Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 172

Itekisi yeBhayibhile

2 YOOKUMKANI 16

UAhazi ukumkani wakwaJuda

1Ke kaloku kwathi ngonyaka weshumi elinesixhenxe elawula uPeka unyana kaRemaliya kwaSirayeli, uAhazi unyana kaYotam ukumkani wakwaJuda waqalisa ukulawula kwelakwaJuda. 2UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe. 3Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli. 4Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

5Ke uRezin, ukumkani wakwa-Aram, kunye noPeka, unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, basuka bahlasela iJerusalem, bayingqinga nakuba bengayoyisanga. 6Ngelo thuba ke ukumkani uRezin wakwa-Aram wayibuyisela kwa-Aram iElati, wabagxotha kuyo abantu bakwaJuda. Aza ke angena ema khona amaSiriya unanamhla.

7UAhazi ke wathumela izigidimi kuTigelate-pilezere, ukumkani waseAsiriya, esithi kuye: “Mna ndisisicaka nebamba lakho; ngoko ke nceda uze kundihlangula, naku ndihlaselwa ngukumkani wakwa-Aram ekunye nowakwaSirayeli.” 8Kananjalo ke uAhazi wayithatha isiliva kunye negolide ezazisendlwini kaNdikhoyo nakoovimba bakomkhulu, wazithumela zasisipho arhuma ngaso kukumkani waseAsiriya. 9Ukumkani waseAsiriya ke wasamkela eso sicelo, waza ke wahlasela iDamasko. Abemi bakhona wabafudusela eKiri, ke yena uRezin wambulala.

10Ukumkani uAhazi wahlangabeza ukumkani waseAsiriya uTigelate-pilezere eDamasko. EDamasko ke apho wabona iqonga lamadini, waza wathumela kumbingeleli u-Uriya emnika iplani yalo neenkcukacha zokwakha elifana nalo. 11Umbingeleli u-Uriya ke wakha iqonga lamadini ngokwezo nkcukacha wayezithunyelelwe ngukumkani uAhazi eseDamasko. Iqonga elo waligqiba engekabuyi eDamasko ukumkani uAhazi. 12Ekubuyeni kwakhe ke, ukumkani walibona iqonga elo, waza wenza amadini kulo. 13Wenza amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, kunye neminikelo ethululwayo, waza wafefa ngegazi elingumnikelo wakhe wobudlelwane kwalapho eqongeni. 14Ke lona iqonga lobhedu elalimi phambi koNdikhoyo walisusa phambi kwendlu kaThixo, apho lalikhona phakathi kweqonga elitsha nendlu kaNdikhoyo, walimisa ngasentla kweqonga elitsha.

15Ukumkani uAhazi wayalela umbingeleli u-Uriya wathi: “Kweli qonga litsha likhulu yenza amadini atshiswayo akusasa, namadini eenkozo asemalanga, amadini kakumkani atshiswayo, ndawonye namadini akhe eenkozo, kunye namadini atshiswayo abantu beli lizwe, ndawonye namadini abo eenkozo kunye nathululwayo. Apho eqongeni ke uze ufefe ngegazi lawo onke amadini atshiswayo. Ke lona iqonga lobhedu ndolisebenzisa xa ndifuna isikhokelo.” 16Ngenene ke u-Uriya wenza ngokomyalelo kakumkani uAhazi.

17Ukumkani uAhazi waziqhaqha iinqwelo zobhedu ezazilapho endlwini kaThixo, wazisusa nezitya zokuhlambela ezazikuzo. Walisusa ichibi lobhedu kwezo nkunzi zeenkomo zazilixhasile, walixhasa ngesiseko samatye. 18Wasisusa isigqubuthelo esasakhelwe *uMhla woPhumlo apho endlwini kaThixo, walisusa nesango elalilungiselelwe ukumkani apho endlwini kaNdikhoyo, izinto ezo awayezenza kuba ezama ukukholisa ukumkani waseAsiriya.

19Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda. 20UAhazi waya kuphumla kunye nooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Esikhundleni sakhe ke kwangena unyana wakhe uHezekiya.

