Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 108

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 45

Iindonga ziwelen' ebhotwe

Kumbhexeshi-kwayara; ingoma yomtshato; eyoonyana bakwaKora. Iculwa ngathi yileya ithi: “Iinyibiba.”

1Intliziyo yam suke yaphuphuma;

kuthi mandibonge ndityibele.

Ulwimi lwam lona luqule lwaligangatha,

ndanga ndingumbhali ongenadyudyu.

Kaloku ndingqungel' ukubhekisa kuMntwan' omhle.

2Kubo bonke wen' uyinzwan' engenasiphako;

uliciko elicikoza kuvokotheke.

Kaloku uThixo ukuthamsanqele

ngezingaphele ndawo iintsikelelo.

3Yithi hlas' ikrel' uqule, Somagorha!

Qula ngesidima nobungangamsha!

4Nyantsul' uye kuqhawuk' unobathana!

Qula uyilwele inyaniso nobulungisa!

Ngobungangamsha bakho dubula ugeqa!

5Iintolo zakho zibukhali;

ziyazihlabanisela iintshaba zakho,

izizwe zitsho zibe phantsi kwakho.

6Kambe ulawulo lwakho, Thixo, aluphele ndawo;

owakho umsimbithi ngowobulungisa.

7Ungumathand' ubulungisa; uyithiyil' inkohlakalo.

Ngenxa yaloo nto ke, Thixo,

uThixo wakho ukuthambisile.

Ewe, ukuthe jize ngesihomo nesithozela

esisigqwesayo esoogxa bakho.

8Iminweba yakho iqholwe ngomtsalane

wemore, ikhala, nekasiya.

Kwizixeko ezihonjiswe ngamabamba eendlovu

wonwatyiswa ngezeentambula.

9Phakathi kwezo zikuphahlileyo

zikho neentombi zookumkani.

Kufuphi nawe kuthe zinzi inkosazana

ethe thande ecikiziweyo igolide yaseOfire.

10Khawundiphe iindlebe, uphulaphule, ntombam.

Uze ulincame ikhaya, ngokunjalo nendlu kayihlo.

11Kaloku wena uyinzwakazi;

ke yena ukumkani uyakulangazelela.

Phofu ke yena ungumhlekazi, ngoko ke wena mthobele.

12Wena ntombi yaseTire, baya kukucenga bakunyobe;

ewe, izinhanha ngeendidi zonke zobutyebi.

13Phaya entangeni bubuyokoyoko,

inkosazana ivath' ezegolide.

14Nantso irhuqisa ngamawezaweza,

irholwa isiwa kukumkani.

Nâzo neentombi eziyikhaphileyo

ziyiphahlile zisiya nayo kuye.

15Ziyaduda, ziyavuya, ziyamemelela;

tsotsololo zagaleleka ebhotwe!

16Ngxatsho ke, mntwan' omhle!

Ezihlangwini zooyihlo kuya kungena abakho oonyana.

Wena uya kubathi jize ngobungangamsha,

babe zizinxiba-mxhaka ehlabathini liphela.

17Ke mna ndiya kulubhengeza udumo lwegama lakho.

Uya kudunyiswa zizizukulwana ziphela.

Ewe, zonke izizwe ziya kutyibela,

zikubonga kude kube ngunaphakade.

IINDUMISO 46

UThixo ungakuthi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora; iculo. Liculwa ngathi leliya lithi: “Amantombazana.”

1UThixo ulihlathi nenqaba yethu;

ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile.

2Ngoko ke asoyiki lutho, nokuba ihlabathi lingazama-zama,

nokuba iintaba zingaphoswa enzulwini yolwandle.

3Hayi, amanzi alo angade agqume alephuze amagwebu,

iintaba zingcangcazeliswe kukulephuza kwawo.

4Kukho umlambo omisinga isivuyisayo isixeko sikaThixo,

esilikhaya elingcwele likaPhezukonke.

5UThixo uthe zinzi apho kuso.

Ngoko ke asinakuze sitshabalale,

kuba yena usinceda kwasekuseni.

6Izizwe ziyaphithizela;

izikumkani ziyabhukuqwa.

Lakuhlokoma ilizwi lakhe

ihlabathi litsho linyibilike.

7*UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

8Yizani nibone akwenzileyo uNdikhoyo.

Ewe, uliphanzisile ihlabathi.

