1Ulungile wena, Yehova! noko mandipikisane nawe; manditete nawe indawo zobugwebo kupele. Kunganina ukuba indlela yabakohlakeleyo inokutamsanqeleka? kunganina ukuba basekwonwabeni bonke abenzayo ngenkohliso kakulu? 2Ubatyalile, bendele kanjako; bayakula, bayavelisa isiqa̔mo kanjako; ukufupi wena emlonyeni wabo, koko ukude nezintso zabo. 3Kodwa wena, Yehova! uyandazi; uyandibona, nentliziyo yam uyayilinga ukuba inawe: bar̔olele ukuxe̔lwa njengegusha, ubahlulele umhla wokubulala. 4Kude kube ninina ilizwe liya kulila, nenca yezindle zonke ziya kubuna, ngenxa yenkohlakalo yabahleli kulo? kububile izilo nentaka; ngokuba bebesiti: Akuyi kubonwa ukupela kwetu.
5Nxa ubalekayo nabahamba ngenyawo, bandule bakudinise, woti nina ke ukuzamana namahashe? ukuba elizweni loxolo unqabile, woti nina ke ukwenza ekukukumaleni kwe‐Yoredane? 6Ngokuba kwa abazalwana bako, nendlu kayihlo, kwa bona bayakupata ngenkohliso, kwa bona bayabiza emva kwako kakulu: zungakolwa ngabo, nangona bateta kuwe ngobuhlobo.
7Ndishiyile indlu yam, ndilahlile ilifa lam, ndinikele umtandwa wompefumlo wam esandleni sentshaba zake. 8Ilifa lam linjengengonyama ehlatini kum; liyaku̔pa ngakum ilizwi lalo; ngako oko ndilitiyile. 9Ilifa lam liyintakakazi enamabala kum; intakakazi zingakulo ngokungqonga: yizani, hlanganisani onke amaṙamncwa asendle, waziseni ekudleni. 10Abalusi abaninzi bawonakalisile umyezo wam, bawubuqile umhlaba wam; bawuguqule umhlaba wam omnandi ube yintlango ecitakeleyo. 11Wenziwe ube yingcitakalo; uyingcitakalo nje, uyalila kum; ilizwe lonke licitakalisiwe, kungeko olibekela intliziyo noko. 12Pezu kwazo zonke indawo ezipezulu entlango abafaci bafikile; ngokuba iṙele likayehova lisidla kwa kwenye incam yelizwe kude kube kwenye incam yelizwe; akuko luxolo kulo lonke uluntu. 13Bahlwayele inqolowa, koko beya kuvuna ameva; bazidinisile, koko bengayi kuncedwa; baya kudanela inzuzo yenu, ngenxa yobushushu bengqumbo kayehova.
14Utsho uyehova ngakubo bonke abamelwane bam abakohlakeleyo, abacukumisa ilifa endibenzileyo abantu bam o‐Sirayeli balidle, ukuti: Bona ke, ndiya kubadonyula elizweni labo, nendlu ka‐Juda ndoyidonyula kwa pakati kwabo. 15Kwakuya kuti, emveni kwokuba ndibadonyule, ndobuya ndibe netaṙu ngakubo, ndibabuyise, baye abanye ngabanye elifeni labo, nabanye ngabanye emhlabeni wabo. 16Kwakuya kuti, ukuba baya kukutala ukufunda indlela zabantu bam, bafunge igama lam ngokuti: Ehleli nje uyehova! njengokuba bebefundisa abantu bam ukufunga u‐Bali, baya kwandula bakiwe pakati kwabantu bam. 17Kodwa ukuba abayi kuva, ndiya kugqibela ukudonyula isizwe eso, ndisitshabalalise, utsho uyehova.