2 YOOKUMKANI 17

UHosheya ukumkani wokugqibela wakwaSirayeli

1Kwathi ngonyaka weshumi elinambini uAhazi engukumkani wakwaJuda wangena embusweni uHosheya, unyana kaEla, waba ngukumkani kwaSirayeli eSamariya. Walawula iminyaka elithoba. 2Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo, kambe ke noko akafananga nookumkani bakwaSirayeli ababemandulele.

3Ke uShalmanesere ukumkani waseAsiriya wahlasela uHosheya owayekade ephantsi kwakhe emnika imirhumo. 4Ukumkani waseAsiriya wafumanisa ukuba uHosheya umgwilikele, kuba wayethumele oonozaku-zaku kukumkani waseJiputa onguSo, futhi ke engasayikhuphi imirhumo awayefudula eyikhupha minyaka le. Ngoko ke uShalmanesere wambamba wamvalela entolongweni uHosheya. 5Ewe, ukumkani waseAsiriya wahlasela elo lizwe liphela; ke yona iSamariya wayingqinga iminyaka emithathu. 6Kuthe ke kunyaka wethoba elawula uHosheya, suka ukumkani waseAsiriya wayoyisa iSamariya, waza amaSirayeli lawo wawafudusela eAsiriya. Wawahlalisa eHala nakwiGozan ephezu komlambo iHabhore, ngokunjalo nakwiidolophu zamaMedi.

Isizathu sokuthinjwa kukaSirayeli

7Le ntlekele ke yamhlela uSirayeli kuba emonile *uNdikhoyo uThixo wakhe owaya kumkhuphulula wamkhulula eJiputa phantsi kwesandla esingqongqo sokumkani wakhona. Basuka banqula thixo bambi, 8balandela imikhwa yeentlanga awazigxothayo *uNdikhoyo, waza wafaka amaSirayeli emhlabeni wazo. Kananjalo bangena kwimikhwa eyangeniswa ngookumkani bakwaSirayeli. 9AmaSirayeli anyebelezela enza izinto ezichaseneyo noNdikhoyo uThixo wawo, zinto ezo wayengazifuni. Azakhela iindawo zonqulo kuzo zonke iidolophu, ukusukela kwimboniselo yabalindi kuye kutsho kwizixeko ezinqatyisiweyo. 10Amisa iintsika zamatye kunye nemifanekiso ka-Ashera kuzo zonke iinduli naphantsi kwayo yonke imithi efukufuku. 11AmaSirayeli ayesenza iziqhumiso kuzo zonke iinduli zawo zonqulo, mkhwa lowo ke wawusenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo phambi kokuba afake amaSirayeli khona. Ewe, ayesenza izinto azichasileyo uNdikhoyo; ngaloo ndlela ke awuxhokonxa umsindo wakhe. 12Ewe, ayenqula *izithixo, nangona uNdikhoyo wayethe: “Ze ningayenzi into enjalo.” 13Kaloku uNdikhoyo wayemlumkisile uSirayeli ndawonye noJuda, ethetha nabo ngabashumayeli bakhe neemboni, esithi: “Buyani kwiindlela zenu ezikhohlakeleyo. Yithobeleni imithetho ndawonye nemimiselo yam. Ziphatheni ngokwezimiso zomthetho xa uwonke, ngokwelizwi endalimisela ooyihlo ndathi mabalithobele, ndabuya ndalithetha nakuni ngabashumayeli abazizicaka zam.”

14Kambe ke amaSirayeli asuka akaphulaphula, koko ankaniza njengooyise ábâsuka àbakholosa ngoNdikhoyo uThixo wabo. 15Basuka bayibukula imimiselo kunye nomnqophiso awayewenze kunye nooyise, abazikhathalela nezilumkiso awabayala ngazo. AmaSirayeli asuka alandelana nemifanekiso ephuthileyo, aza kananjalo nawo aphutha. Asuka alinganisa iintlanga ezaziwangqongile, nangona uNdikhoyo wayewayalile wathi: “Ze ningayilandeli imikhwa yazo.”