9Ngumaphelis' iimfazwe ehlabathini jikelele.

Uyasiqoboza isaphetha,

awuvikive umkhonto,

amakhaka awantumek' umlilo.

10Uthetha ngelizwi athi:

“Phezani, ndim uThixo.

Ndizivelele izizwe;

nehlabathi ndilikrobele.”

11UNdikhoyo uSomandla ungakuthi;

ihlathi lethu nguThixo kaYakobi.

IINDUMISO 47

Umlawuli jikelele

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.

1Qhwaban' izandla, nonke zizwe;

dandulukani, niculel' uThixo nivuya.

2*UNdikhoyo unguPhezukonke,

ufanelwe kukuhlonelwa.

Yena uyingangalala yokumkani

elawula ihlabathi jikelele.

3Yena wasithi jize ngoloyiso,

izizwe sazinyathela ngeenyawo;

kungaye sizilawula nje izizwe.

4Yena wasikhethela ilifa,

iqhayiya lakwaYakobi amthandayo.

5UThixo unyuke ephelekwa yimikhwazo yovuyo;

uNdikhoyo ukhawulelwe ngexilongo elihlokomayo.

6Khanimemelele niculele uThixo;

ntyilozani nibong' ukumkani wethu.

7Kaloku uThixo ngukumkani;

ewe, ngowehlabathi jikelele.

Ngoko ke memelelani nibongisele.

8UThixo ungqendeve kwibhotwe lakhe elingcwele;

uThixo ngumakhonya phezu kwezizwe.

9Amatshawe ezizwe aqukene ngeentloko;

nawo amatwa nabendlu yoThixo ka-Abraham.

Amagorha ehlabathi ngakaThixo;

yena nguMongameli ovelele bonke.

IINDUMISO 48

Isixeko sikaThixo iZiyon

Ingoma; umhobe woonyana bakwaKora.

1*UNdikhoyo mkhulu kakhulu;

masimbonge simdumise,

esixekweni sikaThixo wethu, entabeni yakhe engcwele.

2Ngamalengalenga, ikwayinzwakazi,

izisa imihlali kwihlabathi jikelele.

Ewe, leyo yiNtaba iZiyon.

Emantla emalandalahla

silaph' isixeko sengangalala yokumkani.

3Kanye kwezo zakhiwo zinendili uThixo uzibalule,

yena nqaba ingafikelelwayo.

4Nâzo izikumkani zihlanganisana;

nâzo zidibana zimanyana.

5Kambe zithe zakuyalama, zasuka zamangaliswa,

zasuka zankwantya, zasaba zingabhungisanga.

6Ngoko nangoko zahlaselwa kukungcangcazela,

zatsho zazibhija-bhija njengonenimba.

7Iinqanawa zaseTashishe

wena wazintlitha ngomoya wasempuma.

8Sivile, futhi ngoku sizibonele

esixekweni sikaNdikhoyo uSomandla.

Nditsho isixeko sikaThixo wethu,

isixeko asizinzise unaphakade uThixo.

9Phakathi endlwini yakho, Thixo,

siyakwetyisa ukubalasela kothando lwakho.

10Ukudunyiswa kwakho, Thixo,

kukwanjengegama lakho,

kuthi xhaxhe ngeziphelo zehlabathi.

Ulawulo lwakho lunobulungisa.

11Mabavuye abemi beNtaba iZiyon;

mazidlokove izixeko zelakwaJuda.

Kaloku kulungile ukugweba kwakho.

12Khanihamba-hambe nijikeleze iZiyon;

zibaleni iinqaba zayo eziphakamileyo.

13Ewe, zigqaleni iindonga zayo.

Khanizihlole izakhiwo zayo,

ukuze nibalisele izizukulwana.

14Ewe, yena uThixo nguThixo wethu, ngoku nanini na.

Yena uya kusikhapha kude kuse ephakadeni.

IINDUMISO 49

Musa ukukholosa ngobutyebi

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe woonyana bakwaKora.

1Phulaphulani, nonke zizwe!

Yivani, nonke bemi behlabathi!

2Iindidi zonke maziphulaphule,

izityebi ngokunjalo namahlwempu!

3Ngoku ndiza kuphokoza ubulumko,

iingcamango zam zizal' ukuqiqa.

4Ndiza kujongana nentsonkotha;

ndiza kuyichaza ngengoma yehapu.

