Bible Society of South Africa

Malunga neBhayibhile

Ngubani owabhala iBhayibhile ibe wayibhala nini?

Izigidi ngezigidi zamaKrestu kwihlabathi lonke zikholelwa ukuba iBhayibhile iLilizwi likaThixo yaye ezo zigidi zithi ziyifunda qho, ziyayiphengulula yaye ziyithatha njengesikhokelo sobomi bazo.

Kule Bhayibhile yenguqulelo intsha ka 1996, simema amaKrestu onke, angabantu abatsha nabadala, ingakumbi lawo angabantu abatsha, ukuba enze iBhayibhile ukuba ibe yinxalenye engundoqo yobomi bawo ngokuthi ayifunde yaye ayiphengululisise. Le Bhayibhile inezinto ezinika umdla nezinto ezilulutho ezikhokela lowo uyifundayo kwiZifundo zeBhayibhile, ezikhomba umntu kwimeko nganye yobomi adibana nayo, ukwenzela ukuba wonke ubani oyifundayo atsho ngengqiniseko ukuba:

Ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho. Ndihamba ngokomlomo wakho, khon’ ukuze ndingoni. (Ndum 119:10b-11)

Ngaphandle nje kwesishwankathelo esifutshane esichaza indlela eyabakho ngayo iBhayibhile nangendlela eyaqulunqwa ngayo, le mathiriyeli yongeziweyo, ikwabonelela ngeendlela ezininzi neemeko ezininzi onokuthi usebenzise iBhayibhile kuzo ukugcina ulutsha lulandela indlela elungileyo nefanelekileyo.

Ngubani owabhala iBhayibhile?

IBhayibhile ngummangaliso wencwadi emnandi kakhulu eyabakho kwisithuba seminyaka eli-1 200 ubuncinane. Yabhalwa ngababhali abahlukileyo ukusukela kubelusi ukuya kwiikumkani kwakunye nabaprofeti abafana noMosis, uDaniyeli noIsaya. Aba babendakanya nezifundiswa ezifana noEzra, iikumkani ezifana noDavide noSolomon nabapostile bakaYesu Krestu abafana noPetros noPawulos. Ngenxeni yokuba ababhali abaninzi babebhala ngokwezimvo zabo ezahlukileyo nangokweemeko ezahlukileyo, umfundi weBhayibhile “unokuliva” iLizwi likaThixo ngendlela ezahlukileyo. Ummangaliso weBhayibhile kukuba ezi ncwadi zahlukileyo, zizonke zinomyalezo ofanayo ongundoqo, nengqiqo efanayo yokuba ngubani na uThixo. Okunene iBhayibhile yincwadi engummangaliso ngoba ithetha kubantu bonke, kwizizukulwana ngezizukulwana, yaye ithetha neentlanga zonke kwiminyaka yonke yokuphila kwazo.

IBhayibhile yabhalwa nini?

Phambi kokuba kuyilwe indlela yokubhala (phaya kwinkulungwane ye ± 4 BC) imbali yabantu bakaThixo yayidluliswa ngokuthi ibaliswe ngomlomo ukusuka kwesinye isizukulwana ukuya kwesinye, ibaliswa ngootata, ngoomama, iinkokeli ekuhlaleni kunye nababalisi-mabali. Ngokuye ixesha lihamba, la mabali abhalwa phantsi kumacwecwe omdongwe, kumafele enkomo, (ifele elisukiweyo) nakumaphepha enziwe ngezityalo zepapirasi. Ukurekhodwa nokubhalwa kwakhona kwezi ncwadi kwathatha amakhulu-khulu eminyaka, ade la macwecwe abola ekuhambeni kwexesha. Kambe, amaHebhere ayezikhathalele kakhulu izinto azibhalayo kangangokuba ade abizwa ngokuba “Ngabantu beNcwadi”.

Iincwadi zeTestamente eNdala zavela emva kwesithuba seminyaka engamawaka-waka nangaphezulu. Ingqokelela yezi ncwadi eyahlulwe yazizintlu ezintathu (iMithetho, abaProfeti, iZibhalo), yabhalwa ngesithuba esasibalulekile esasinengxubakaxaka eninzi kwimbali yamaJuda. Ngexesha kuphela iNkulungwane yokuQala emva kokuFa kukaYesu iincwadi zeTestamente eNdala yesiHebhere zazisele zikhona. Uguqulo lwesiGrike lweTestamente eNdala olwalusetyenziswa kwiinkonzo ezazikho kuqala lwaluneencwadi ezongezelelekileyo (Ezazingeyonxalenye yeBhayibhile yesiHebhere/Ezazingaqulethanga mithetho yabuthixo ngokwamaJuda) ezingeyonxalenye yeBhayibhile yesiProtestanti, ezisasetyenziswayo yiTyalike yamaKatolika aseRoma.

Ubusazi ukuba na?

Igama elithi “Bhayibhile” lisuka kwigama lesiGrike elithi biblia okanye “iincwadi”, nto leyo ethetha ukuba le Bhayibhile uyibambe esandleni sakho lithala leencwadi elincinane elinengqokelela yeencwadi ezingama-66 ezimi ngolu hlobo: ezingama-39 zikwiTestamente eNdala, nezingama-27 zibe kwiTestamente eNtsha.

Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-