16Ayilahla yonke imithetho kaNdikhoyo uThixo wawo, aza azenzela imifanekiso etyhidiweyo yethole yamibini, aqingqa nomfanekiso ka-Ashera. Aguqa abusa kuzo zonke iinkwenkwezi, anqula noBhali. 17AmaSirayeli afaka oonyana neentombi zawo emlilweni, esenza amadini ngabo. Ewe, angena kwimikhwa yokuvumisa, ahamba nakoosiyazi, azinikezela ekwenzeni okubi emehlweni kaNdikhoyo, emcaphukisa.

18Ngoko ke *uNdikhoyo wakhathazeka gqitha, waza wawasusa amaSirayeli phambi kwakhe, akwasala namnye ngaphandle nje kwendlu kaJuda. 19Kanti nayo leyo ayiyithobelanga imithetho kaNdikhoyo uThixo wayo. Nabo bangena ekhondweni lemikhwa eyaqalwa nguSirayeli. 20Ngeso sizathu ke uNdikhoyo wawabukula amaSirayeli xa ewonke. Suka wawabandezela, wawayekela azizisulu zokuxhatshazwa. Ekugqibeleni ke wawasusa phambi kwakhe.

21UNdikhoyo wathi akumahlula uSirayeli kwindlu kaDavide, suka uSirayeli wathatha uJerobhowam unyana kaNebhati, wamenza ukumkani. UJerobhowam lowo ke wamwexula uSirayeli ekulandeleni uNdikhoyo, wamlukuhla, wamfaka kwisonokazi esikhulu. 22AmaSirayeli athi nca kwizono zikaJerobhowam, akavuma ukwahlukana nazo, 23wada ke uNdikhoyo wawagxotha ngokwesilumkiso awayesenze ngomlomo wezicaka zakhe abashumayeli. Ngoko ke amaSirayeli afuduswa kwelakowawo, agxothelwa eAsiriya, apho asekhona ke unanamhla.

Iintlanga eSamariya

24Ke kaloku ukumkani waseAsiriya waya kuthatha abantu eBhabheli, eKuta, eAva, eHamati, naseSefarvayim, waza wabahlalisa kwiidolophu zamaSirayeli eSamariya. ISamariya leyo ke bayithathela kubo, bahlala kwiidolophu zayo. 25Ekungeneni kwabo khona zange bamnqule *uNdikhoyo; ngoko ke wabathumela ngeengonyama ezababulalayo abanye abantu. 26Bathetha nokumkani waseAsiriya, wafumana umyalezo othi: “Abantu owabafudusela kwiidolophu zaseSamariya abayazi indlela yokunqula uThixo wakhona. Ngoko ke ubathumelele iingonyama ezibabulalayo, kuba kaloku abo bantu abawazi amasiko awafunayo uThixo wakhona.”

27Ke ukumkani waseAsiriya wanika umyalelo othi: “Thathani omnye kubabingeleli enabathimba eSamariya, niye kumhlalisa khona, ukuze afundise abo bantu indlela anqulwa ngayo uThixo wakhona.” 28Ngenene ke bathatha omnye kubabingeleli ababethinjwe eSamariya, baya kumhlalisa eBhetele, wabafundisa ke abo bantu indlela anqulwa ngayo uNdikhoyo.

29Naxa kunjalo kwezo dolophu uhlanga ngalunye kwezo dolophu zazikuzo ezo ntlanga lwazenzela oothixo balo, lwabamisa kwezo ndawo ziphakamileyo zonqulo zazenziwe ngabantu baseSamariya. 30Ababevela eBhabheli bazenzela uSukoti-bhenoti, ababevela eKuta bazenzela uNergale, ababevela eHamati bazenzela uAshima, 31ama-Avi wona azenzela uNibhasi noTartake; ke wona amaSefarvayim ayefaka abantwana bawo emlilweni, esenzela oothixo bawo uAdrameleki noAnameleki amadini. 32Babemnqula yena uNdikhoyo, kodwa kananjalo bamisela abantu babo ukuze babe ngababingeleli kwiindawo zonqulo eziphakamileyo. 33Bamnqula uNdikhoyo, kodwa ngokunjalo babanqula noothixo babo, ngokwamasiko ezo ntlanga babephuma kuzo.