5Ndingoyika ntoni ngemihla yobubi,

xa ndingqongwe yinkohlakalo yabakhohlisi,

6abantu abaqamele ngobutyebi,

abaqhayisa ngentabalala yobutyebi?

7Umntu akanako ukusindisa umntu;

akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.

8Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.

Alifikeleleki mpela-mpela

9elo linokumenza abe sisimakade,

angaze alibone ingcwaba.

10Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,

izidenge kwanezityhakala!

Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.

11Amangcwaba likhaya labo naphakade.

Baya kuhlala khona njalo-njalo,

nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.

12Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.

Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.

13Nâso ke isiphelo sabasweli-kuqonda,

abo bakhohliswa ziingcinga zabo.

14Bamiselwe ukufa njengeegusha;

bona baxhatshazwa kukufa.

Bathi ngqo behlele engcwabeni,

onke amathambo abo avuthuluke,

kuba kaloku bona abasekho.

15Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;

uya kundihlangula andithathele kuye.

16Sukuxhala wakubona umntu ehluma,

wakubona ubutyebi bakhe bukhula.

17Akanakuhamba nabo xa afayo;

ubutyebi buya kusala ngasemva.

18Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,

nokuba ebenconywa ngempumelelo,

19wohamba aye kuhlala namanyange

angaze abonane nokukhanya.

20Umntu osisinhanha, kodwa engenangqiqo,

uyafana nje nezilwanyana ezi zitshabalalayo.

IINDUMISO 50

Unqulo olululo

Umhobe ka-Asafu.

1*UNdikhoyo, uThixo uSomandla, uyathetha;

ubhekisa kwihlabathi jikelele,

ukususela empumalanga kuye entshonalanga.

2UThixo ubengezela eZiyon,

isixeko esibalaseleyo ngobuhle.

3Uyeza uThixo wethu;

yena akayi kuthi tu.

Phambi kwakhe kudangazela umlilo;

uphahlwe sisitshu sesivungu-vungu.

4Umema amazulu kwanehlabathi,

xa aza kugweba abantu bakhe.

5Uthi: “Bahlanganiseleni kum abam abathembekileyo,

abanqophisene nam ngombingelelo.”

6Amazulu ngokwawo abalisa ngobulungisa bukaThixo;

kaloku umgwebi ikwanguye ngokwakhe.

7“Khaniphulaphule, bantu bam, ndithethe;

ndiyakumangalela, Sirayeli.

Mna Thixo ndinguThixo wakho.

8Andiyigxeki imibingelelo yakho;

amadini akho atshiswayo asoloko ephambi kwam.

9Kambe azisamkeleki iinkunzi zakho zeenkomo;

ngokunjalo neebhokhwe zemihlambi yakho.

10Kaloku zezam zonke izilwanyana

neenyamakazi ezikumawaka-waka eenduli.

11Xa zizonke iintaka ndiyazazi;

nezinambuzane zamathafa zezam.

12“Xa bendingalambayo, bendingayi kukubikela.

Kaloku lelam ihlabathi nezinto zalo.

13Ngaba ndiyayitya inyama yeenkunzi?

Khona, ndiyalisela igazi leebhokhwe?

14Umbingelelo wakho kuThixo mayibe kukubulela,

uzifezekise izithembise zakho kuPhezukonke.

15Zibike kum xa usengxakini;

mna ndiya kukuhlangula, ke wena undidumise.”

16Kambe ke kwabo bakhohlakeleyo uThixo uthi:

“Ngani ukuba niyicengceleze imithetho yam,

nincokole ngomnqophiso wam?

17Kaloku niyayenyanya ingqeqesho;

aniyithobeli nemiyalelo yam.

18Nakudibana nesela, nihlobana nalo;

abakrexezi niyevana nabo.

19“Usoloko uthetha kakubi;

uqhelene nentlebendwane.

20Uncokola kakubi ngamawethu;

uhleba nomntakanyoko lo.

21Ndinibukele nizenza ezi zinto,

andathetha nada nacinga ukuba nam ndifana nani.

Kodwa ke ngoku ndiyakhalima;

ndilaneka phambi kwenu ityala.

22“Phulaphulani, nina bangandikhathalelanga,

hleze ndiniqwenge, angabikho nonqandayo.

23Obingelela ngokubulela uyandidumisa;

uzilungiselela ukusindiswa nguThixo.”

IINDUMISO 45:1-50:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-