Bible Society of South Africa

Bible Reading Plan – Day 109

Itekisi yeBhayibhile

IINDUMISO 51

Kumbhexeshi-kwayara; umhobe kaDavide xa wayejongene noNatan emveni kwenyala lakhe noBhashebha.

1Awu, Thixo, ndiyatarhuzisa!

Ngenxa yezibele zothando lwakho,

nobubanzi benceba yakho, nceda uzicime iziphoso zam!

2Ndihlambe ndahlukane nabo bonke ububi;

ndenze ndibe nyulu, ndingabi nasono!

3Kaloku ndiyabuvuma ubugwenxa bam;

isono sam sindithukuthezele.

4Eyona ngcambu yesono sam kukuba ndone wena kanye,

ndenze into ekuhlazisayo.

Ngoko ke undigwebe ngakhona;

isigwebo sakho sifanelekile.

5Kaloku ndaba gwenxa kwasekuzalweni;

ndaba ngumoni ndisakhawulwanje nguma.

6Ewe, wena uthanda umntu onyanisekileyo;

ndincede undiphe ingqiqo enzulu.

7Ndihlambe undicokise ndicoceke;

ndihlambe ndibe mhlophe qhwa,

ndibe ngaphezu kwalo nekhephu.

8Mandiphuphume luvuyo nemincili;

nakuba undikrobozile nje, mandonwabe.

9Bufihle ubuso bakho ezonweni zam,

ubususe bonke ubugwenxa bam.

10Ewe, Thixo, intliziyo yam yidale ngokutsha, ibe nyulu;

wuhlaziye umoya wam, ndikhaliphe.

11Musa ukundigxotha, Nkosi yam;

ungamthathi uMoya wakho kum.

12Ndibuyisele uvuyo losindiso lwakho,

undixhase ngoMoya wakho, khon' ukuze ndikuthobele.

13Ke, bona aboni ndiya kubafundisa imiyalelo yakho,

baguquke, beze kuwe.

14Awu, Thixo, ndihlangule ekufeni!

Nguwe, Thixo, ondisindisayo.

Ke mna ndiya kudanduluka,

ndicule ngokulunga kwakho.

15Vula imilebe yam, Nkosi,

khon' ukuze ndikubhengeze ngawo umlomo wam.

16Kaloku wena akunanze mibingelelo.

Ndingafanelana ndisenza amadini atshiswayo;

akangekwanelisi wena.

17Umbingelelo owufunayo, Thixo, yintliziyo ethobekileyo.

Intliziyo ethobekileyo neguqukayo, wena Thixo, akuyideli.

18Khawuncede uyivelele iZiyon, uyilungiselele;

khawuphinde uzakhe iindonga zeJerusalem.

19Uya kwandula ke waneliswe yimibingelelo efanelekileyo;

amadini atshiswayo, nditsho natshiswa ephelele.

Kobingwa neenkunzi eqongeni lakho lamadini.

IINDUMISO 52

Ukugweba nokubabala kukaThixo

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide, ngexesha uDowegi umEdom exelela uSawule ukuba uDavide usemzini ka-Ahimeleki.

1Uqhayisela ntoni ngobubi, gorhandini,

usithi inceba kaThixo iphezu kwakho?

2Usoloko uzungula ukutshabalalisa.

Ulwimi lwakho alubukhali, yintshengeca!

Uhlala uyila ubutshijolo.

3Uthanda okubi kunokulungileyo;

uthe phithi bubuxoki endaweni yenyaniso.

4Hayi ke bethu umntu onolwini!

Uyakuthanda ukuphixanisa.

5Ke yena uThixo uya kukudiliza kuthi tu;

uya kukuthi xhakamfu, akukhuphe endlwini yakho;

uya kukuncothula umke ezweni labaphilayo.

6Akuyibona le nto amalungisa omangaliswa ahlekise athi:

7“Nanko ke umntu ongazange akholose ngoThixo,

owasuka wakholosa ngobutyebi,

waphumelela ngobutshijolo!”

8Ke mna ndinjengomnquma oyokoyoko;

ndihlala phakathi endlwini kaThixo.

Ndihlala ndikholose ngezibele zothando lukaThixo;

kuya kude kube ngunaphakade.

9Ngenxa yesi senzo sakho, Thixo, ndiya kukudumisa njalo-njalo.

Ndithembele kuwe kuba ulungile.

Ewe, ndiya kukubhengeza phakathi kwâbo bakuthandayo.

IINDUMISO 53

Abakhohlakeleyo

(Ndum 14)

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide; iculo lokukhuza.

