1ILIZWI elezayo ku‐Jeremiya livela kuyehova, lisiti: 2Yivani amazwi olucebano, nitete kuwo amadoda akwa‐Juda, nakubo abemi base‐Yerusaleme; 3uze uti kubo: Utsho uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ukuti:
Makaqalekiswe lowamntu ongevayo amazwi olucebano, 4endayalelayo oyihlo benu ngalo, mhlana ndabaku̔payo elizweni le‐Jipete, esidlangalaleni sesincete, ndisiti: Yivani ilizwi lam, niwenze, njengako konke ndiniyalelayo; naniya kuba ngabantu bam, nam ndoba ngutixo wenu; 5ukuze ndiqinise isifungo, endafunga ngaso koyihlo benu, sokuba ndibanike ilizwe elela ubisi nobusi, njengokuba kunjalo namhla nje. Ndaza ndapendula ndati: Amene, Yehova!
6Wandula uyehova wati kum: Shumayela onke lamazwi ezixekweni zakwa‐Juda, nasezitarateni ze‐Yerusaleme, usiti: Yivani amazwi olucebano, niwenze. 7Ngokuba ndanqi̔nisa kunene koyihlo benu, mhlana ndabanyusayo elizweni le‐Jipete, kwada kwanamhla nje, ndivuka kusasa ndinqi̔nisa, ndisiti: Yivani ilizwi lam. 8Abevanga noko, abatobanga indlebe yabo kanjalo, kodwa bahambile abanye ngabanye ngobulukuni bentliziyo yabo ekohlakeleyo; ngako ndizisile pezu kwabo onke amazwi olucebano, endandibayalela ukuwenza, kanti abawenzanga.
9Waza uyehova wati kum: Kufunyanwa ingcebiswano pakati kwamadoda akwa‐Juda, napakati kwabemi base‐Yerusaleme. 10Babuyele kuzo izikohlakalo zomakulu babo, ababesala ukuva amazwi am; balandele otixo bambi, ukuba babakonze: indlu ka‐Sirayeli nendlu ka‐Juda balwapule ucebano lwam, endalwenzayo noyise babo.
11Ngako oko utsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kuzisa pezu kwabo ilishwa, abaya kukohlwa ukulipepa; nakuba bakalayo kum, andiyi kupulapula kubo noko. 12Bangandula baye abezixeko zakwa‐Juda nabemi base‐Yerusaleme, bakale kubo otixo ababaqu̔miselayo: kodwa abayi kuka babasindise exesheni lelishwa labo. 13Ngokuba njengenani lezixeko zako, bebenjalo otixo bako, Juda! nanjengenani lezitarate ze‐Yerusaleme, nimisile izibingelo kokulihlazo, izibingelo zokuqu̔misela u‐Bali. 14Ngako kaloku ungatandazeli ababantu, ungapakamisi ngenxa yabo isikalo nesitandazo; ngokuba ndingayi kuva exesheni lokubiza kwabo kum ngenxa yelishwa labo. 15Umtandwa wam unanto nina endlwini yam, akuyenza lonto ebutshinitshini eyimikumdelikane? kanjalo inyama eyingcwele imkile kuwe: nxa ukwenza okukohlakeleyo, oko uyagcoba. 16Uyehova walibiza igama lako ngokuti, ngumnquma oluhlaza, osiqa̔mo sihle ukubonakala kwaso; ngentlokoma yesipitipiti esikulu, upembile umlilo pezu kwawo, namasebe awo wona wapukile. 17Ngokuba uyehova wemikosi, okutyalileyo, etetile ilishwa ngawe; ngenxa yenkohlakalo yendlu ka‐Sirayeli, neyendlu ka‐Juda, abayenzileyo ngakubo bona ukundiqumbisa, ngokuqu̔misela u‐Bali.
18Kekaloku uyehova undazisile, ndide ndazi ke: oko ubundibonisa izenzo zabo. 19Kodwa mna bendinjengemvana engumbuna, er̔olelwa ekuxe̔lweni; ngokuba bendingazi ukuba baqingile amaqinga ngakum, besiti: Masiwonakalise umti kunye nokutya kwawo, masimnqamle elizweni labapilileyo, ukuba igama lake lingabi sakunjulwa. 20Kodwa, Yehova wemikosi, ogwebayo ngokulungileyo, olingayo izintso nentliziyo! mandibone impindezelo yako pezu kwabo; ngokuba ndilityilile kuwe ityala lam.
21Ngako oko, utsho uyehova ngawo amadoda ase‐Hanatote, abufunayo ubomi bako, esiti: Ungaprofiteshi egameni likayehova, ukuze ungafi ngesandla setu; 22ngako oko, utsho uyehova wemikosi ukuti: Bona ke, ndiya kuwohlwaya; amadodana aya kufa ngesiṙele; onyana bawo nentombi zawo baya kufa ngendlala; 23kwaye kungayi kubako isisalela kuwo: ngokuba ndiya kuzisa ilishwa pezu kwamadoda ase‐Hanatote, umnyaka wokwohlwaywa kwawo.