U‐Jobi 30
1Kodwa kaloku, bayandihleka abamihla mincinane kweyam, abayise ngendicekisile ukubabeka ndawonye nezinja zomhlambi wam. 2Kwa amandla ezandla zabo, ayinto nina kum, abo babujelweyo bubudala obuzeleyo? 3ngentswelo nangokulamba becontile! abasabela ezweni elomileyo, ebumnyameni bokucitakala nokutshabalala; 4abaqaula umfuno otyuwaṙa ngasetyolweni; nabakutya kuzingcambo zemiti yeroteme. 5Bagxotwa pakati kwabantu, (abamemeza ngakubo njengakulo isela,) 6ukuya kuhlala emifuleni eyoyikekileyo, eminxunyeni yomhlaba namawa. 7Bayakonya pakati kwamatyolo; bayafumbalala ngapantsi kwamaṙau. 8Abantwana bobubedengu, ewe, abantwana bokungenagama! bagqogqwa elizweni.
9Kanti kaloku, ndiba yingoma yabo; ewe, ndiba ngumzekeliso kubo. 10Bayandizonda; bayashenxa kude kum; ababambi namate ebusweni bam. 11Ngokuba ecumbulule intambo yake, wandibandezela, nabo bawulahlile umkala pambi kwam. 12Ngasekunene bayasuka abafana; bayasunduza inyawo zam; bayaposela ngakum indlela zabo zokutshabalalisa. 13Bayacita umendo wam; bayahambisa ilishwa lam; akuko mncedi kubo. 14Njengaselutandeni olubanzi bayangena; ngapantsi kwengcitakalo bayaziqengqa. 15Izituso zijikile ngakum; ziyasukela ubukosi bam njengomoya; nanjengelifu idlulile inyweba yam.
16Nakaloku, umpefumlo wam upalele pezu kwam; imihla yembandezelo indibambile. 17Ebusuku amatambo am ayahlatywa kum; nemisipa yam ayinakulala. 18Ngobukulu bamandla esifo sam kwenziwe ngakumbi isivato sam; siyandibinqa njengebenqo lehempe yam. 19Undikahlele eludakeni, ndide ndafana notuli notutu. 20Ndiyabizela kuwe, kanti akundipenduli; ndiyasuka ndime, kanti akundigqali. 21Uzenze bunqola kum; ngamandla esandla sako uyandizonda. 22Uyandifunqulela emoyeni; uyandikwelisa pezu kwawo, ugqibele ukundinyibilikisa. 23Ngokuba ndikwazi ukuba uya kundizisa ekufeni, nasendlwini emiselwe bonke abahleliyo. 24Ewe, akuko kutandaza, akwolula isandla sake, nakuba ekububiseni kwake bakalayo. 25Andililanga na pezu kwomihla inzima? ubungenabuhlungu umpefumlo wam na pezu kwosweleyo? 26Ndakukangela ubutamsanqa, kwandul’ ukufika ububi; ndakulinda ukukanya, kweza ubumnyama. 27Amatumbu am abilisiwe, engabanga nakuzola; imihla yembandezelo indibaqile. 28Ndihambile ndimdaka, kungengalo ilanga; ndipakamile entlanganisweni, ndakala ke. 29Ndiba ngumzalwana kwimpungutye, nomlingane kwincinibakazi. 30Intlonze yam iba mnyama yobuke kum; namatambo am atshile bubushushu. 31Kanjalo uhadi lwam luguqulwe lwaba lusizi, nomlozi wam waba lilizwi labalilayo.
Bible Society of South Africa 1902