Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 5

Sazi njani ukuba isono yintoni? - Part 1
- Iziphumo zesono
- UThixo uyasigweba isono

Itekisi yeBhayibhile

EYEMFUDUKO 20

Umnqophiso

1Ke kaloku uThixo wathetha wenjenje: 2“Mna *ndinguNdikhoyo uThixo wakho owakukhulula eJiputa apho wawulikhoboka khona.

3“Ungaze unqule *thixo wumbi ngaphandle kwam.

4“Ungaze uziqingqele umfanekiso wothixo, nditsho nokuba ngowantoni na esesibhakabhakeni phezulu, okanye esemhlabeni phantsi, okanye nokuba yeyasemanzini aphantsi komhlaba. 5Ungaze ukhahlele unqule umfanekiso oqingqiweyo; kuba mna Ndikhoyo Thixo wakho ndinguThixo onekhwele. Ndiyabohlwaya abandithiyileyo; ewe, ndohlwaya ooyise ndide ndiye kuqhina kwesesithathu nakwesesine isizukulwana sabo. 6Kodwa ke ndiphuphuma izibele kumawaka-waka abo bandithandayo, beyithobela imiyalelo yam.

7“Ungaze ulikhankanye ngelize igama lam; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho andiyi kumxolela ofumana alibize igama lam.

8“Hlala uwukhumbula *uMhla wokuPhumla, uwugcine ulusuku olulodwa lukaNdikhoyo. 9Sebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho. 10Ke wona umhla wesixhenxe lusuku lwam olulodwa lokuphumla. Ngoko ke makungabikho mntu usebenzayo ngalo mhla; nditsho nawe, umntwana wakho, nesicaka sakho, nemfuyo yakho, ngokunjalo nomngeneleli ohlala phakathi kwenu. 11Kaloku mna Ndikhoyo ndênza umhlaba, nesibhakabhaka, nolwandle, nako konke okulapho kwezo zinto, ngeentsuku ezintandathu, ndaza ke ndaphumla ngomhla wesixhenxe. Ngenxa yaloo nto ke lo mhla ndawukhetha ukuze ube lusuku olulodwa lokuphumla.

12“Mhlonele uyihlo ndawonye nonyoko, khon' ukuze ube nokuzinza kwelo lizwe ndikunika lona mna Ndikhoyo Thixo wakho.

13“Musa ukuba sisibulala-mntu.

14“Musa ukukrexeza.

15“Musa ukûba.

16“Musa ukungqina ubuxoki ngomnye umntu.

17“Musa ukunqwenela umzi womnye umntu, nokuba ngumfazi wakhe, nokuba sisicaka sakhe okanye isicakakazi sakhe, nokuba yinkomo yakhe, nokuba yidonki yakhe, okanye nantoni na eyeyomnye umntu.”

EYEMFUDUKO 20:1-17XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

KWABASEROMA 7

Umthetho nesono

7Ndithini ke xa nditshoyo? Ngaba ndithi umthetho usisono? Nakanye! Kodwa ke ngendingasazanga isono ukuba ubungekho umthetho. Kaloku nenkanuko ngendingayazanga ukuba umthetho ubungatshongo ukuthi: “Uze unganqweneli...”

KWABASEROMA 7:7XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMATEWU 22

37Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’ 38Nguwo lowo owokuqala nomkhulu umthetho. 39Owesibini ke ufana nawo: ‘Uze umthande ummelwane wakho kanye ngale ndlela uzithanda ngayo nawe.’ 40Wonke umthetho kaMosis nako konke okufundiswa ngabashumayeli bamandulo kuxhomekeke kule miyalelo mibini.”

UMATEWU 22:37-40XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Umntu uyayazi imithetho kaThixo kodwa ekoneni kwakhe, ukhethe ukulandela intliziyo yakhe. UThixo wasinika iMithetho eliShumi; waze kwiTestamente eNtsha, uYesu washwankathela umthetho kaThixo ukuze ube lula kuthi ukuba siwulandele.

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-