1AMAZWI ka‐Agure unyana ka‐Yake; isiprofitesho. Yateta indoda leyo ku‐Yitiyeli, ku‐Yitiyeli no‐Yukali.
2Ngenyaniso ndidolile mna pezu kwabantu bonke; andinako ukuqonda kwomntu. 3Ndabendingafundi ubulumko; nokwaziwa kwoyingcwele andikwazi. 4Ngubanina onyukeleyo ezulwini, nohlileyo kona? Ngubanina owubutileyo umoya ezandleni zake? Ngubanina obopileyo amanzi engutyeni? Ngubanina oqinisileyo onke amancam omhlaba? Ngubanina igama lake, ngubanina negama lonyana wake, ukuba uyalazi?
5Onke amazwi katixo acocekile; ulikaka yena kubo bonke abamtembayo. 6Musa ukwongeza kuwo amazwi ake, hleze akwohlwaye, uze ube lixoki.
7Zimbini izinto endizicelileyo kuwe; ungazibandezi kum ndingekafi: 8Kwelelisa kude kum ubuxoki nolwimi; ungandipi nobuhlwempu nobutyebi; undifunzele ngokudla okundilungeleyo; 9hleze ndibe ndihluti, ndize ndikukanyele, nditi: Ungubanina uyehova? okanye hleze ndibe lihlwempu, ndize ndibe̔, ndilipate kakubi igama lotixo wam.
10Ungancetezi isicaka enkosini yaso, hleze sikuqalekise, uze ube netyala.
11Kuko isizukulwana esiqalekisayo uyise, esingamtamsanqelisiyo unina. 12Kuko isizukulwana esimhlope kwawaso amehlo, kanti asihlanzwanga ekunco̔leni kwaso. 13Kuko isizukulwana, anjanina amehlo aso ukuzidla, nenkope zaso ukupakanyiswa! 14Kuko isizukulwana, amazinyo aso ziziṙele, namazinyo omhlati aso zizitshetshe, okudla amahlwempu asemhlabeni, nabasweleyo pakati kwabantu.
15Isimungunyigazi sinentombi ezimbini, ezitsho ukuti: Sipe, sipe! Kuko izinto zintatu ezingenako ukukoliswa; ewe, zine ezingatshoyo ukuti: Kwanele. 16Lincw̔aba, nesizalo esivalekileyo; ngumhlaba ongenakudikwa ngamanzi, nomlilo ongatshoyo ukuti: Kwanele.
17Iliso eligculela uyise, elidela ukuva unina, onomyai basentilini bolincotula, namatole okozi olidla.
18Kuko izinto zintatu ezindinqabeleyo; ewe, zine endingazaziyo: 19Yindlela yokozi esibakabakeni; yindlela yenyoka pezu kweliwa; yindlela yenqanawa pakati kwolwandle; nendlela yendoda entombini. 20Injalo indlela yomṙexezikazi; uyadla, asule umlomo wake, ati: Andenzanga nkohlakalo.
21Ngenxa yezinto ezintatu umhlaba uyazanyazanyiswa, nangenxa yezine ukohliwe kukuzinyamezela: 22Ngenxa yesicaka, sakuba nobukosi; nesityakala, sakuhluta kukudla; 23ngenxa yenkazana etiyekayo, yakwenda; nesicakakazi, sakuba yindlalifa yenkosikazi yaso.
24Kuko izinto zine ezincinane pezu kwomhlaba, kanti zilumkile zona kakulu: 25Imbovane zingabantu abangenamandla, kanti ziyalungisa ukutya kwazo ehlotyeni. 26Imbila zingabantu ababutataka, kanti ziyamisa izindlu zazo eweni. 27Inkumbi azinakumkani, kanti ziyapuma zonke ngamabandlabandla. 28Isigcawo siyabambelela ngezandla zaso, sibako nasezingxandeni zokumkani.
29Kuko izinto zintatu ezilungisa ukunyatela; ewe, zine ezilungisa ukuhamba: 30Yingonyama, enobuṙoti pakati kwamaṙamncwa, ingabuyi nakwelinye; 31yinja yomoya; nenkunzi yebokwe; nokumkani okungeko ukumelana naye.
32Ukuba wenzile ngobudenge ekuzipakamiseni, nokuba uqingile okukohlakeleyo, isandla sibe semlonyeni! 33Ngokuba ukuncinezelwa kwamasi kuvelisa inqaka, nokuncinezelwa kwempumlo kuvelisa igazi; kwa njalo ukuncinezelwa kwomsindo kuyavelisa impikiswano.