Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 107

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 39

Isililo somntu onomva-ndedwa

Umhobe kaDavide; kuJedutun umbhexeshi-kwayara.

1Ndathi: “Ndiya kuzilumkela iindlela zam,

ndingoni ngokuthetha,

ndilubambe ulwimi lwam xa ndiphakathi kwamatshijolo.”

2Ndathi cwaka, andathetha nto.

Ukuthula kwam akuncedanga nto,

kodwa noko yona inkxwaleko yathath' unyawo.

3Ndavalwa luvalo ndisacamanga,

ndavukwa ngumva-ndedwa,

ndavakala ndibuza ndisithi:

4“*Ndikhoyo, ndazise isiphelo sobomi bam

nenani lemihla yokuphila kwam.

Ewe, ndazise ubufutshane bobomi bam.

5Kaloku imihla yam uyicuthe kakhulu;

àyinto konke kuwe imihla yobomi bam;

umntu ufana nomphunga nje kuwe.

6Uhla enyuke njengesithunzi silandelelana nomntu;

ubila esoma nje ngenxa yelize;

uqweba indyebo engazi nokuba yoba yekabani na.

7“Xa kunjalo ke, Nkosi, mna ndikholose ngantoni?

Elam ithemba likuwe.

8Ndikhulule kuzo zonke izono zam,

ndingade ndihlekwe nazizidenge.

9Ndiya kuthi cwaka, ndingathethi,

kuba nguwe ondifake kule meko.

10Mus' ukuba sandohlwaya;

mus' ukundinkula ndide ndenzakale.

11Ngokumohlwaya umntu, umbonisa isono.

Uyidlavula njengenundu loo nto ayithandayo.

Ewe, kambe, umntu ufana nomphunga nje kuwe.

12“Ndikhoyo, wubazel' iindlebe umthandazo wam;

ndive, ndakuzibika kuwe.

Ungàthi cwaka xa ndikhala kuwe,

kuba ndiselugcinweni lwakho,

nam ndisisibhadu-bhadu njengookhokho.

13Khawundenzele umnyinyivana, khe ndiphefumle,

ngoku ndingekemki kweli hlabathi.”

IINDUMISO 40

Ingoma yombongo

Umhobe kaDavide.

1Ndakhala ndijonge *kuNdikhoyo,

wada wandiva ndakuzibika kuye.

2Wandikhupha emhadini onengozi, nasemgxobhozweni,

wandibeka endaweni eyomileyo,

ndatsho ndee ngxishishi, ndema.

3Wandifundisa ingoma yombongo entsha,

ingoma yokubonga uThixo wethu.

Boyika abaninzi bakuyiqonda loo nto,

balibeka kuNdikhoyo ithemba labo.

4Hay' uyolo lomntu othembele ngoNdikhoyo,

ongadlelaniyo nabanekratshi, abo banqula izithixo.

5Mikhulu, Ndikhoyo, Thixo wam, imimangaliso osenzele yona.

Kukwangako nokusazelelela kwakho;

akakho onjengawe, Nkosi!

Ngeba ndiyabalisa, koko ndiswel' imilomo eliwaka.

6Wena akuwananze nganto amadini neminikelo,

akuwathandanga amadini atshiswayo nawesono,

kambe ke undinike indlebe evayo.

7Kungoko ke ndathi mna:

“Njengoko kubhaliwe ngam encwadini, ewe, ndim lo.

8Iyandivuyisa intando yakho, Thixo wam;

umthetho wakho ndiwumilisele entliziyweni.”

9Ndizixelile ebandleni iindaba zakho zosindiso;

Ndikhoyo, uyazi ukuba andikuyeka ukuzibalisa.

10Andilufihlanga udaba losindiso lwakho;

bendisoloko ndibalisa ngokunyaniseka noncedo lwakho;

andilifihlelanga ibandla lakho izibele zakho nenyaniso yakho.

11Uzungandibandezeli inceba yakho, Ndikhoyo;

ndilondoloze ngenceba nenyaniso.

Ukucela uncedo

(Ndum 70)

12Zindivelela macal' onke iingxaki.

Ndixakene nezono zam, azindiphi mtyhi konke.

Nditsho ndatyhafa, kuba zininzi ngangeenwele zentloko yam.

13Khawuncede undihlangule, *Ndikhoyo!

Phuthuma, Ndikhoyo, undincede!

14Mabadane badideke abandizondayo;

mabarhoxe baphoxeke abazungula ukundenzakalisa.