1Iziyatha zithi akukho Thixo ngandawo.

Zonakele, futhi zenza amasikizi;

akukho ulungisayo kuzo.

2Ke yena uThixo ubabukele abantu;

uhlel' ezulwini efuna ukuqonda

ukuba ngaba sikho na isilumko,

nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3Kambe ke bonke bemkile; xa bebonke bonakele;

kubo akakho olungisayo; nditsho nokuba abe mnye.

4Abanangqondo na abakhohlakeleyo,

abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,

bengamnquli nokumnqula uThixo?

5Baya kunkwantya ngendlela engaziwa mntu.

Kaloku uThixo uyawasarhaza amathambo âbo bamchasayo.

Baya kuhlazeka kuba uThixo ubalahlile.

6Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli!

Akuba uThixo eyibuyisele inkqubela yabantu bakhe,

abakwaYakobi baya kugcoba, achulumache amaSirayeli.

IINDUMISO 54

Ukucela ukukhuselwa ezintshabeni

Kumbhexeshi-kwayara; ikhatshwa ziintambula; umbongo kaDavide, ngexesha amaZiti exelela uSawule ukuba uDavide uzimele kuwo.

1Ngegunya lakho ndisindise, Thixo;

ngamandla akho undikhulule.

2Wuphulaphule umthandazo wam,

sive isikhalo sam, Thixo.

3Iintlanga ziyandihlasela;

izikhohlakali zizungula ukundibulala.

Zona azimkhathalele nganto uThixo.

4Kodwa ke umncedi wam nguThixo,

umxhasi wam nguMhlekazi.

5Ngamana wayibuyisela kwasezintshabeni zam inkohlakalo yazo.

Zibhangise, kuba uthembekile wena.

6*Ndikhoyo, ndilangazelela ukukwenzela umbingelelo.

Ndiyabulela kuwe, kuba wena ulungile.

7Kuzo zonke iingxaki zam wena undihlangule;

ukoyiswa kweentshaba zam ndikubone ngamehlo.

IINDUMISO 55

Ukucela uncedo

Kumbhexeshi-kwayara; umbongo kaDavide; ukhatshwa ziintambula.

1Ndincede uwubekele iindlebe umthandazo wam, Thixo.

Ndibhenela kuwe; sukundifulathela.

2-3Sabela, undiphendule.

Kaloku iinkathazo zindongamele.

Ngenxa yezisongelo zeentshaba zam ndididekile;

ingcinezelo yabangendawo indixinile.

Bafumba inkxwaleko phezu kwam;

futhi bandingcikiva ngolunya.

4Ndiyajijitheka ngaphakathi;

izoyikiso zokufa zindivingcele.

5Andoyiki ndiyagubha!

Ukunkwantya kuyandirhwaqelisa.

6Ndide ndithi: “Akwaba bendinamaphiko njengehobe!

Bendiya kuntinga ndiye kuphumla kude lee.

7Ewe, bendiya kubethwa ngumoya,

ndihlale entlango.

8Ndandiya kukhawuleza ndizifunele umqolomba,

ndiyizimele kuyo imimoya ebhudlayo.”

9Nqanda, Mhlekazi!

Waphuthise amacebo abo!

Kubhidanise ukuthetha kwabo, bangevani,

kuba ndibona ugonyamelo nesidube-dube esixekweni.

10Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zesixeko;

siyaphuphuma bububhoja nobutshijolo.

11Ewe, siphuphuma intshabalalo;

ezindaweni zeembutho yingcinezelo nobukrelemnqa.

12Kambe ke andingcikivwa lutshaba.

Ukuba ibilulo bendinganyamezelayo.

Asinguye ondichasayo lo undiqholoselayo,

okanye bendingamphephayo.

13Koko nguwe, ntangam, wena gxa wam,

mhlobo wam osenyongweni.

14Fudula sisidl' imbadu kunye;

endlwini kaThixo sasikunye, singumtya nethunga.

15Ngamana zahlaselwa kukufa iintshaba zam.

Ewe, ngamana zehlela kwelabafileyo zihleli.

Koloku amakhaya azo aqhelene nobubi.

16Kambe ke ndibhenela kuThixo.

Ewe, *uNdikhoyo uya kundihlangula.

17Kusasa emini nangokuhlwa

ndithiwe mbende ngumva-ndedwa;

saye ke isililo sam sinyukela kuye,

futhi ke uza kundiphulaphula.

18Yena uza kundikhulula,

ndingenawo nowempumlo,

kweli dabi ndikulo,

kwezingaka zona iintshaba.

