U‐Jobi 29
1WALEKELA u‐Jobi wahambisa isiteto sake, wati:
2Akwaba kwakunjalo kum njengasezinyangeni zapambili, njengasemihleni wandigcinayo utixo; 3sakukazimla isibane sake pezu kwentloko yam, ndakuba ngokukanya kwake ndacanda ubumnyama: 4njengokuba bendinjalo emihleni yokucuma kwam, nxa inkolelo katixo ibipezu kwentente yam; 5nxa usomandla abeseko nam, bandingqonga abafana bam; 6nxa ndabendihlanza izihambo zam ngamasi, lati iliwa latulula ngakum imilanjana yeoli!
7Ndati ndakupumela esangweni ngasesixekweni, nesihlalo sam ndasimisa enkundleni; 8amadodana andibona, azimela; namaxego esuka, ema. 9Inkosana zawabamba amazwi, zabeka isandla pezu kwomlomo wazo. 10Amanene ilizwi lawo latiwa cwaka, nolwimi lwawo lwanamatela ekuhlangutyeni lawo. 11Yakundiva indlebe, yandul’ ukunditamsanqelisa; lakundibona iliso, landul’ ukundinqi̔nela: 12ngokuba ndabendisindisa ihlwempu elakalayo, kwa nenkedama, nongenamncedi. 13Isitamsanqeliso sobebuba seza pezu kwam; nentliziyo yomhlolokazi ndayenza ivume ngovuyo. 14Ndambata ubulungisa; bona bazivatisa ngam; lwalunjengengubo nonkontsho ugwebo lwam. 15Bendingamehlo kwimfama, nenyawo kwisiqwala. 16Bendinguyise kwabasweleyo; netyala lalowo bendingamazi ndalifunisela. 17Ndawapula amabamba olimenemene, nasemazinyweni ake ndayiti kahla impango. 18Ndaza ndati: Okunene ndobubela endlwini yam, ndiya kwandisa imihla njengentlabati: 19ingcambo yam ivulekele emanzini, uti umbete ulalise esebeni lam: 20ubungcwalisa bam buyatwasa kum, nesipeta sam siyahlaziywa esandleni sam.
21Bandibekela indlebe, balinda ke; bati tu ngenxa yecebo lam. 22Emveni kwelizwi lam ababuya batete; kwatontsela pezu kwabo isiteto sam. 23Babendilindela njengokuba kulindelwa imvula; bayakamisa imilomo yabo njengokuba kusakanyiselwa imvula yasemva. 24Ndakubancumela, babengenakukolwa; nokukanya kwobuso bam babengakuwisi. 25Ndanyula indlela yabo, ndahlala ndiyinkosi; ndema njengokumkani ebandleni, njengotutuzelayo abalusizi.
Bible Society of South Africa 1902