ICULO XXXVII.
Iculo lika‐Davide.
1UNGAZIQUMBISI ngenxa yabo bakwenza okungalungileyo; ungabi namona ngakubo abenzi bobumenemene. 2Ngokuba beya kuhla banqanyulwe njengenca; bobuna njengomfuno oluhlaza. 3Tembela kuyehova, wenze okulungileyo; yima umhlaba, udle ngokukolwa. 4Ziyolise nokuziyolisa kuyehova; wokunika izicelo zentliziyo yako. 5Qengqela pezu kwoyehova indlela yako; tembela kuye nokutemba, kwakuya kwenziwa nguye. 6Wovelisa ubulungisa bako njengokukanya, nokugwetyelwa kwako njengemini enkulu.
7Yiti cwaka pambi kwoyehova, uhlale ulinda yena. Ungaziqumbisi ngenxa yonokutamsanqeleka endleleni yake, ngenxa yomntu owafezayo amaqinga akohlakeleyo. 8Yeka ingqumbo, ushiye umsindo; ungaziqumbisi, kukwenza okungalungileyo kupela. 9Ngokuba abenzi bokungalungileyo beya kunyotulwa; kanti abakangela kuyehova, bona bowufuya umhlaba. 10Kwoba ngumzuzwana aze angabiko okohlakeleyo; wogqala indawo yake wena, kanti akaseko. 11Kodwa abalulamileyo bowufuya umhlaba; boziyolisa ebuninzini boxolo.
12Okohlakeleyo uyaqinga ngakuye olungileyo; uyatshixiza ngakuye ngamazinyo ake. 13Inkosi yona iya kumhleka; ngokuba ibona ukuba imini yake iyeza. 14Abakohlakeleyo bar̔olile iṙele, batyedile isipeta sabo, ukuze bawise ihlwempu nosweleyo, babulale abandlela ilungileyo. 15Iṙele labo liya kungena kweyabo intliziyo, nezipeta zabo ziya kwapulwa.
16Intwana encinane yolungileyo ibudlule ngokulunga ubutyebi babakohlakeleyo abaninzi. 17Ngokuba ingalo zabakohlakeleyo ziya kwapulwa; kanti uyehova uyabasekela abalungileyo.
18Uyehova uyayazi imihla yabayinene; ilifa labo liya kuhlala kude kube ngunapakade. 19Abayi kudana ngexesha lobubi; nasemihleni yendlala bohlutiswa. 20Kodwa abakohlakeleyo botshabalala; nentshaba zikayehova njengamanqata emvana ziya kupela; njengomsi ziya kupela. 21Okohlakeleyo uyaboleka kwabanye, angabuyi ahlaule; kanti olungileyo uba nofefe, uyapa. 22Ngenyaniso abatamsanqeliswa nguye bowufuya umhlaba; kanti abaqalekiswa nguye bonqanyulwa.
23Amanyatela omntu olungileyo ayaqiniswa nguyehova; uyatanda indlela yake. 24Nakuba esiwa, akayi kuwiswa kupele; ngokuba uyehova esekela ngesandla sake. 25Ndibe ndimtsha, kaloku sendimdala; kodwa andizanga ndibone olungileyo eshiyiwe, nenzalo yake ifuna ukutya. 26Uba nofefe imihla yonke, aboleke; inzalo yake yeyokutamsanqelisa.
27Suka enkohlakalweni, wenze okulungileyo, uhlale uhleli kude kube ngunapakade. 28Ngokuba uyehova etanda okufaneleyo; akashiyi abangcwele bake; bayagcinwa kude kube ngunapakade bona, kodwa inzalo yabakohlakeleyo iyanqanyulwa. 29Abalungileyo bowufuya umhlaba, bahlale ngonapakade pezu kwawo.
30Umlomo wolungileyo uyaxela ubulumko; ulwimi lwake luyateta okufaneleyo. 31Umteto wotixo wake usentliziyweni yake; akuyi kubako elityibilikayo kwamanyatela ake. 32Okohlakeleyo uyalalela olungileyo, efuna ukumbulala. 33Uyehova akayi kumshiya esandleni sake; akayi kumgweba nxa ityala lake litetwayo. 34Kangela kuyehova, ubambe indlela yake; wokupakamisa uze ufuye umhlaba: nxa banqanyulwayo abakohlakeleyo, wobonela.
35Kendabona okohlakeleyo, umbandezeli, etwabululeka njengomti oluhlaza: 36kodwa wadlula, bona ke, akaseko; ewe ndamfuna, kanti akafumaneki. 37Gqala ofezekileyo, ukangele olungisayo; ngokuba isipelo somntu onje siluxolo. 38Kanti abagqiti bayatshatyalaliswa kunye; isipelo sabakohlakeleyo siyanqanyulwa. 39Kodwa usindiswa lwabalungileyo luvela kuyehova; ungamandla abo ngexesha lobunzima. 40Uyehova wobanceda, abakulule; uya kubakulula kubo abakohlakeleyo, abasindise; ngokuba betembile kuye.