19Ewe, uThixo owaba sesihlalweni kwamandulo uza kusabela;

waye ke eya kuzibhukuqa.

Kaloku zona aziguquki, zingamkhathalele noThixo.

20Ewe, obefudula engugxa wam

suka wavukela izihlobo zakhe,

wasaphula isithembiso sakhe.

21Yena wayethetha kamnandi,

kodwa intliziyo yona ifukam' inkohlakalo.

Amazwi akhe ayelalanisa,

kodwa engebukhali, eyintshengeca!

22Iingxaki zakho ziphose kuNdikhoyo;

yena uya kukuxhasa, akayi kuze aliyekele ilungisa.

23Kambe ke, Thixo,

uya kubeyelisela enzonzobileni abangendawo,

ababulali namatshijolo,

bengekagqibi nesiqingatha sobomi.

Ukanti ke mna ndiya kukholosa ngawe.

IINDUMISO 56

Ukuthembela kuThixo

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekubanjweni kwakhe ngamaFilistiya eGati. Uculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Ihobe lamahlathi akude.”

1Awu, Thixo, velana nam, kuba iintshaba ziyandihlasela;

maxa onke ziyanditshutshisa.

2Ewe, ndixinekile yintshutshiso yotshaba;

yinyambalala abahlaseli abaqholosayo.

3Ndakuxineka ndikholosa ngawe.

4UThixo olizwi ndilidumisayo

ndikholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

5Iintshaba zam ziyaphixanisa;

zasoloko ziyila amacebo okundilimaza.

6Ziphum' izithuba, ziyandilalela;

zithene mbende nam.

Kaloku ziyandizungula.

7Babuyekeze ngenxa yezenzo zabo, Thixo;

ngamana wabakhahlela phantsi ungenalusizi.

8Uyakubona ukubhadula kwam,

neenyembezi zam uyazibona.

Kaloku uyazibhala ezi zinto.

9Mhla ndabhenela kuwe iintshaba ziya kuphethuka.

Ndotsho ndiqonde ukuba uThixo ungakum.

10UThixo olizwi ndilidumisayo,

*uNdikhoyo olizwi ndilidumisayo,

11ndokholosa ngaye ndingenadyudyu.

Soze andenze nto umntu.

12Ewe, Thixo, ndozifezekisa izithembiso zam,

ndenze umbingelelo wokukubulela;

13kuba undihlangule ekufeni,

undisindise ekoyisweni,

ukuze ndibe phambi koThixo,

ndidle ubomi njalo-njalo.

IINDUMISO 57

Ukucela uncedo

Kumbhexeshi-kwayara; ucamngco lukaDavide ekuphuncukeni kwakhe kuSawule emqolombeni. Luculwa ngathi yilaa ngoma ithi: “Uzungatshabalalisi.”

1Khawube nenceba uvelane nam, Thixo;

kaloku igwiba lam nguwe.

Ndizimela kuloo maphiko akho zide zidlule iinkqwithela.

2Ndibhenela kuThixo uPhezukonke,

kuThixo ongenakundiyekela,

3eve esezulwini andihlangule,

abahlazise abo bandixobongayo.

Ngokuthembeka kwakhe uThixo,

ngokunjalo nangezibele zothando lwakhe,

yena uya kuphendula.

4Ndiphahlwe ziingonyama ezibaqwengayo oonyana babantu.

Zisineke ngeengxavula ezingathi yimikhonto neentolo;

zitsho ngeelwimi ezilencayo.

5Awu, Thixo, zimaseka phezulu esibhakabhakeni;

isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele.

6Bandithiyela ngezabatha; ndatsho ke ndaminxeka.

Bandimbela umwonyo; suka kweyela kwabona.

7Awu, Thixo, ndizimisele ngokupheleleyo;

ewe, ngenene, andithandabuzi;

ndiza kumemelela nditsholoze!

8Awuhoyi na, mphefumlo wam?

Ndosuka ndiqubul' ihapu nekatala;

ewe, ndovuka xa kumpondo zankomo.

9Ndiya kukuncoma phakathi kweentlanga, Nkosi;

ewe, ndokudumisa naphakathi kwezizwe.

10Izibele zakho zibalasele ezulwini;

ukuthembeka kwakho kurhec' amafu.

11Awu, Thixo, zimaseka esibhakabhakeni;

isidima nesihomo sakho masibe phezu kwehlabathi jikelele!

IINDUMISO 51:1-57:11XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.27.6
SIFUMANE KU-