Bible Society of South Africa

Ubulumko banaphakade – Day 3

UThixo – UMdali wako konke Part 3
- Injongo kaThixo ngomntu

Itekisi yeBhayibhile

EYEZIQALO 2

15Umntu wabekwa nguNdikhoyo uThixo emyezweni waseIdeni ukuze awulime, awulondoloze.

EYEZIQALO 2:15XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

IINDUMISO 8

6Umnike igunya kuyo yonke indalo yakho,

wazibeka phantsi kwegunya lakhe zonk' izinto:

7iinkomo neegusha, kwanazo neenyamakazi;

8iintaka eziphaphazelayo, neentlanzi,

nayo yonke into ephithizela elwandle.

IINDUMISO 8:6-8XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

UMSEBENZI WABATHUNYWA 17

25engaswele nto ngokokude abantu bazidube ngokumenzela nto. Kuba kaloku nguye ngokwakhe onika ubomi nomphefumlo, nazo zonke iimfuneko zoluntu lonke. 26Zonke iintlanga zabantu wazidala zaphuma mlibeni mnye, wazenza ukuba ziwume wonke umhlaba. Yena ngokwakhe kwangaphambili wazimisela amaxesha obomi, kunye nemida yokuhlala kwazo. 27Oku wakwenza ukuze zihlale zimzingela, hleze zimphuthaphuthe de zimfumane; nangona yena uThixo engekude kuthi sonke, 28kuba kungaye sikho nje, sisuka-suka, siphilile. Kunjengoko zitshoyo ezinye zeembongi zenu ukuthi: ‘Nathi siyinzala yakhe.’

UMSEBENZI WABATHUNYWA 17:25-28XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

Njengolunye uphawu lothando lwakhe nentembeko yakhe, uThixo akaphelelanga nje ekudaleni umntu ngokomfuziselo wakhe, kodwa wamnika igunya lokulawula indalo nokuyikhathalela

Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-