Amaculo 38
ICULO XXXVIII.
Iculo lika‐Davide, lokukumbuza.
1YEHOVA! zungandohlwayi ngengqumbo yako; zungandibeti ngomsindo wako.
2Ngokuba intolo zako zindihlabile; isandla sako sihlele pezu kwam. 3Akuko kupila enyameni yam, ngenxa yomsindo wako; akuko luxolo ematanjeni am, ngenxa yesono sam. 4Ngokuba inkohlakalo zam zidlule pezu kwentloko yam; njengomtwalo onzima ziyandisinda. 5Izilonda zam ziyanuka, zibolile, ngenxa yobugeza bam. 6Ndigotyiwe, nditotyiwe kakulu, ndihamba ndilila imini yonke. 7Ngokuba isinqe sam sizele kukutsha; akuko kupila enyameni yam. 8Ndicubukile, ndapukile kanye; ndiyabomboloza ngenxa yexala lentliziyo yam. 9Nkosi! inkanuko yam yonke isebusweni bako; nokugula kwam akukufihlelwanga. 10Intliziyo yam iyabetabeta, ndishiyiwe ngamandla am; nokukanya kwamehlo am, kwa wona akaseko nam.
11Abatandi bam nabahlobo bam bayagwegweda esibetweni sam: nabalamane bam bemi kude. 12Kanjalo abo bafuna ubomi bam bayanditiyela; nabo bafuna ukwenzakala kwam bayateta izinto zobumenemene; bayacinga inkohliso imini yonke. 13Kodwa mna bendinjengesitulu, andeva; nanjengesidenge esingavuli umlomo waso. 14Ndandinjengomntu ongeva nto, nokungeko zohlwayo emlonyeni wake. 15Ngokuba, Yehova! nditembela kuwe; uya kupendula wena, Nkosi, Tixo wam! 16Ngokuba ndite: Ndipendule, hleze bandivuyelele. Nxa lutyibilikayo unyawo lwam, bayazenza bakulu ngakum. 17Ngokuba ndihlalel’ ukuqwalela, nobuhlungu bam busebusweni bam futi. 18Ngokuba ndiya kushumayela inkohlakalo yam; ndiya kuba novalo ngenxa yesono sam. 19Kodwa intshaba zam zipilile, zomelele; nabo banditiyayo kungeko ndawo bayandiswa. 20Kanjalo abo bavuzayo ngobubi endaweni yokulunga, bayimpi kum ngokuba ndiputuma okulungileyo.
21Zungandishiyi, Yehova! Tixo wam, zungabi kude nam! 22Kauleza ukuza kundisiza, Nkosi, usindiso lwam!
Bible Society of South Africa 1902