Amaculo 74
ICULO LXXIV.
Elika‐Safa, lokufundisa.
1TIXO! kunganina ukuba usilahlile ngonapakade? kunganina ukuba ingqumbo yako iqu̔me ngakuzo izimvu zesidlelo sako? 2Kumbula intlanganiso yako wabuyitenga kwa kudala, intonga yelifa lako wabuyikulula, kwa lentaba ye‐Ziyone wabuhleli kuyo. 3Pakamisela inyawo zako kuzo intshabalalo ezingunapakade, kwa konke olukucitileyo utshaba endaweni eyingcwele. 4Intshaba zako ziyakonya pakati kwezindlu zokuhlangana zako; ziyamisa imiqondiso yazo ibe yimiqondiso. 5Ku yaziwa njengonyusayo amazembe eludadeni lwemiti. 6Ngokuba kaloku zikanda iziqingqwa zayo ngezixenxe nangezando kwa kunye. 7Indawo yako eyingcwele ziyilahlele emlilweni; intlalo yegama lako ziyinco̔lisile kude kube semhlabeni. 8Zite ezintliziyweni zazo: Masibabulale kwa kunye. Zonke izindlu zokuhlangana zikatixo kulomhlaba zizitshisile. 9Imiqondiso yetu asiyiboni; akuseko mprofite; kanjalo akuseko kuti okwaziyo ukuba kwoba kade kangakananina.
10Tixo! umbandezeli wotuka kude kube ninina? utshaba lwogxeka igama lako kude kube ngunapakade na? 11Yinina ukuba ubuyisele isandla sako, kwa esokunene sako? sir̔ole esifubeni sako, ugqibele. 12Ngokuba utixo engukumkani wam kwa kudala, esebenza intsindiso pakati kwomhlaba. 13Wena wahlula ulwandle ngamandla ako; waqekeza intloko zengwenya emanzini. 14Watyumza intloko zeleviyatane, wayinika ibe kukudla kwabantu basentlango. 15Wacanda umtombo nomsinga wena; womisa imilambo emikulu wena. 16Imini yeyako, ubusuku nabo bobako; ulungisile ukukanya nelanga. 17Umisile yonke imida yomhlaba; udalile ihlobo nobusika.
18Kumbula oku: utshaba lutukile, Yehova! nabantu abagezayo bagxekile igama lako. 19Zunganikeli eṙamncweni ubomi behobe lako; umhlambi wamahlwempu ako zungawulibali ngonapakade. 20Gqala ucebano; ngokuba indawo ezimnyama zomhlaba zizele zizindlu zobudlwengu. 21Oncinezelweyo makangabuyi edanile; olihlwempu nosweleyo mabadumise igama lako. 22Pakama, Tixo! upikele ityala lako: kumbula ukutukwa kwako ligeza imihla yonke. 23Zungalibali ilizwi lentshaba zako: impitimpiti yabasukela ngakuwe ihlala isanda.
Bible Society of South Africa 1902