34Unanamhla abakalumleki kuloo mikhwa yabo yemveli. UNdikhoyo abamnquli nokumnqula, bengabambeleli nakwizimiso nemiyalelo, imithetho nemiqathango, uNdikhoyo awayinikela isizukulwana sikaYakobi, lowo wambiza ngokuba nguSirayeli. 35Ngokuya uNdikhoyo wayesenza umnqophiso namaSirayeli wayalela wathi: “Ze ningabanquli abanye oothixo; ze ningaguqi nibakhahlele, ningabakhonzi, ningabenzeli namadini. 36Eniya kunqula yena nguNdikhoyo, yena wanikhululayo kwelaseJiputa ngaloo mandla obungangamsha bakhe angoyiswa nto. Nguye enifanele ukuguqa kuye, nimenzele amadini. 37Ze nizithobele ngenyameko izimiso nemiyalelo yakhe, imithetho nemiqathango awanibhalela yona. Ze ninganquli thixo bambi ngaphandle kwakhe. 38Umnqophiso endawenza kunye nani ze ningawulibali, ninganquli thixo bambi. 39Kuphela nqulani uNdikhoyo uThixo wenu, kuba nguye yedwa oya kunihlangula kuzo zonke iintshaba zenu.”

40Kambe ke zange baphulaphule, koko bayiqhubela phambili imikhwa yabo yemveli. 41Aba bantu babesithi bemnqula nje uNdikhoyo, kodwa babe beyinqula nemifanekiso yabo eqingqiweyo. Unanamhla ke abantwana babo, nditsho nesizukulwana, basathene nca nezo ndlela zooyise-mkhulu.

2 YOOKUMKANI 16:1-17:41XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

2 YEZIGANEKO 28

UAhazi ukumkani wakwaJuda

1UAhazi wayeneminyaka emashumi mabini ukungena kwakhe embusweni, waza ke walawula iminyaka elishumi elinesithandathu eJerusalem. Yena akalithathanga ikhondo likayise-mkhulu uDavide; ewe, akazange enze okuhle emehlweni *kaNdikhoyo uThixo wakhe. 2Wahamba ekhondweni lookumkani bakwaSirayeli, wada wenza imifanekiso eqingqiweyo, esenzela inkonzo kaBhali. 3Wayetshisa amadini kwintili kaBhen-hinom, wada wenza isikizi lokufaka unyana wakhe emlilweni, esenza idini ngaye, siko elo lalisenziwa ziintlanga awazigxothayo uNdikhoyo ekungeneni kwamaSirayeli. 4Wayesenza amadini neziqhumiso ezindaweni zonke zonqulo ezindulini naphantsi kwemithi yonke efukufuku.

5Ngoko ke uNdikhoyo uThixo wakhe wamnikela kukumkani wama-Aram. Ama-Aram amoyisa, athimba abantu abaninzi, aya nabo eDamasko.

Kananjalo wanikelwa nasesandleni sokumkani wakwaSirayeli owamshiya neengxwelerha ezininzi. 6Ngamini-nye uPeka unyana kaRemaliya wabulala ikhulu elinamashumi amabini lamawaka kumajoni akwaJuda; kaloku uJuda lo wayemlahlile uNdikhoyo uThixo wooyise. 7UZikri ijoni lomEfrayim labulala uMaseya unyana kakumkani, noAzerikam iphakathi eliphambili ebhotwe, noElikana isekela likakumkani. 8AmaSirayeli emka namabanjwa angamawawo, amakhulu amabini amawaka, bengabafazi, amantombazana, namakhwenkwe. Kanti ke bemka nento eninzi yamaxhoba, baya nayo eSamariya.

9Kodwa ke khona apho kwakukho *umshumayeli kaNdikhoyo ogama linguOdede. Yena wabahlangabeza xa umkhosi ubuyela eSamariya. Wathi kubo: “Niyabona, uNdikhoyo uThixo wooyihlo umnikele esandleni senu uJuda ngenxa yengqumbo yakhe kuye. Kambe ke nina nibabulele ngengqumbo efikelele nasezulwini. 10Phezu koko ke ngoku, la madoda nabafazi bakwaJuda naseJerusalem nizimisele ukubenza amakhoboka. Ukanti nani ngokwenu ninobutyala phambi koNdikhoyo uThixo wenu. 11Ngoko ke ndiphulaphuleni! Amawenu la niwathimbileyo wagoduseni, kungenjalo ingqumbo kaNdikhoyo iphezu kwenu.”

