Bible Society of South Africa

Xa uloyiko lobundlobongela obuqhubeka ekhaya buxingisa ubomi bakho … – Usuku 1

IBhayibhile ayikukhuthazi ukuxhatshazwa

Itekisi yeBhayibhile

UMATEWU 20

28abe njengaye *uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

UMATEWU 20:28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 7

23UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu.

1 KWABASEKORINTE 7:23XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KWABASEKORINTE 3

16Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu? 17Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.

1 KWABASEKORINTE 3:16-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UYesu weza emhlabeni ukuza kukhulula abantu ebukhobokeni. Uzisa umthetho omtsha apho yonke indoda, umfazi nomntwana benelungelo lokuphathwa ngokufanelekileyo nangobuntu.

“Abe njengaye uNyana woLuntu, yena ongezanga kukhonzwa, koko oweza kukhonza nokuncama ubomi bakhe bube yintlawulelo yokukhulula abaninzi.”

UThixo wanithenga ngexabiso elikhulu; musani ke ukuba ngamakhoboka abantu.

Anazi na ukuba nina niyindlu kaThixo? Anazi na ukuba uMoya kaThixo uhlala ngaphakathi kwenu? Ukuba umntu uyayonakalisa indlu kaThixo, uThixo uya kumohlwaya, kuba indlu kaThixo ingcwele – nina ke niyiloo ndlu.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-