1YIVANI ilizwi alitetayo uyehova kuni, ndlu ka‐Sirayeli! 2Utsho uyehova ukuti: Indlela yabaheyideni ningayifundi, nangemiqondiso yasezulwini ningetuswa; nangona abaheyideni betuswa ngayo. 3Ngokuba amasiko ezizwe engendawo: ngokuba kugaulwa umti ehlatini, umsebenzi wezandla zencibi, ngezembe. 4Bayawuhomba ngesilivere nangegolide; bayawuqinisa ngezikonkwane nangezando, uze ungashukumi. 5Banjengomti wepalime osetyenziweyo, abangetete; bafanele ukutwalwa, ngokuba bengenakuhamba: ningaboyiki; ngokuba bangenze okukohlakeleyo, kanjalo nokwenza okulungileyo akuko nabo. 6Akuko nanto engangawe, Yehova! umkulu wena, negama lako likulu ngamandla. 7Ngubanina obengayi kukwoyika, Kumkani wezizwe! ngokuba kufanele wena; ngokuba pakati kwawo onke amalumko ezizwe, nakubo bonke ubukumkani bazo, kungeko nanto engangawe. 8Kodwa ngokunye badolile, banyabile; usisohlwayo sezinto ezingendawo umti ngokwawo. 9Isilivere ekandelweyo iyaveliswa e‐Tareshishe, negolide e‐Yufazi, umsebenzi wencibi, nowezandla zomtyityishi; ukuvata kwabo lizuluṙa nesibomvu, bangumsebenzi wamalumko bonke. 10Kanti uyehova u ngutixo oyinyaniso, yena u ngutixo opilileyo, nokumkani ongunapakade; ngokur̔ala kwake umhlaba uyazamazama, nezizwe azingenyamezele umsindo wake. 11(Niya kutsho kubo ukuti: Otixo abangenzanga amazulu nomhlaba, baya kutshabalala kwa semhlabeni, napantsi kwamazulu la.) 12Wawenza umhlaba ngamandla ake, wamisa ilizwe ngobulumko bake; nangengqondo yake wawolula amazulu. 13Nxa aku̔pa ilizwi lake, kuko ingxokolo yamanzi ezulwini; uyenyusa amafu esipelweni somhlaba; uyenza imibane kunye nemvula; nomoya uyawuvelisa ezimbekelweni zake. 14Badolile abantu bonke bengenakwazi; badanele umfanekiso bonke abatyityishi: ngokuba umfanekiso otyityishiweyo wake ububuxoki; akuko umoya kuyo. 15Yinto engendawo yona, umsebenzi wezigculelo: ngexesha lokwohlwaywa kwayo iya kutshabalala. 16Osisabelwa sika‐Yakobi akanjengalé; ngokuba yena engumdali wento zonke; no‐Sirayeli uyintonga yelifa lake: nguyehova wemikosi igama lake.
17BUTA impahla yako elizweni, wena uhleli ekuvingcekeleni! 18Ngokuba esitsho uyehova ukuti: Bona ke, ndiya kusaula abemi belizwe ngexesha eli, ndibangenise ebunzimeni, ukuze babufumane.
19Hai usizi lwam, ngenxa yesapuko sam! isibetwa sam sibuhlungu; kodwa ndati: Ngenyaniso lento iyingozi, endifanel’ ukuyinyamezela. 20Intente yam icitekile, nazo zonke intambo zam ziqaukile; usapo lwam lupumile kum, lungaseko; akuko oya kwolula kanjako intente yam, noya kumisa izikuselo zam. 21Ngokokuba abalusi bebedolile, nokuba bengamfunanga uyehova, ngako oko abalungisekanga, nawo wonke umhlambi wabo waba lusali. 22Ilizwi leṙeto, bona ke, liyeza, nempitimpiti enkulu ivela elizweni lasenode; kuze kwenziwe izixeko zakwa‐Juda ingcitakalo, indawo yokuhlala yempungutye.
23Ndiyazi, Yehova! ukuba asi yiyo eyomntu indlela yake, asi kuko okwendoda ehambayo ukubekisa ukunyatela kwayo. 24Ndohlwaye, Yehova! kodwa ngokufanelekileyo; kungabi ngengqumbo yako, hleze undenze into encinane. 25Galela umsindo wako pezu kwabaheyideni abangakwazanga, napezu kwezizalwane ezingabizanga egameni lako: ngokuba bemdlile u‐Yakobi; ewe, bamdlile, bamgqibele, nekaya lake balicitakalisile.