15Mabajike benyoshoza abo bathi tshotsho vityo.

16Abakulangazelelayo mabavuye bagcobe ngawe;

abaluthandayo usindiso lwakho mabangaphezi ukuthi:

“Huntshu – uyingangalala uNdikhoyo!”

17Ke mna ndilihlwepu, ndiludwayi;

awu, Nkosi, khawundivelele!

Umncedi nomhlanguli wam nguwe;

sukuba saphozisa maseko, Thixo wam!

IINDUMISO 41

Umthandazo wesigulana

Umhobe kaDavide; kumbhexeshi-kwayara.

1Hayi uyolo lomntu obonelela amahlwempu;

womhlangula *uNdikhoyo xa yena esengxakini.

2Womkhusela amlondoloze ebomini.

Womthamsanqela emhlabeni,

angamyekeli kwiintshaba zakhe.

3UNdikhoyo womonga xa angaphilanga,

ambuyisele empilweni.

4Ke mna ndathi: “Ndikhoyo, ndenzele inceba!

Ndikonile; nceda ndiphilise!”

5Zahlekisa ngam iintshaba zisithi:

“Uya kufa nini kakade, angabi sakhunjulwa bani?”

6Nabo baze kundivelela abakho ntweni,

bezela nje ukuza kuva ulwimi,

bahambe besasaza intlebendwane.

7Zihamba zindihleba iintshaba zam,

zindinqwenelela okubi.

8Zihamba zisithi: “Ukufa mumosele!

Akanakuba savuka kumandlalo wakhe!”

9Ewe, nesihlobo sam esisenyongweni ebendisithembile,

nditsho kanye eso sabelana ngeqhekeza lesonka,

naso sindivukele.

10Ndikhoyo, ndenzele inceba, ndiphakame,

ndize ndiziphindezele kwiintshaba zam.

11Phofu ke ndiyazi ukuba undikhathalele,

kuba azinakundivuyelela iintshaba zam.

12Uyandinceda kuba ndimsulwa;

undibeka phambi kwakho ngalo lonke ixesha.

13Makabongwe uNdikhoyo,

uThixo kaSirayeli,

ngoku kude kube nini-nini!

Amen, ewe, makube njalo!

IINDUMISO 42

ICANDELO LESIBINI

(IiNdumiso 42 – 72)

Umthandazo womntu onesithukuthezi

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo woonyana bakwaKora.

1Njengenxala elikhothekileyo kukunxanwa

nam ndikwanjalo ukukulangazelela wena, Thixo.

2Ewe, intliziyo yam iyakulangazelela, Thixo,

nditsho wena Thixo ophilayo.

Yaz'ba koda kube nini na

ukuze ndide ndibe nonxibelelwano nawe, Thixo?

3Imini nobusuku ndiyinyhididi kukugixa.

Ke zona izibhoxi zasoloko zindiphoxa zisithi:

“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

4Kambe ke ndithi ndakukhumbula mandulo

ijijitheke intliziyo yam.

Kaloku fudula ndiwukhokela loo mngcelele

uya endlwini kaThixo.

Ewe, sasingumkhosi wochulumacho

sonwabile, simemelela sidumisa.

5Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?

Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?

Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,

khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

6Ke kaloku ndinomva-ndedwa,

ngoku ke ndikhumbula wena, kobu bugxwayiba ndikubo,

kwezi ntili zeJordan, ngakwiintaba zeHermon, neenduli zaseMiza.

7Iziziba ezinzongo-nzongo ziyamemezana

ngokukrotsha kweengxangxasi zakho.

Amaza eze ngendlu yawo,

ngokunjalo kwaneempuphuma.

Ewe, ziwugubungele umphefumlo wam.

8Kambe ke, ngeny' imini, *Ndikhoyo,

luya kubalasela uthando lwakho.

Ndiya kuphikelela ndikudumise ebusuku,

ndithandaze kuThixo endixhomekeke kuye.

9Ndiyakhala kuwe, mqolomba wam, Thixo:

“Ngani ukuba undilibale?

Ngani ukuba ndihlale ndizibambe ngeenkophe

ngenxa yokubandezelwa ziintshaba?”

10Ewe, sendixushekile zizenyeliso zabo.

Kaloku basoloko bendigcolodela besithi:

“Ude abe phi na lo Thixo wakho?”

11Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?

Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?

Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,

khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

IINDUMISO 43

1Ngamana wandigwebela, Thixo.

Ewe, mandiphume phambili

ekumangalelweni ngabantu abakuchasileyo.

