceba mpela!

15“Noba uEfrayim angaba nempumelelo phakathi kwezizalwane zakhe,

uya kufikelwa lulophu lwasempuma,

umoya kaNdikhoyo ovela entlango,

utshe umthombo wakhe,

amaqula akhe ome qoko.

Oovimba bakhe baya kuphangwa

nabo bonke ubuncwane babo buthathwe.

16ISamariya yona iza kohlwaywa;

kaloku bavukelene noThixo wabo.

Baza kuba zizigede likrele;

iintsana zophihlizwa emhlabeni,

nabakhulelweyo baya kuqangqululwa.”

UHOSIYA 14

Kubongozwa uSirayeli

1Khanibuye kaloku, maSirayeli;

buyelani *kuNdikhoyo, kuThixo wenu.

Kaloku niwile ngenxa yezono zenu.

2Thathani la mazwi nibuyele kuNdikhoyo,

nithethe naye nithi:

“Sixolele bonke ubugwenxa bethu,

uze wamkele okulungileyo;

endaweni yeenkunzi zeenkomo sinikela kuwe ngamazwi emilebe yethu.

3Akanakusisindisa uAsiriya;

asiyi kukhwela mahashe emfazwe.

Asiphindi sithi: ‘Thixo wethu,’ entweni esiyenze ngokwethu,

kuba kukuwe apho inkedama ifumana inceba khona.”

4“Ndiza kukunyanga ukunxaxha kwabo,

ndibavave ngesisa sothando,

kuba kaloku andisabaqumbelanga.

5KuSirayeli ndoba njengombethe,

atsho aqhakaze njengenyibiba,

endele azike emhlabeni,

afane nomsedare waseLebhanon.

6Amasebe akhe aya kunaba,

abe nomkhitha njengomnquma,

aqhole njengomsedare waseLebhanon.

7Abaphila phantsi kwephiko lakhe

baya kuchuma njengengqolowa,

badubule njengediliya,

badume njengewayini yaseLebhanon.

8Efrayim, andinanto yakwenza *nezithixo.

Ndim osabelayo akukhathalele;

ndifana nompayini ohlal' uluhlaza.

Kungenxa yam uneziqhamo nje.”

Umqukumbelo

9Osisilumko uya kuziqonda ezi zinto;

oqaphelayo uya kukwazi oku.

Iindlela *zikaNdikhoyo zithe ngqo.

Ke amalungisa ahamba ngazo;

ke bona abakreqi ziyabakhubekisa.

UHOSIYA 9:10-14:9XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-