12Ke kaloku ezinye zeenkokheli zakwaEfrayim uAzariya unyana kaYohanan, uBherakiya unyana kaMeshilemoti, uHezekiya unyana kaShalum, noAmasa unyana kaHadelayi, zathetha nabo babevela edabini, 13zathi: “Musani ukuza nabo apha abo bathinjwa, kuba siya kuba netyala phambi koNdikhoyo. Ngaba nifuna ukusongeza na isono netyala lethu? Kaloku ityala lethu selilikhulu kakade, nengqumbo kaNdikhoyo iphezu koSirayeli.”

14Ngoko ke amajoni lawo abakhulula abathinjwa abo, awancama namaxhoba lawo apho phambi kwamaphakathi kunye nebandla liphela. 15Ke la madoda selekhankanyiwe awathatha amabanjwa lawo, aza emaxhobeni apho athatha iimpahla abanxiba abo babehamba ze. Bawanika iimphala zokunxiba, iimbadada, ukutya nento eselwayo, ngokunjalo namayeza okuthambisa. Abo babebuthathaka babakhwelisa koondlebe-nde. Ewe, babathatha babagodusa babasa kumawabo eJeriko, isixeko samasundu, baza ke bona babuyela eSamariya.

16Ngelo thuba ke ukumkani uAhazi wathumela kookumkani baseAsiriya ecela uncedo. 17Kaloku namaEdom ayephindile amhlasela uJuda, aza emka nabathinjwa. 18Kanti ke namaFilistiya azihlasela iidolophu ezisemazantsi eentaba kumathafa elakwaJuda nakwelasentlango. Bayithimba iBhete-shemeshe, iAyalon, iGederoti, iSoko, iTimna, neGimzo, namaphandle aziphahlileyo. 19UNdikhoyo wamthobela eluthulini uJuda ngenxa yesimo sika-Ahazi ukumkani wakhe. Kaloku yena wakhuthaza inkohlakalo kwaJuda, akanyaniseka kuNdikhoyo. 20Ke kaloku ukumkani waseAsiriya uTigilati-pilezere weza kuye, kodwa ke endaweni yokumnceda wamzisela inkathazo. 21UAhazi ke wathatha ezinye kwizinto zendlu kaNdikhoyo, nasebhotwe, nakumatshawe, warhuma ngazo apho kukumkani waseAsiriya. Kambe ke naleyo zange imncede nto.

22Ngelo thuba lakhe leenkathazo ke ukumkani uAhazi wathath' unyawo ukunganyaniseki oku kuNdikhoyo. 23Wenzela izithixo zaseDamasko amadini, sizwe eso ke sasimoyisile emfazweni. Kaloku wayesithi: “Njengoko izithixo zookumkani bakwa-Aram zibancedile nje, nam ke ndiza kuzenzela amadini ukuze zindincede.” Kambe ke eso senzo sesona samkhahlela phantsi, kwaba seso nakuSirayeli jikelele.

24UAhazi waziqokelela wazonakalisa izinto ezazisetyenziswa endlwini kaThixo. Wazivala iingcango zendlu kaNdikhoyo, waza wamisa amaqonga amadini kuzo zonke iikona zezitalato eJerusalem. 25Kuzo zonke iidolophu zelakwaJuda wakha iindawo eziphakamileyo zonqulo ukuze kwenzelwe izithixo amadini, nto leyo ke yawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo uThixo wooyise.

26Ke ezinye zeziganeko zolawulo luka-Ahazi nazo zonke iindlela zakhe, ukusukela ekuqalekeni kuye esiphelweni, nâzo encwadini yookumkani bakwaJuda nabakwaSirayeli. 27UAhazi ke waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa kwisixeko iJerusalem. Kambe ke yena akafihlwanga kumangcwaba ookumkani bakwaSirayeli. Ke esikhundleni sakhe kwangena unyana wakhe uHezekiya.

2 YEZIGANEKO 28:1-27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-