Amaculo 73
ICULO LXXIII.
Iculo lika‐Safa.
1NGENYANISO utixo uyenza ngokulungileyo ko‐Sirayeli, kwa kubo abantliziyo zingcwele. 2Kodwa mna, inyawo zam zapantsi kupambuka; amanyatela am apantsi kutyibilika. 3Ngokuba ndibe ndinomona ngakubo abagezayo, ndakubona ukwonwaba kwabakohlakeleyo. 4Ngokuba kungeko zibambo ekufeni kwabo; amandla abo omelele. 5Abasebunzimeni boluntu; ababulawa njengabanye abantu. 6Ngako ir̔atshi liyabapahla njengomxokolelwane womqala; ubudlwengu buyabavatisa njengengubo. 7Amehlo abo ayapuma ngokutyeba; bagqitisile nokucinga kwentliziyo. 8Bayahleka, bayateta ngokubi ngembandezelo; bayateta ngoqanqalazo. 9Umlomo wabo bayawubekisa ngakulo izulu, nolwimi lwabo luyahamba emhlabeni. 10Ngako abantu bake baya kubuyela apa, namanzi endebe izele ayahluzelwa kubo. 11Bati ke: Uti nina ukwazi utixo? kuko ukwazi na kopezu kwonke?
12Kangela, aba ngabakohlakeleyo; abanokwonwaba okufuti, bayandisa ubutyebi. 13Ngenyaniso ndifumane ndacokisa intliziyo yam; ndifumane ndahlamba izandla zam kokungenatyala. 14Ngokuba ndibulawa imini yonke, nokwohlwaywa kwam kungemiso ngemiso. 15Ukuba bendiya kuti: Ndiya kuteta njalo; bona ke, ndinga ndisenza ngenkohliso kwisizukulwana sonyana bako. 16Ndindakucinga ukuba ndikwazi oku, kwaba yinkohla emehlweni am; 17ndada ndangena endaweni eyingcwele katixo; ndaza ndaqonda isipelo sabo.
18Ngenyaniso uyababeka emityibilizweni, uyabawisela ezintshabalalweni. 19Hai ukucitakaliswa kwabo kamsinya ke! bagqityelwe kanye zizoyikiso. 20Njengepupa nxa kuvukwayo, woti, Nkosi! wakuvuka, udele isanga sabo.
21Kwa nje ke intliziyo yam yakatazeka, ndahlatywa ezintsweni zam. 22Bendidolile ngoko, ndingenakwazi; ndaba njengenkomo pambi kwako.
23Sendinawe futi noko; undibambile ngesandla sam sokunene. 24Uya kundikokela ngecebo lako, uti kamva undamkele ebungcwaliseni. 25Ndinabanina ezulwini? nasemhlabeni andinqweneli luto ngapandle kwako. 26Kuyapela inyama yam nentliziyo yam: kodwa utixo uliliwa lentliziyo yam, nesabelwa sam kude kube ngunapakade. 27Ngokuba, bona ke, abo bakude nawe baya kububa; uyabatshabalalisa bonke abo bemkayo kuwe ngombulo. 28Kodwa mna, ukuba kufupi notixo kulungile kum; itemba lam ndilibekile enkosini e nguyehova, ndize ndishumayele yonke imisebenzi yako.
Bible Society of South Africa 1902