Ubulumko banaphakade
IBhayibhile ineminyaka ezinkulungwane ezininzi ikhona. Incwadi yokugqibela yeTestamente eNdala yabhalwa kudala engakazalwa noKrestu ngeli lixa iTestamente eNtsha yagqitywa ngasekupheleni kwenkulungwane yokuqala emva kokufa kukaKrestu. Kodwa umyalezo wale ncwadi yakudala uhlala umtsha kwisizukulwana ngasinye. Ngenxa yento yokuba iliLizwi elinika ubomi elisuka kuThixo ophilayo, liye laba ngumthombo wamandla nentuthuzelo kwiminyaka emininzi kumakholwa.Kwihlabathi eligcwele ukungaqiniseki, abantu abaqinisekanga ukuba ukholo luthetha ukuthini kubo. Ngokungafaniyo noPawulos, abaqinisekanga ngothando lukaThixo kubo olungenakushukumiseka. Ngenxa yoko, baye bakhangela le ngqinisekiso kubo ngaphakathi nakwiinyani zexeshana babe bephosa ubulumko banaphakade obuqulathwe kwiLizwi likaThixo.
Iziqendu
Ungabhalisa kwesi sicwangciso sokufunda kwi-BibleSA app