Bible Society of South Africa

Xa uloyiko lobundlobongela obuqhubeka ekhaya buxingisa ubomi bakho … – Usuku 2

Ihlazo lokuxhaphaza

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 1

27Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

EYEZIQALO 1:27XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 139

13Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;

nditsho mna kanye lo!

Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa kwandisekumama.

14Ndikubonga ndikubulela ngenxa yomntu endinguye,

ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa kwento endiyiyo.

Ewe, iyakhamnqisa kambe imisebenzi yakho.

Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

IINDUMISO 139:13-14XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Njengomntu owaxhatshazwayo, ungaziva uhlazekile into ekwenza ukuba ukholelwe ekubeni wena awufanelwanga kuthandwa. IBhayibhile yona iyakuqinisekisa ukuba wenziwe ngokomfanekiso kaThixo.

Wamdala ke uThixo umntu. Wamenza wangumfuziselo wakhe. Wadala umntu oyindoda kwakunye nomntu obhinqileyo.

UThixo wathatha inkathalo xa wayedala wena:

Andithi na kaloku ndadalwa nguwe;
nditsho mna kanye lo!
Ewe, wandixonxa wandilunga-lungisa
kwandisekumama.
Ndikubonga ndikubulela ngenxa
yomntu endinguye,
ngenxa yokumangalisa nokukhwankqisa
kwento endiyiyo.
Ewe, iyakhamnqisa kambe
imisebenzi yakho.
Leyo ke into ndiyiqonde pheleleyo.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-