Ndihlangule kubantu abanamaqhinga nobuqhokolo.

2Kaloku ùnguThixo endizimela ngaye.

Ngani ke ukuba undilahle?

Ngani ukuba ndihlale ndizibambe ngeenkophe

ngenxa yokubandezelwa ziintshaba?

3Mandikhanyiselwe nguwe,

ndikhokelwe yinyaniso yakho.

Mazindise entabeni yakho engcwele,

endlwini elikhaya lakho.

4Ke mna mandingene *esibingelelweni sakho,

wena Thixo ongumonwabisi wam.

Ndiya kubeth' intambula ndintyiloze

ndidumise wena, Thixo – Thixo wam!

5Hee! Ngani ukuba ndidakumbe kangaka?

Ngani ukuba ndikhathazeke kangaka?

Hayi bo! Mandikholose ngoThixo,

khon' ukuze ndibuyele ekumdumiseni uMsindisi noThixo wam.

IINDUMISO 44

Ukulangazelela ukuhlangulwa

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo woonyana bakwaKora.

1Ewe kambe, sizivele ngezethu iindlebe, Thixo.

Kaloku amanyange asibalisela

ngezigigaba zakho zemihla yawo yamfamlibe.

2Wena wazigxotha iintlanga,

waza bona abantu bakho wabamilisela elizweni lazo.

Wazitshutshisa iintlanga

waza bona abakho wabathi jize ngenkqubela.

3Hayi, eli lizwe abalizuzanga ngenxa yezikhali,

bengaphumelelanga ngenxa yezigalo zabo;

koko kwakungenxa yegunya nezigalo zakho

nefuthe lobukho bakho, njengoko babethandeka kuwe.

4Wena unguKumkani noThixo wam.

Lumiselwa nguwe uloyiso lwakwaYakobi.

5Ngoncedo lwakho siyazingqula iintshaba zethu;

ngegama lakho siyabaxovula abasihlaselayo.

6Andixhomekekanga kolwam utolo,

ndingaqamelanga ngalo nekrele.

7Hayi, nguwe owasihlangulayo ezintshabeni zethu;

ikwanguwe owabaduba-dubayo abasithiyileyo.

8Thina siqhayisa ngoThixo njalo-njalo,

saye siya kumdumisa nanini-nanini.

9Kambe ke usilahle satsho sahlazeka,

njengoko ungasaphumi nemikhosi yethu.

10Wena usiyekele zasiswantsulisa iintshaba,

zaza zathimba amaxhoba ngokuthanda kwazo.

11Wena usiyekele saxhelwa njengeegusha;

usithathe wasisarhaza phakathi kweentlanga.

12Abantu bakho wabathengisa ngelize,

wena akwafumana nzuzo ngabo.

13Usenze intsini kubamelwane,

satsho sasisigculelo nesenyeliso

kwezo zizwe zisingqongileyo.

14Ngoku singundaba-mlonyeni phakathi kwezizwe;

sesingabasizelwayo kulo lonke elimiweyo.

15Ndisoloko ndithiwe mbende lihlazo.

Ke zona iintloni zindongamele

16ngenxa yempoxo nezenyeliso

ezigityiselwa kum ziintshaba ezindivukeleyo.

17Zonke ezi zinto zasihlela,

nangona singazange sakulibala thina,

okanye siwutshinizele umnqophiso wakho.

18Asizange sikufulathele thina,

singazange sanxaxha endleleni yakho.

19Kodwa elethu linyhashwe laba linxuwa,

silahlwe esithokothokweni sobumnyama.

20Ukuba besikutyeshele, wena Thixo,

okanye sanqula thixo bambi,

21andithi, wena Thixo, ubuya kuyibhaqa na naleyo?

Kaloku wena uyabazi ubunzulu beentliziyo.

22Kambe ke kungenxa yakho sisesichengeni sokubulawa nje;

yiyo loo nto sesifana neegusha zokuxhelwa nje.

23Hayi bo! Vuka, Nkosi yam!

Ngani ukuba uthurh' obentlombe?

Vuka; sukusinyengez' uhle nomcinga!

24Ngan' ukuba usilibale kangaka?

Ngan' ukuba usifulathele ngolu hlobo,

sibe sisisulu sembandezelo nengcinezelo?

25Ewe, asisazelwe nto konke;

sesingoogqush' eluthulini.

26Ngenxa yothando lwakho olungatshitshiyo

khawuvuke usihlangule kaloku!

IINDUMISO 39:1-44:26XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-