Bible Society of South Africa

Strength For Today – Day 16

- The God of Peace
- The Word Stands For Ever
- God is Love

Itekisi yeBhayibhile

KUMAHEBHERE 13

Umthandazo

20UThixo onika uxolo, owayivusa ekufeni iNkosi yethu uYesu Krestu, waba nguyena malusi womhlambi, 21ngokuphalala kwegazi lomnqophiso ongasoze utshitshe, wanga anganomeleza ekwenzeni okulungileyo, khon' ukuze niyifeze intando yakhe. Wanga angasenza loo nto athanda ukuba sibe yiyo ngoYesu Krestu. Makadunyiswe uYesu Krestu ngonaphakade kanaphakade! *Amen.

KUMAHEBHERE 13:20-21XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAPETROS 1

23Kaloku nizelwe ngelizwi likaThixo ophilayo, ongunaphakade, naba ngabantwana balowo ungasoze afe. 24Zitsho neziBhalo ukuthi:

“Umntu unjengengca,

nodumo lwakhe lunjengentyatyambo yengca.

Iyabuna ingca, ivuthuluke intyatyambo,

25kodwa lona ilizwi leNkosi lihlala lihleli.”

Elo lizwi ke lelo nalishunyayezwa ngeendaba ezimnandi.

1 KAPETROS 1:23-25XHO96Vula kumfundi weBhayibhile

1 KAYOHANE 4

UThixo uluthando

7Zihlobo zam ezithandekayo, masithandane; kuba kaloku uthando luvela kuThixo. Nawuphi na umntu onalo uthando uzelwe nguThixo, futhi uyamazi uThixo. 8Kodwa yena ongenalo uthando akamazi uThixo, kuba uThixo uluthando. 9Nantsi indlela asibonise ukusithanda kwakhe ngayo uThixo: Wathumela uNyana okuphela kwakhe emhlabeni, ukuze thina sidle ubomi ngaye. 10Lunje ke olu thando: Ayisithi esamthandayo uThixo, koko nguye owasithandayo, wasinika uNyana wakhe, ukuze acamagushele izono zethu.

11Zihlobo zam ezithandekayo, xa ke uThixo asithande ngolu hlobo nathi simelwe kukuthandana. 12Nangona uThixo engazanga wabonwa mntu nje, uhlala emanyene nathi ukuba siyathandana, luthi nothando lwakhe luyondelelane kuthi.

1 KAYOHANE 4:7-12XHO96Vula kumfundi weBhayibhile
Bible Society of South Africav.4.26.9
SIFUMANE KU-